Izibhalo
IMfundiso neMinqophiso 89


Icandelo 89

Isityhilelo esinikwe ngoJoseph Smith uMprofeti, eKirtland, eOhio, Februwari 27, 1833. Njengesiphumo sabazalwana basekuqaleni ababesebenzisa icuba kwiintlanganiso zabo, uMprofeti wakhokelelwa ekuphononongeni umba; ngokulandelayo, wabuza eNkosini ngokunxulumene nawo. Esi sityhilelo, saziwa njengeLizwi loBulumko, saba sisiphumo.

1–9, Ukusetyenziswa kwewayini, neziselo ezinamandla, icuba, neziselo ezishushu akuvunyelwanga; 10–17, Amahlamvu amayeza, iziqhamo, inyama, neenkozo zimiselwe usetyenziso lwabantu nolwezilwanyana; 18–21, Ukuthobela umthetho we vangeli, ubandakanya neLizwi loBulumko, kuzisa iintsikelelo zenyama nezomoya.

1 Ilizwi loBulumko, lenzelwa inzuzo yequmrhu lababingeleli abakhulu, abahlanganisene eKirtland, nebandla, kananjalo nabangcwele eZiyon—

2 Ukuthunyelwa umbuliso; ingenguwo umyalelo okanye isinyanzelo, kodwa ngesityhilelo nangelizwi lobulumko, zibonisa ngaphambili umyalelo nentando kaThixo kusindiso lwenyama lwabo bonke abangcwele ngemihla yokugqibela—

3 Linikelwe umgaqo kunye nesithembiso, lilungiselela amandla ababuthathaka nabona babuthathaka ngokugqithisileyo babo bonke abangcwele, abangabangcwele okanye abanokubizwa.

4 Qaphelani, inene, itsho njalo iNkosi kuni: Kwisiphumo sobubi nokuyila okukhoyo nokuya kubakho ezintliziyweni zabantu abenza amayelenqe ngemihla yokugqibela, ndinilumkisile, kwaye ndinilumkise kwa ngaphambili, ngokuninika eli lizwi lobulumko ngesityhilelo—

5 Ukuze nanjengokuba nawuphina umntu esela iwayini okanye isiselo esinamandla phakathi kwenu, qaphelani oko akulunganga, kungafanelekanga nasemehlweni kaYihlo, kuphela xa nizihlanganise kunye ninikela imithendeleko yenu phambi kwakhe.

6 Kwaye, qaphelani, oku kumele ibe yiwayini, ewe, iwayini engcwengileyo yediliya yesidiliya, esenziwe nini.

7 Kwaye, kwakhona, iziselo ezinamandla azizizo ezesisu, kodwa zezokuhlamba imizimba yenu.

8 Kwaye kwakhona, icuba asililo elomzimba, ingelilo nelesisu, kwaye alimlungelanga umntu, kodwa lihlamvu eliliyeza lemigruzuko neenkomo zonke ezigulayo, limele ukusetyenziswa ngentelekelelo nobuchule.

9 Kwaye kwakhona, iziselo ezishushu azizizo ezomzimba okanye isisu.

10 Kwaye kwakhona, inene ndithi kuni, onke amahlamvu angamayeza aphilisayo uThixo uwamisele ukwakheka, indalo, nosetyenziso lomntu—

11 Onke amahlamvu angameyeza exesheni lawo, neziqhamo zonke exesheni lazo; zonke ezi zimele ukusetyenziswa ngobulumko nangemibulelo.

12 Ewe, kanjalo inyama yezilwanyana neyeentaka zezulu, mna, iNkosi, ndiyimisele ukusetyenziswa ngabantu ngemibulelo; nangona kunjalo zimele ukusetyenziswa ngoqoqosho;

13 Kwaye kuyandikholisa okokuba zimele ukuba zingasetyenziswa, kuphela ngamaxesha obusika, okanye engqele, okanye endlala.

14 Zonke iinkozo zimiselwe ukusetyenziswa ngabantu nezilwanyana, zibe ngumsimelelo wobomi, ingekuphela ebantwini kodwa izilwanyana zasendle, neentaka zezulu, nazo zonke izilwanyana zasendle ezibalekayo okanye ezirhubuluza emhlabeni;

15 Kwaye ezi uThixo uzenzele ukusetyenziswa ngabantu kuphela ngamaxesha endlala nendlala egqithisileyo.

16 Zonke iinkozo zilungele ukutya kwabantu; kanjalo njengesiqhamo sesidiliya; eso sivelisa isiqhamo, nokokuba kusemhlabeni okanye ngaphezu komhlaba—

17 Nangona kunjalo, ingqolowa yeyomntu, nerhasi yeyenkomo, nehabile yeyehashe, narayi yeyentaka neehagu, nazo zonke izilwanyana zasendle, nerhasi yeyazo zonke izilwanyana ezinoncedo, nokwenza iziselo ezingenancasa ibukhali, kanjalo njengezinye iinkozo.

18 Kwaye bonke abangcwele abakhumbulayo ukugcina nokwenza ezi ntetho, behamba ekuthobeleni imiyalelo, baya kufumana impilo enkabeni yabo nomongo emathanjeni abo;

19 Kwaye baya kufumana ubulumko neendyebo ezinkulu yolwazi, nkqu iindyebo ezifihliweyo;

20 Kwaye baya kubaleka baze bangadinwa, kwaye baya kuhamba baze bangatyhafi.

21 Kwaye mna, iNkosi, ndibanika isithembiso, okokuba ingelosi etshabalalisayo iya kudlula kubo, njengabantwana bakaSirayeli, ize ingababulali. Amen.