Izibhalo
IMfundiso neMinqophiso 9


Icandelo 9

Isityhilelo esinikwe ngoJoseph Smith uMprofeti sisiya kuOliver Cowdery, eHarmony, ePennsylvania, Aprili 1829. UOliver uyacetyiswa ukuba abe nomonde aze akhuthazwe ukuba oneliseke kukubhala, okwakaloku nje, ekubizelweni uguqulelo, kunokuzama ukuguqulela.

1–6, Ezinye iimbali zamandulo ziseza kuthi ziguqulelwe; 7–14, INcwadi kaMormoni iguqulelwe ngofundo-nzulu nangoqinisekiso lomoya.

1 Qaphela, ndithi kuwe, nyana wam, ngenxa yokuba ungakhange uguqulele ngoko uthe wakunqwenela okukwam, kwaye uphinde waqalisa kwakhona ukubhalela isicaka sam, uJoseph Smith, Omnci., nangona kunjalo ndingathi ndithande uqhubekeke ude ube ugqibe le mbali, endithe ndayinikezela kuye.

2 Kwaye ke, qaphela, ezinye iimbali zinam, endiya kukunika amandla okokuba ube nokuncedisa ekuguquleni.

3 Yiba nomonde, nyana wam, kuba bubulumko obukum, kwaye ayibobulumko okokuba uguqulele ngeli xesha sikulo.

4 Qaphela, umsebenzi obizelwe ukuba uwenze ngowokubhalela isicaka sam uJoseph.

5 Kwaye, qaphela, kungenxa yokuba awuqhubekekanga njengokubawaqalayo, xa waqalisa ukuguqulela, ngoko ndilihluthile eli lungelo lilodwa kuwe.

6 Uze ungambombozeli, nyana wam, kuba bubulumko kum okokuba ndikusebenze ngolu hlobo.

7 Qaphela, akuqondanga; uthelekelele okokuba ndiya kusinikela kuwe, xa ungakhange ucinge ngaphandle kokubuza mna.

8 Kodwa, qaphela, ndithi kuwe, umele kukusifunda nzulu engqondweni yakho; ngoko umele kukubuza mna ukuba oko kulungile, kwaye ukuba kulungile ndiya kubangela okokuba isifuba sakho sitshise ngaphakathi kuwe; ke ngoko, uya kuvakalelwa okokuba kulungile.

9 Kodwa ukuba akulunganga awusayi kuba neemvakalelo ezinjalo, kodwa uya kuba nokudangala kwengqondo okuya kubangela ukuba ulibale into engalunganga; ke ngoko, awunako ukubhala oko kunyulu ngaphandle kokuba ukunikwe kuvela kum.

10 Ngoku, ukuba ubukwazile oku ngowuthe waguqulela; nangona kunjalo, ibingebobulumko ukuba uguqulele ngoku.

11 Qaphela, bekukulungele xa wawuqala; kodwa woyika, kwaye ixesha lidlule, kwaye awusakulungelanga ngoku;

12 Kuba, awuqapheli na okokuba ndinike isicaka sam uJoseph ukomelela okwaneleyo, apho ngako elungisiwe? Kwaye nokuba abemnye kuni endimgwebileyo.

13 Yenze le nto endikuyalele yona, kwaye uya kuphumelela. Thembeka, ungazinikeli ekuhendweni.

14 Yima nkqo emsebenzini kuwo kanye endikubizele wona, kwaye nonwele lwentloko yakho aluyi kulahleka, uya kuphakanyiswa ngomhla wokugqibela. Amen.