Izibhalo
IMfundiso neMinqophiso 93


Icandelo 93

Isityhilelo esinikwe ngoJoseph Smith uMprofeti, eKirtland, eOhio, Meyi 6, 1833.

1–5, Bonke abo bathembekileyo baya kuyibona iNkosi; 6–18, UYohane wanika ubungqina bokokuba uNyana kaThixo wahamba ukusuka elubabalweni ukuya elubabalweni wada Yena wazuza ukuzaliseka kozuko lukaBawo; 19–20, Abantu abathembekileyo, behamba ukusuka elubabalweni kuye elubabalweni, kanjalo baya kuzuza okukoKwayo ukuzaliseka; 21–22, Abo bazelwe ngoKrestu baliBandla leZibulo; 23–28, UKrestu uzuza ukuzaliseka kwenyaniso yonke, kwaye umntu ngokuthobela angenza ngokunjalo; 29–32, Umntu ekuqaleni wayekunye noThixo; 33–35, Izinto zezanaphakade, kwaye umntu angazuza ukuzaliseka kovuyo eluVukweni; 36–37, Uzuko lukaThixo yingqiqo; 38–40, Abantwana bamsulwa phambi kukaThixo ngenxa yenkululelo kaKrestu; 41–53, Abazalwana abakhokelayo bayalelwa ekulungiseni iintsapho zabo.

1 Inene, itsho njalo iNkosi: Kuya kwenzeka okokuba yonke imiphefumlo ezilahlayo izono zayo kwaye ize kum, ize ibize egameni lam, ize ithobele ilizwi lam, ize igcine imiyalelo yam, iya kubona ubuso bam ize yazi ukuba ndinguye;

2 Nokokuba ndilukhanyiso lwenene olukhanyisela bonke abantu abeza ehlabathini;

3 Nokokuba ndikuBawo, noBawo ukum, kwaye uBawo nam sibanye—

4 Ubawo kuba wandinika ukuzaliseka kwakhe, kwaye mna Nyana ngenxa yokuba ndandisehlabathini kwaye ndenza inyama umnquba wam, ndaza ndahlala phakathi koonyana babantu.

5 Ndandisehlabathini kwaye ndafumana uBawo, kwaye nemisebenzi yakhe ibonakaliswe ngokucacileyo.

6 Kwaye uYohane wabona waza wanika ubungqina bokuzaliseka kozuko lwam, nokuzaliseka kobungqina bukaYohane ngexesha elizayo buya kutyhilwa.

7 Kwaye wanika ubungqina, esithi: Ndabona ubuqaqawuli bakhe, okokuba wayesekuqalekeni, phambi kokuba ihlabathi libekho;

8 Ke ngoko, ekuqalekeni uLizwi wayekho, kuba wayenguLizwi, nkqu umthunywa wosindiso—

9 Ukhanyiso noMkhululi wehlabathi; uMoya wenyaniso, oweza ehlabathini, ngenxa yokuba ihlabathi lenziwa nguye, kwaye kuye kwakukho ubomi babantu nokhanyiso lwabantu.

10 Amazwe enziwa nguye; abantu benziwa nguye; zonke izinto zenziwa nguye, kwaye ngaye, nangokwakhe.

11 Kwaye mna, Yohane, ndinika ubungqina bokokuba ndabona ubuqaqawuli bakhe, njengobuqaqawuli boKuphela koZelweyo kaBawo, ezaliswe lubabalo nenyaniso, nkqu uMoya wenyaniso, oweza waza wahlaba enyameni, oweza waza wahlala phakathi kwethu.

12 Kwaye mna, Yohane, ndabona ukuba akafumananga okokuzaliseka ekuqaleni, kodwa wafumana ubabalo ngobabalo;

13 Kwaye akafumananga okokuzaliseka ekuqaleni, kodwa waqhubeka ukusuka elubabalweni kuye elubabalweni, wada wabe ufumene ukuzaliseka;

14 Kwaye njalo wabizwa uNyana kaThixo, ngenxa yokuba akakufumananga okokuzaliseka ekuqaleni.

15 Kwaye mna, Yohane, ndinika ubungqina, kwaye yabona, amazulu ayevulekile, waza uMoya oyiNgcwele wehlela phezu kwakhe ukwimo yehobe, waza wahlala phezu kwakhe, kwaye kweza ilizwi liphuma ezulwini lisithi: Lo nguNyana wam oyintanda.

16 Kwaye mna, Yohane, ndinika ubungqina bokuba wafumana ukuzaliseka kozuko lukaBawo;

17 Kwaye wafumana onke amandla, kunye ezulwini nasemhlabeni, nozuko lukaBawo lwalukunye naye, kuba wahlala kuye.

18 Kwaye kuya kwenzeka, okokuba uthembekile uya kufumana ukuzaliseka kobungqina bukaYohane.

19 Ndininika ezi ntetha ukuze nibe nokuqonda nokwazi ukuba kunqulwa njani, nokwazi ukuba unqula ntoni, ukuze nibe nokuza kuBawo egameni lam, kwaye ngexesha elifanelekileyo nifumane ukuzaliseka kwakhe.

20 Kuba xa nigcina imiyalelo yam niya kufumana ukuzaliseka kwakhe, nize nizukiswe kum njengoko ndikuye uBawo; ke ngoko, ndithi kuni, niya kufumana ubabalo ngobabalo.

21 Kwaye ngoku, inene ndithi kuni, ndandikho ekuqalekeni kunye noBawo, kwaye ndiliZibulo;

22 Kwaye bonke abo bazelweyo ngam bangamadlelana obuqaqawuli obukwanjalo, kwaye balibandla leZibulo.

23 Kanjalo nanikho ekuqalekeni kunye noBawo; lowo unguMoya, uMoya wenyaniso;

24 Kwaye inyaniso lulwazi lwezinto njengoko zinjalo, nanjengoko zazinjalo, nanjengoko ziya kuza;

25 Kwaye nantonina engakumbi okanye enganeno kunoku ingumoya walowo ukhohlakeleyo owayelixoki ukusukela ekuqalekeni.

26 UMoya wenyaniso ngokaThixo. NdinguMoya wenyaniso, noYohane wanika ubungqina ngam, esithi: Wafumana ukuzaliseka kwenyaniso, ewe, nkqu okwenyaniso yonke;

27 Kwaye akukho mntu ufumana ukuzaliseka ngaphandle kokuba ugcina imiyalelo yakhe.

28 Lowo ugcina imiyalelo yakhe wamkela inyaniso nokhanyiso, ade abe uzukisiwe enyanisweni kwaye wazi zonke izinto.

29 Umntu kanjalo wayekho ekuqalekeni kunye noThixo. Ukuqiqa okanye ukhanyiso lwenyaniso, akuzange kudalwe okanye kwenziwe, kungenako ngenene ukubanjalo.

30 Yonke inyaniso izimele kweso sibhakabhaka apho uThixo ayibeke khona, yenzela isiqu sayo, kanjalo njengako konke ukuqiqa; ngamanye amazwi abukho bukho.

31 Qaphelani, nali igunya lokuzikhethela lomntu, kwaye nangu umgwebo womntu; ngenxa yoko kwakukho ekuqalekeni kubonakalisiwe ngokucacileyo kubo, kwaye abafumani lukhanyiso.

32 Kwaye wonke umntu onomoya ongalwamkeliyo ukhanyiso uphantsi komgwebo.

33 Kuba umntu ngumoya. Iziqalelo zezanaphakade, kwaye umoya nesiqalelo, zidityaniswe ngokungahlukaniyo, zamkela ukuzaliseka kovuyo;

34 Kwaye xa zohlukene, umntu akanako ukufumana ukuzaliseka kovuyo.

35 Iziqalelo zingumnquba kaThixo, ewe, umntu ngumnquba kaThixo, nkqu iitempile; nanjengokuba itempile ingcoliswa, uThixo uya kuyitshabalalisa loo tempile.

36 Uzuko lukaThixo kukuqiqa, okanye, ngamanye amazwi, lukhanyiso nenyaniso.

37 Ukhanyiso nenyaniso zishiya ongendawo.

38 Wonke umoya womntu wawumsulwa ekuqalekeni; kwaye uThixo emkhulule umntu ekuweni, abantu kwakhona babuyela, kwimo yabo yobuntwana, bemsulwa phambi koThixo.

39 Kwaye lowo mnye okhohlakeleyo weza waza wahlutha ukhanyiso nenyaniso, ngokungathobeli, eyihlutha ebantwaneni babantu, nangenxa yezithethe zooyise.

40 Kodwa ndiniyalele ekukhuliseleni abantwana benu ekukhanyeni nasenyanisweni.

41 Kodwa inene ndithi kuwe sicaka sam Frederick G. Williams, uqhubekeke phantsi komgwebo;

42 Akubafundisanga abantwana bakho ukhanyiso nenyaniso, ngokunxulumene nemiyalelo; kwaye lowo okhohlakeleyo onamandla, okwa ngoku, phezu kwakho, kwaye oku ngunobangela wembandezelo yakho.

43 Kwaye ngoku ndikunika umyalelo—ukuba uya kuhlangulwa uya kulungisa indlu eyiyeyakho, kuba kukho izinto ezininzi ezingalunganga endlwini yakho.

44 Inene, ndithi kwisicaka sam uSidney Rigdon, okokuba kwezinye izinto akayigcinanga imiyalelo yam ngokunxulumene nabantwana bakhe; ke ngoko, qala ulungise indlu yakho.

45 Inene, ndithi kuwe sicaka sam Joseph Smith, Omnci., okanye ngamanye amazwi, ndiya kunibiza abahlobo, kuba ningabahlobo bam, kwaye niya kuba nelifa kunye nam—

46 Ndinibize zicaka ngenxa yesizathu sehlabathi, kwaye nizizicaka zabo ngenxa yam—

47 Kwaye ngoku, inene ndithi kuJoseph Smith, Omnci.—Awukhange uyigcine imiyalelo, kwaye ufanele ukuma ukhalinyelwe phambi kweNkosi;

48 Usapho lwakho lumele ukuguquka nokushiya ezinye izinto, luze lunike ngakumbi inyameko enyanisekileyo kwiintetha zakho, okanye lukhutshelwe ngaphandle endaweni yalo.

49 Endikuthethayo komnye ndikuthetha kubo bonke; thandaza rhoqo hleze lowo mnye ukhohlakeleyo abe namandla kuwe, aze akukhuphele ngaphandle endaweni yakho.

50 Kanjalo isicaka sam uNewel K. Whitney, ubhishophu webandla lam, ufanele ukohlwaywa, aze alungise usapho lwakhe, aze abone okokuba bakhuthele ngakumbi kwaye bayakhathala ekhaya, baze bathandaze rhoqo, okanye baya kukhutshelwa ngaphandle endaweni yabo.

51 Ngoku, ndithi kuni, bahlobo bam, vumelani isicaka sam uSidney Rigdon ahambe uhambo lwakhe, aze enze ngokukhawuleza, aze abhengeze kanjalo unyaka owamkelweyo weNkosi, nevangeli yosindiso, njengoko ndiya kumnika ukuthetha; kwaye ngomthandazo wenu wokholo kunye nesicelo esinye ndiya kumxhasa.

52 Kwaye vumelani izicaka zam uJoseph Smith, Omnci., noFrederick G. Williams kanjalo benze ngokukhawuleza, kwaye kuya kunikwa kubo nkqu ngokunxulumene emthandazweni wokholo; nanjengokuba niya kuzigcina iintetho zam aniyi kubhidaniswa kweli hlabathi, futhi nakwihlabathi elizayo.

53 Kwaye, inene ndithi kuni, okokuba yintando yam ukuba nimele ukukhawuleza ukuguqula izibhalo zam, nokuzuza ulwazi lwembali, nolwamazwe, nolwezikumkani, olwemithetho kaThixo nabantu, kwaye konke oku kwenzelwe usindiso lweZiyon. Amen.