Izibhalo
IMfundiso neMinqophiso 95


Icandelo 95

Isityhilelo esinikwe ngoJoseph Smith uMprofeti, eKirtland, eOhio, Juni 1, 1833. Esi sityhilelo sikukuqhubekeka kolawulo olunyulu lokwakhela indlu yokunqulela nomyalelo, ingakumbi indlu yeNkosi (bona icandelo 88:119–136).

1–6, AbaNgcwele bohlwaywa ngokusilela kwabo ukwakha indlu yeNkosi; 7–10, INkosi inqwenela ukusebenzisa indlu Yayo ekunikeleni abantu Bayo ngamandla avela phezulu; 11–17, Indlu iza kungcwaliswa njengendawo yokunqula nesikolo sabapostile.

1 Inene, itsho njalo iNkosi kuni endinithandayo, kwaye endibathandayo kanjalo ndiyabohlwaya ukuze izono zabo zibe nokuxolelwa, kuba ngesohlwayo sabo ndibalungiselela indlela yokukhululwa kwabo kuzo zonke izinto baphume ekulingweni, kwaye ndinithandile—

2 Ngako oko, nimele ukohlwaywa kwaye nime nikhalinyelwe phambi kobuso bam;

3 Kuba nonile ngokuchasene nam ngesono esilusizi, kuko oko aniwuqaphelanga umyalelo omkhulu kwizinto zonke, endininike zona ngokunxulumene nokwakhiwa kwendlu yam;

4 Kuba ngolungiselelo endithe ndayila ukulungisa abapostile bam bathene isidiliya sam ngokwexesha lokugqibela, ukuze ndibe nokuphumeza isenzo sam esisodwa, ukuze ndibe nokuthululela uMoya wam phezu kwenyama yonke—

5 Kodwa qaphelani, inene ndithi kuni, okokuba baninzi abamiselweyo phakathi kwenu, endibabizileyo kodwa bambalwa ababo abanyuliweyo.

6 Abo banganyulwanga bone ngesono esilusizi kakhulu, kuko oko bahamba ebumnyameni emini emaqanda.

7 Kwaye ngesi sizathu ndaninika umyalelo wokokuba nimele ukubiza intlanganiso yenu endilisekileyo, ukuze ukuzila kwenu nokulila kwenu kube nokuza phezulu ezindlebeni zeNkosi Sabawothi, ngokutolikwa, ingumdali wosuku lokuqala, isiqalo nesiphelo.

8 Ewe, inene ndithi kuni, ndaninika umyalelo okokuba nimele ukwakha indlu, kuyo indlu leyo ndiyiyilele ukunikela abo ndibanyulileyo ngamandla avela phezulu;

9 Kuba esi sisithembiso sikaBawo kuni; ke ngoko ndiniyalela ukuhlala, nkqu njengabapostile bam eYerusalem.

10 Nangona kunjalo, izicaka zam zona isono esilusizi kakhulu; kwaye iimbambano zanyuka esikolweni sabaprofeti; ezaba lusizi kakhulu kum, itsho iNkosi yenu; ke ngoko ndazithumela zize zohlwaywe.

11 Inene ndithi kuni, yintando yam ukuba nakhe indlu. Ukuba nigcina imiyalelo yam niya kuba namandla okuyakha.

12 Ukuba aniyigcini imiyalelo yam, uthando lukaBawo aluyi kuqhubeka nani, ke ngoko niya kuhamba emnyameni.

13 Ngoku ke nabu ubulumko, nengqondo yeNkosi—mayakhiwe indlu, ingekuko okohlobo lwehlabathi, kuba andininiki okokuba nibe niya kuhlala emva kohlobo lwehlabathi;

14 Ke ngoko, mayakhiwe emva kohlobo endiya kulubonisa kuni nobathathu, endiya kubanyulela ndize ndibamisele kweli gunya.

15 Kwaye nomlinganiselo wayo uya kuba ngamashumi amahlanu anesihlanu eenyawo ububanzi, nize niyenze ibe ngamashumi amathandathu anesihlanu eenyawo ubude, entendelezweni yayo engaphakathi.

16 Kwaye yenzani inxenye engezantsi yomphakathi wentendelezo ingcwaliselwe kum ngokomnikelo womthendeleko wenu, nokushumayelela kwenu, nokuzilola kwenu, nokuthandaza kwenu, nokunikela ngentla kum iminqweno yenu eyiyeyona ingcwele, itsho iNkosi yenu.

17 Kwaye yenzani inxenye ephakamileyo yomphakathi wentendelezo ingcwaliselelwe kum iyeyesikolo sabapostile bam, utsho uNyana ka-Ahman; okanye, ngamanye amazwi, uAlfa; okanye, ngamanye amazwi, uOmega; nkqu uYesu Krestu iNkosi yenu. Amen.