Izibhalo
IMfundiso neMinqophiso 132


Icandelo 132

Isityhilelo esinikwe ngoJoseph Smith uMprofeti, eNauvoo, eIllinois sabhalwa ngoJulayi 12, 1843, siphathelele kumnqophiso omtsha wanaphakade, sibandakanya ukuba ngunaphakade komnqophiso womtshato nomgaqo wesithembu. Nangona isityhilelo sabhalwa ngowe-1843, ubungqina bubonisa ukuba eminye imigaqo eyaqukwayo kwesi sityhilelo yayisaziwa nguMprofeti kwangaphambili njengowe-1831. Bona ISibhengezo esiseMthethweni 1.

1–6, Ukuphakanyiswa kuyazuzwa ngomqophiso omtsha nowanaphakade; 7–14, Imiqathango neemeko zaloo mnqophiso ziziswa ngaphambili; 15–20, Umtshato oselestiyali nokuqhubekeka kweqela losapho kwenza abantu babe ngoothixo; 21–25, Indlela ecutheneyo nemxinwa ikhokelela kubomi obunganaphakade; 26–27, Umthetho unikiwe ophathelele kunyeliso ngokuchasene noMoya oyiNgcwele; 28–39, Izithembiso zokwanda kwanaphakade nokuphakanyiswa zenziwe kubaprofeti nabaNgcwele kuyo yonke iminyaka; 40–47, UJoseph Smith unikwe amandla okubopha nokutywina emhlabeni nasezulwini; 48–50, INkosi itywinela phezu kwayo ukuphakanyiswa kwayo; 51–57, UEmma Smith uyacetyiswa ukuba athembeke aze anyaniseke; 58–66, Imithetho elawula ukuba nesithembu iziswa ngaphambili.

1 Inene, itsho njalo iNkosi kuwe sicaka sam Joseph, ukuba nanjengokuba uthe wabuza okwesandla sam ukwazi nokuqonda mna, iNkosi ndingazigweba ngani izicaka zam uAbraham, uIsake, noYakobi, kanjalo njengoMoses, uDavide, noSolomon, isicaka zam, ngokuchaphazela umgaqo nemfundiso yokuba nabafazi abaninzi kwabo namashweshwe—

2 Qaphela, kwaye yabona, ndiyiNkosi uThixo wakho, kwaye ndiya kukuphendula ngokuchaphazela lo mba.

3 Ke ngoko, lungiselela intliziyo yakho ukuzuza nokuthobela imiyalelo endiza kukunika; kubo bonke abo banawo lo mthetho otyhiliweyo kubo bamele ukuwuthobela ngokufanayo.

4 Kuba qaphelani, ndityhila kuni umnqophiso omtsha nowanaphakade; kwaye ukuba anihlali kulo mnqophiso, ngoko ke nigwetyiwe; kuba akukho namnye unako ukwala lo mnqophiso aze avunyelwe ukungena eluzukweni lwam.

5 Kuba bonke abaya kuba neentsikelelo ezandleni zam baya kuhlala emthethweni endiwanyulele loo ntsikelelo, neemeko zawo, njengoko wamiselwa ukususela phambi kwesiseko sehlabathi.

6 Kwaye njengokuphathelele kumnqophiso omtsha nowanaphakade, wamiselwa ukuzalisekisa uzuko lwam, kwaye lowo ufumana ukuzaliseka kwawo, umele, kwaye uya kuhlala ngomthetho, okanye uya kugwetywa, itsho iNkosi uThixo.

7 Kwaye inene ndithi kuni, okokuba iimeko zalo mthetho zezi: Yonke iminqophiso, izivumelwano, iimbophelelo, izinyanzeliso, izifungo, izibhambathiso, izenzo, iziqhagamisheli, iimanyano, okanye izinto ezilindelekileyo, ezingenziwanga kwaye zangeniswa zaze zatywinwa ngoMoya oyiNgcwele wesithembiso, walowo othanjisiweyo, kunye ngoku nangonaphakade, nalowo ungcwele ngokugqithisileyo, ngesityhilelo nomyalelo nangendlela yothanjisiweyo wam, endimnyulileyo emhlabeni aphathe eli gunya (kwaye ndanyule isicaka sam uJoseph aphathe eli gunya kwimihla yokugqibela, kwaye akuzange kodwa kubekho namnye emhlabeni ngexesha elithile owanikwa eli gunya nezitshixo zobu bubingeleli), azinawo amandla, imfezeko, okanye ukunyanzela eluvukweni kwelabafileyo nasemva; ngenxa yazo zonke izivumelwano ezingenziwanga kude kube kwesi siphelo zinesiphelo xa abantu befile.

8 Qaphelani, indlu yam yindlu yocwangco, itsho iNkosi uThixo, kwaye asiyiyo indlu yesiphithiphithi.

9 Ndiya kwamkela na okweminikelo, itsho iNkosi, okungenzelwanga egameni lam?

10 Okanye ndiya kufumana ezandleni zakho na oko endingakwanyulanga?

11 Kwaye ndiya kwanyulela kuwe na, itsho iNkosi, ngaphandle kube kungomthetho, nkqu njengam noBawo sakumisela kuwe, phambi kokuba ihlabathi libekho?

12 NdiyiNkosi uThixo wakho; kwaye ndikunika lo myalelo—ukuze kungabikho mntu uya kuza kuBawo engezi ngam okanye ngelizwi lam, elingumthetho wam, itsho iNkosi.

13 Kwaye yonke into esehlabathini, nokokuba imiselwe ngabantu, ngeetrone, okanye ubukhosi, okanye amandla, okanye izinto zegama, naziphina izinto ezinokuba zizo, ezingegama okanye ngelizwi lam, itsho iNkosi, ziya kuphoselwa phantsi, kwaya aziyi kusala emva kokuba abantu befile, kungekulo uvuko nasemva kwalo, itsho iNkosi uThixo wakho.

14 Kuba naziphina izinto ezisalayo zezingam; kwaye naziphina izinto ezingengam ziya kugungqiswa zize zitshatyalaliswe.

15 Ke ngoko, ukuba indoda itshata umfazi ehlabathini, ize ingamtshati ngam nangokwelizwi lam, ize inqophisane kunye naye ukuba usehlabathini ize nayo ibe kunye naye, umnqophiso wabo nomtshato azisebenzi xa sele befile, kwaye xa bengaphandle kwehlabathi; ke ngoko, ababophelelekanga ngawo nawuphina umthetho xa bengaphandle kwehlabathi.

16 Ke ngoko, xa bengaphandle kwehlabathi abatshati benganikelwa nasemtshatweni; kodwa baziingelosi ezanyuliweyo ezulwini, ngelosi ezo zizizicaka ezilungiselelayo, zilungiselela abo abafanele okungakumbi kakhulu, nobuqaqawuli obukhulukazi nobanaphakade.

17 Kuba ezi ngelosi azihlalanga emthethweni wam; ke ngoko, azinako ukwandiswa, kodwa zisala zahlukene kwaye zingatshatanga, zingenakuphakanyiswa, kwimo yazo yokusindiswa, emaphakadeni onke; nasekususeleni ngoku kuye phambili azingoothixo, kodwa ziingelosi zikaThixo ngonaphakade kanaphakade.

18 Kwaye kwakhona, inene ndithi kuni, ukuba indoda itshata umfazi, ize yenze umnqophiso kunye naye wangoku nangawo onke amaphakade, ukuba loo mnqophiso awungam okanye ngelizwi lam, elingumthetho wam, kwaye awutywinwanga ngoMoya oyiNgcwele wesithembiso, ngalowo endimthambisele ndaze ndamanyulela kweli gunya, ngoko ke awusebenzi ingekuko nangesinyanzelo xa bengaphandle kweli hlabathi, ngenxa yokuba abamanywanga ndim, itsho iNkosi, ingengalo ilizwi lam; xa bephumile ehlabathini awunako ukufunyanwa apho, ngenxa yokuba iingelosi noothixo bonyulwe apho, ezo bangenako ukuzigqitha; abanako, ke ngoko, ukudla ilifa ubuqaqawuli bam; kuba indlu yam yindlu yocwangco, itsho iNkosi uThixo.

19 Kwaye kwakhona, inene ndithi kuni, ukuba indoda itshata umfazi ngelizwi lam, elingumthetho wam, nangomnqophiso omtsha nowanaphakade, kwaye utywinelwe kubo ngoMoya oyiNgcwele wesithembiso, ngulowo othanjisiweyo, kulowo endimnyulele kweli gunya nezitshixo zobu bubingeleli; kwaye kuya kuthiwa kubo—Baya kuza ngaphambili eluvukweni lokuqala; kwaye ukuba kusemva kovuko lokuqala, koba seluvukweni olulandelayo; kwaye baya kudla ilifa iitrone, izikumkani, iziphathamandla, amandla, ubukhosi, konke ukuphakama nobunzulu—ngoko ke uya kubhalwa eNcwadini yoBomi yeMvana, kuba akayi kubulala aze achithe igazi elimsulwa, kwaye ukuba niya kuhlala emnqophisweni wam, kwaye ningabulali nize ningachithi igazi elimsulwa, kuya kwenziwa kubo bonke kuzo zonke izinto naziphina isicaka sam esizibeke phezu kwabo, ngoku, nangawo onke amaphakade; kwaye kuya kuba kokokusebenza ngokuzeleyo xa bephume ngaphandle kwehlabathi; kwaye baya kuzigqitha iingelosi, noothixo, ababekwe apho, besiya ekuphakanyisweni kwabo nasebuqaqawulini ezintweni zonke, njengoko bekutywinelwe phezu kweentloko zabo, buqaqawuli obo buya kuba luzaliseko nokuqhubekeka kweembewu ngonaphakade kanaphakade.

20 Ngoko ke baya kuba ngoothixo, ngenxa yokuba abanaso isiphelo; ke ngoko baya kususela emaphakadeni kuye emaphakadeni, ngenxa yokuba beqhubekeka; ngoko ke baya kuba ngentla kwabo bonke, ngenxa yokuba izinto zonke ziphantsi kwabo. Ngoko ke baya kuba ngoothixo, ngenxa yokuba banawo onke amandla, neengelosi ziphantsi kwabo.

21 Inene, inene, ndithi kuni, ngaphandle kokuba nihlala emthethweni wam aninako ukufikelela kobu buqaqawuli.

22 Kuba limxinwa isango nendlela icuthene ekhokelela ekuphakanyiselweni nasekuqhubekekeni kobomi, kwaye bambalwa abalapho abayifumanayo, ngenxa yokuba anindamkeli ehlabathini ningandazi nokundazi.

23 Kodwa ukuba nindamkela ehlabathini, ngoko ke niya kundazi, kwaye niya kuzuza ukuphakanyiswa kwenu; ukuze apho ndikhoyo ngokunjalo niya kubalapho nani.

24 Obu bubomi obungunaphakade—ukwazi okuphela kolumkileyo noyinene uThixo, noYesu Krestu, athe wamthuma. Ndinguye. Yamkelani nina, ke ngoko, umthetho wam.

25 Libanzi isango, kwaye iphangalele indlela kwaye ikhokelela ekufeni; kwaye baninzi abo bahamba ngayo, ngenxa yokuba abandamkeli, bengahlali emithethweni yam.

26 Inene, inene, ndithi kuni, ukuba indoda itshata umfazi ngokwelizwi lam, baze batywinwe ngoMoya oyiNgcwele wesithembiso, ngokunxulumene ekonyuleni kwam, kwaye lowo okanye lowo uya kwenza nasiphina isono okanye ukreqo lwaluphina uhlobo lomnqophiso omtsha nowanaphakade, nalo lonke uhlobo lonyeliso, nokokuba ababulali abazange bachithe gazi limsulwa, nangona kunjalo baya kuza ngaphambili eluvukweni lokuqala, baze bangene ekuphakanyisweni kwabo; kodwa baya kutshatyalaliswa enyameni, kwaye baya kuhlangulwa kwiintlitheko zikaSathana kude kube ngumhla wenkululeko, itsho iNkosi uThixo.

27 Unyeliso ngokuchasene noMoya oyiNgcwele, aluyi kuxolelwa ehlabathini nangaphandle kwehlabathi, ukuba kuwo niyabulala nize nichithe igazi elimsulwa, nize nivumele ukufa kwam, emva kokuba namkele umnqophiso omtsha wam nowanaphakade, itsho iNkosi uThixo; kwaye lowo ungahlaliyo kulo mthetho akanako nangayiphina indlela ukungena eluzukweni lwam, kodwa uya kugwetya, itsho iNkosi.

28 NdiyiNkosi uThixo wakho, ndaye ndiya kukunika umthetho woBubingeleli obuNgcwele, njengoko wamiselwa ndim noBawo phambi kokuba ihlabathi libekho.

29 UAbraham wafumana izinto zonke, nantonina awayifumanayo, kungesityhilelo nomyalelo, ngelizwi lam, itsho iNkosi, kwaye ungene ekuphakanyisweni kwakhe waza wahlala etroneni yakhe.

30 UAbraham wafumana izithembiso ngokunxulumene nembewu yakhe, neyeziqhamo zesinqe sakhe—enivela kwisinqe sakhe eningabo, abaxeliweyo, isicaka sam uJoseph—abamele ukuqhubeka njengokuba babesesehlabathini; kwaye bechaphazela uAbraham nembewu yakhe, ngaphandle kwehlabathi bamele ukuqhubeka; kunye ehlabathini nangaphandle kwehlabathi bamele ukuqhubeka bangabaleki njengeenkwenkwezi; okanye, ukuba beniya kubala intlabathi phezu konxweme lolwandle ningabi nako ukubabala.

31 Esi sithembiso sesenu kananjalo, ngenxa yokuba ningabaka-Abraham, kwaye isithembiso sasenziwe kuAbraham; kwaye ngalo mthetho kukuqhubekeka kwemibebenzi kaBawo, kuyo uyazizukisa.

32 Hambani, ke ngoko, nize nenze imisebenzi ka-Abraham; ngenani emthethweni wam kwaye niya kusindiswa.

33 Kodwa ukuba aningeni emthethweni wam aninako ukuzuza isithembiso sikaBawo, asenze kuAbraham.

34 UThixo wayalela uAbraham, kwaye uSara wanikela uHagare kuAbraham abe ngumfazi. Ingaba kwakutheni enze oko? Kungenxa yokuba oko kwakungumthetho; kwaye kuHagare kwavela abantu abaninzi. Oku, ke ngoko, kwakuzalisekisa, phakathi kwezinye izinto, izithembiso.

35 Ingaba uAbraham, ke ngoko, waba phantsi kokugwetywa? Inene ndithi kuni, Hayi; kuba mna, iNkosi, ndakuyalela oko.

36 UAbraham wayalelwa anikele ngonyana wakhe uIsake; nangona kunjalo kwakubhaliwe: Uze ungabulali. UAbraham, nokuba kunjalo, akazange ale, kwaye kwabalelwa ebulungiseni kuye.

37 UAbraham wafumana amashweshwe, kwaye amzalela abantwana; kwaye kwabalelwa ebulungiseni kuye, ngenxa yokuba ayenikelwe kuye, kwaye wahlala emthethweni, kanjalo njengoIsake noYakobi abazange benze zinto zizezinye kunezo babeziyalelwe, kwaye ngenxa yokuba bengenzanga ezinye izinto kunezo babeziyalelwe, bangene ekuphakanyisweni kwabo, ngokwezithembiso, baza bahlala phezu kweetrone, kwaye abazizo iingelosi kodwa bangoothixo.

38 UDavide kanjalo wafumana abafazi abaninzi namashweshwe, nezicaka zam kanjalo uSolomon noMoses, ngokunjalo ezinye izicaka zam ezininzi, ukususela ekuqaleni kwendalo kude kube leli xesha; kwaye abazange bone ntweni ngaphandle kwezo zinto abangazifumananga kum.

39 Abafazi bakaDavide namashweshwe anikelwa kuye ndim, ngesandla sikaNatan, isicaka sam, nabanye babaprofeti ababenezitshixo zeli gunya; kwaye akazange one kwezi zinto ngokuchasene nam ngaphandle kwimeko kaUriya nomfazi wakhe; kwaye, ke ngoko uwile ekuphakanyisweni kwakhe, kwaye wafumana isabelo sakhe; kwaye akayi kubazuza ngokwelifa ngaphandle ehlabathini, kuba ndabanikela komnye, itsho iNkosi.

40 NdiyiNkosi uThixo wakho, kwaye ndanika wena, isicaka sam uJoseph, uxanduva, kwaye londoloza zonke izinto. Cela okufunayo, kwaye kuya kunikwa wena ngokwelizwi lam.

41 Kwaye njengoko ubuze ngokunxulumene nokukrexeza, inene, inene, ndithi kuwe, ukuba indoda yamkela umfazi emnqophisweni omtsha nowanaphakade, kwaye ukuba uba nenye indoda, ndibe andiyanyulelanga yena ngothanjiso olungcwele, wenze ukrexezo kwaye uya kutshatyalaliswa.

42 Ukuba akakhange abe kumnqophiso omtsha nowanaphakade, aze abe nenye indoda, wenze ukrexezo.

43 Kwaye ukuba umyeni wakhe uba nomnye umfazi, kwaye wayephantsi kwesibhambathiso, usaphule isibhambathiso sakhe kwaye wenze ukrexezo.

44 Kwaye ukuba akenzanga lukrexezo, abe umsulwa kwaye akophulanga isibhambathiso sakhe, ndaye ndikutyhila kuwe, sicaka sam Joseph, ngoko ke uya kuba namandla, ngegunya loBubingeleli obuNgcwele, umthabathe uze umnikele kuye lowo ungenzanga lukrexezo kodwa ebethembekile; kuba uya kwenziwa umlawuli phezu kwabaninzi.

45 Kuba ndinikele phezu kwakho izitshixo namandla obubingeleli, ngawo ndibuyisela zonke izinto, kwaye ndenza kwazeke kuwe zonke izinto ngexesha elifanelekileyo.

46 Kwaye inene, inene, ndithi kuwe, okokuba nantonina oyitywina emhlabeni iya kutywinwa ezulwini; kwaye nantonina oyibopha emhlabeni, egameni lam nangelizwi lam, itsho iNkosi, iya kubotshwa ngonaphakade emazulwini; nabanina ozono uzixolelayo emhlabeni ziya kuxolelwa ngonaphakade emazulwini; nabanina ozono zakhe uzibambayo emhlabeni ziya kubanjwa ezulwini.

47 Kwaye kwakhona, inene ndithi, nabanina omsikelelayo ndiya kumsikelela, kwaye nabanina omqalekisayo ndiya kumqalekisa, itsho iNkosi; kuba mna, iNkosi, ndinguThixo wakho.

48 Kwaye kwakhona, inene ndithi kuwe, sicaka sam Joseph, okokuba nantonina oyinikayo emhlabeni, kwaye nabanina omnikela komnye emhlabeni, ngelizwi lam nangokomthetho wam, kuya kundwendwelwa ngeentsikelelo kuze kungabi ngeziqalekiso, nangawo amandla am, itsho iNkosi, kwaye kuya kuba ngaphandle kwesigwebo emhlabeni nasezulwini.

49 Kuba ndiyiNkosi uThixo wakho, ndaye ndiya kuba nawe nkqu ukuya esiphelweni sehlabathi, nakuwo onke amaphakade; kuba inene nditywinela kuwe ukuphakanyiswa kwakho, kwaye ndikulungiselela itrone ebukumkanini bukaBawo, kunye noAbraham uyihlo.

50 Qaphela, ndiwabonile amadini akho, kwaye ndiya kukuxolela zonke izono zakho; ndiwabonile amadini akho uthobela oko endikuthethe kuwe. Hamba, ke ngoko, kwaye ndikwenzela indlela yokuphuncula, njengoko ndamkela umnikelo ka-Abraham wonyana wakhe uIsake.

51 Inene, ndithi kuwe: Umyalelo ndiwunika isicakakazi sam, uEmma Smith, inkosikazi yakho, endimnikele kuwe, okokuba azibambe kwaye angathathi nxaxheba koko ndikuyalele wena ukunikele kuye; kuba ndakwenza, itsho iNkosi, ukunivavanya nonke, njengoko ndenzayo kuAbraham, nokokuze ndibe nokufuna umnikelo esandleni sakho, ngomnqophiso nedini.

52 Kwaye vumela isicakakazi sam, uEmma Smith, amkele bonke abo banikelwe kwisicaka sam uJoseph, nabo bandilisekileyo kwaye benyulu phambi kwam; kwaye abo bangekho nyulu, nabathe babenyulu, baya kutshatyalaliswa, itsho iNkosi uThixo.

53 Kuba ndiyiNkosi uThixo wakho, kwaye niya kuthobela ilizwi lam; kwaye ndinika isicaka sam uJoseph okokuba uya kwenziwa umlawuli phezu kwezinto ezininzi; kuba ebethembekile phezu kwezinto ezimbalwa, kwaye ukususela ngoku kuye phambili ndiya kumomeleza.

54 Kwaye ndiyalela isicakakazi sam, uEmma Smith, ahlale aze anamathele esicakeni sam uJoseph, kwaye kungabi komnye. Kodwa ukuba akayi kuthobela lo myalelo uya kutshatyalaliswa, itsho iNkosi, kuba ndiyiNkosi uThixo wakho, kwaye ndiya kumtshabalalisa ukuba akahlali emthethweni wam.

55 Kodwa ukuba uya kuthobela lo myalelo, ngoko ke isicaka sam uJoseph siya kwenzela yena zonke izinto, nkqu njengoko etshilo; kwaye ndiya kumsikelela kwaye ndimqhamise kwaye ndimnike kalikhulu kweli hlabathi, okooyise noonina, abazalwana noodade, izindlu nemihlaba, abafazi nabantwana, nezithsaba zobomi obungunaphakade kumazwe angunaphakade.

56 Kwaye kwakhona, inene ndithi, isicakakazi sam masixolele isicaka sam uJoseph izikreqo zakhe; kwaye ngoko siya kuxolelwa ezaso izikreqo, esikreqe ngazo ngokuchasene nam; kwaye mna, iNkosi uThixo wakho, ndiya kumsikelela, ndize ndimqhamise, ndize ndenze intliziyo yaso igcobe.

57 Kwaye kwakhona, ndithi, isicaka sam uJoseph masingabeki ipropati entengisweni, hleze utshaba luze kwaye lumtshabalalise; kuba uSathana ufuna ukumtshabalalisa; kuba ndiyiNkosi uThixo wakho, kwaye yena usisicaka sam; kwaye qaphela, kwaye yabona, ndikunye naye, njengoko ndandikunye noAbraham, uyihlo, nkqu ekuphakanyisweni kwakhe nozuko.

58 Ngoku, ngokuchaphazela umthetho wobubingeleli, kukho izinto ezininzi eziphathelele kuwo.

59 Inene, ukuba indoda ibizwe nguBawo, njengoko kwakunjalo kuAron, ngelizwi lam, nangelizwi lalowo wandithumayo, kwaye ndimnike izitshixo zegunya lobu bubingeleli, ukuba wenza nantonina egameni lam, nangokunxulumene nomthetho wam nangelizwi lam, akayi kwenza sono, kwaye ndiya kumgweba.

60 Makungabikho namnye, ke ngoko, ogxeka isicaka sam uJoseph; kuba ndiya kumgweba; kuba uya kwenza idini endilifunayo ezandleni zakhe ngenxa yezikreqo zakhe, itsho iNkosi uThixo wakho.

61 Kwaye kwakhona, nje ngokuphathelele emthethweni wobubingeleli—ukuba nayiphina indoda etshata nentombi engazani nandoda, ize inqwenele ukutshata enye, kwaye eyokuqala imnike imvume yayo, ize xa itshata eyesibini, babe baziintombi ezingazani nandoda, zibe azibhambathisanga kwenye indoda, ngoko ke ilungisile; ayinako ukwenza ukrexezo kuba zinikwe yona; kuba ayinako ukwenza ukrexezo kunye nalowo ungowayo kwaye ingenguye namnye ongomnye.

62 Kwaye ukuba ibe neentombi ezilishumi ezingazani nandoda zinikwe yona ngalo mthetho, ayinako ukwenza ukrexezo, kuba zingabayo, kwaye zinikwe yona; ke ngoko ilungisile.

63 Kodwa ukuba enye okanye nayiphina yeentombi ezilishumi ezingazani nandoda, emva kokuba itshatiwe, iya kuba kunye nenye indoda, yenze ukrexezo, kwaye iya kutshatyalaliswa; kuba zinikelwe kuye ziqhame kwaye zizalise umhlaba, ngokunxulumene nomyalelo wam, nokuzalisekisa isithembiso esasinikwe nguBawo phambi kwesiseko sehlabathi, nangenxa yokuphakanyiswa kwazo kumazwe anaphakade, ukuze zibe nokuzala imiphefumlo yabantu; kuba kuwo umsebenzi kaBawo uyaqhubeka, ukuze abe nokuzukiswa.

64 Kwaye kwakhona, inene, inene, ndithi kuni, ukuba nayiphina indoda enomfazi, ephethe izitshixo zeli gunya, kwaye iyamfundisa umthetho wobubingeleli bam, njengokuphathelele kwezi zinto, ngoko ke uya kukholelwa aze amlungiselele, okanye uya kutshatyalaliswa, itsho iNkosi uThixo wenu; kuba ndiya kumtshabalalisa; kuba ndiya kulandisa igama lam phezu kwabo bonke abamkela baze bahlale emthethweni wam.

65 Ke ngoko, kuya kuba semthethweni kum, ukuba akawamkeli lo mthetho, ukuze yena afumane zonke izinto naziphina mna, iNkosi uThixo wakhe, endiya kumnika zona, ngenxa yokuba engakholelwanga waza wayilungiselela ngokwelizwi lam; aze ngoko ke abe ngumkreqi; kwaye uxolelwe emthethweni kaSara owalungiselela uAbraham ngokunxulumene nomthetho xa ndamyalela uAbraham enze uHagare umfazi.

66 Kwaye ngoku, njengokuphathelele kulo mthetho, inene, inene, ndithi kuwe, ndiya kutyhila ngakumbi kuwe, emva koku; ke ngoko, makwanele oku ngeli xesha. Qaphelani, ndinguAlfa no-Omega. Amen.