Izibhalo
IMfundiso neMinqophiso 133


Icandelo 133

Isityhilelo esinikwe ngoJoseph Smith uMprofeti, eHiram, eOhio, Novemba 3, 1831. Etshayelela esi sityhilelo, imbali kaJoseph Smith ichaza nje, “Ngeli xesha kwakukho izinto ezininzi aBadala abanqwenela ukuzazi ngokunxulumene nokushumayela iVangeli kubemi bomhlaba, nangokunxulumene nokuhlanganisela; nokokuze bahambe ngokukhanya okuyinene, baze bayalelwe ngokuvela phezulu, ngowe-3 kaNovemba, 1831, ndabuza eNkosini kwaye ndafumana isityhilelo esilandelayo esibalulekileyo.” Eli candelo kuqala lalidityaniswe kwincwadi yeMfundiso neMinqophiso njengesihlomelo kwaye kamva lanikwa inombolo yecandelo.

1–6, AbaNgcwele bayalelwe ukulungiselela ukuBuya kweSibini; 7–16, Bonke abantu bayalelwe ukuba basabe ukusuka eBhabhilon, baye eZiyon, baze balungiselele umhla omkhulu weNkosi; 17–35, Iya kuma eNtabeni yeZiyon, amazwekazi aya kuba lilizwe elinye, kwaye izizwe ezalahlekayo zikaSirayeli ziya kubuya; 36–40, Ivangeli yabuyiselwa ngoJoseph Smith ibe nokushunyayelwa kulo lonke ihlabathi; 41–51, INkosi iya kuhla phezu kwabakhohlakeleyo inempindezelo; 52–56, Iya kuba ngunyaka wabakhululekileyo Bayo; 57–74, Ivangeli imele ukuthunyelwa ngaphambili ukusindisa abaNgcwele nokutshabalalisa abakhohlakeleyo.

1 Phulaphulani, Owu nina bantu bebandla lam, itsho iNkosi uThixo wenu, nize nive ilizwi leNkosi ngokunxulumene nani—

2 INkosi eya kuza ngokukhawuleza etempileni yayo; iNkosi eya kuza ezantsi phezu kwehlabathi ngesiqalekiso emgwebeni; ewe, phezu kwazo zonke izizwe ezingahloneli Thixo, naphezu kwabo bonke abakhohlakeleyo phakathi kwenu.

3 Kuba iya kuyityhila ingalo yayo engcwele emehlweni azo zonke izizwe, kwaye zonke iziphelo zomhlaba ziya kulubona usindiso lukaThixo wazo.

4 Ngako oko, zilungiseleleni, zilungiseleleni, Owu bantu bam; zingcwaliseni; zihlanganiseni kunye, Owu bantu bebandla lam, phezu komhlaba weZiyon, nonke nina ningayalelwanga ukuba nihlale.

5 Phumani ngaphandle kweBhabhilon. Cocekani nina eniphethe izitya zeNkosi.

6 Bizani iintlanganiso zenu ezindilisekileyo, kwaye thethani rhoqo omnye komnye. Kwaye wonke umntu makabize phezu kwegama leNkosi.

7 Ewe, inene ndithi kuni kwakhona, ixesha lifikile xa ilizwi leNkosi likuni: Phumani ngaphandle kweBhabhilon; zihlanganiseni ngaphandle phakathi kwezizwe, niphume kumacala omane omoya, kuthabathele esiphelweni sezulu kuse kwesinye.

8 Thumelani ngaphambili abadala bebandla lam ezizweni ezikude, kwiziqithi zolwandle; thumelani ngaphambili emazweni asemzini; bizani zonke izizwe, kuqala phezu kweeNtlanga, ngoko naphezu kwamaYuda.

9 Kwaye qaphelani, kwaye yabonani, oku kuba kukumemeza kwabo, nelizwi leNkosi kubo bonke abantu: Yiyani ngaphambili emhlabeni weZiyon, ukuze imida yabantu bam ibe nokwandiswa, nokokuze iziteyki zayo zibe nokomelezwa, nokokuba iZiyon ibe nokuhambela phambili ukuya kwiingingqi ezingqongileyo.

10 Ewe, ukumemeza makuhambele phambili phakathi kwabo bonke abantu: Vukani kwaye phakamani, nize nize ngaphambili nikhawulele uMyeni; qaphelani kwaye yabonani, uMyeni uyeza; phumani niye kumkhawulela. Zilungiseleleni umhla omkhulu weNkosi.

11 Phaphamani, ke ngoko, ngokuba ningayazi imini kwanalo ilixa.

12 Bavumeleni bona, ke ngoko, abaphakathi kweeNtlanga, basabele eZiyon.

13 Kwaye nivumele abo ingabakaYuda basabele eYerusalem ezintabeni zendlu yeNkosi.

14 Phumani ngaphandle phakathi kwezizwe, nkqu ukusuka eBhabhilon, nisuke esazulwini senkohlakalo, eyiBhabhilon yomoya.

15 Kodwa inene, itsho njalo iNkosi, ukusaba kwenu makungabi ngobuphuthuphuthu, kodwa zonke izinto mazilungiswe phambi kwenu; kwaye lowo uhambayo, makangajongi ngemva hleze intshabalalo ekhawulezileyo ibe iya kuza phezu kwakhe.

16 Phulaphulani kwaye nimamele, Owu nina bemi bomhlaba. Mamelani, kunye nina badala bebandla lam, kwaye nive ilizwi leNkosi; kuba ibiza bonke abantu, kwaye iyalela bonke abantu baguquke endaweni zonke.

17 Kuba qaphelani, iNkosi uThixo ithumele ngaphambili ingelosi imemeza esazulwini samazulu, isithi: Yilungiseni indlela yeNkosi, kwaye niwutyeneneze umendo wayo, kuba ilixa lokuza kwayo likufuphi—

18 Xa iMvana iya kuma phezu kweNtaba yeZiyon, kunye nayo ikhulu elinamanci mane anesine lamawaka, benalo igama loYise libhaliwe emabunzini abo.

19 Ngako oko, lungiselelani ukuza koMyeni, phumani, phumani niye kumkhawulela.

20 Kuba qaphelani, iya kuma phezu kwentaba yemiNquma, naphezu kolwandlekazi olunamandlakazi, nkqu inzulu enkulu, naphezu kweziqithi zolwandle, naphezu komhlaba weZiyon.

21 Kwaye iya kukhupha ilizwi layo ngaphandle kweZiyon, kwaye iya kuthetha ivela eYerusalem, kwaye ilizwi layo liya kuviwa phakathi kwabo bonke abantu;

22 Kwaye iya kuba lilizwi elinjengesandi samanzi amaninzi, nanjengesandi sendudumo enkulu, eliya kuqhekeza iintaba, kwaye iintlambo azisayi kufunyanwa.

23 Iya kuyalela inzulu enkulu, kwaye iya kuqhutyelwa ngasemva emazweni asemantla, neziqithi ziya kuba lilizwe elinye;

24 Kwaye ilizwe laseYerusalem nelizwe leZiyon iya kujikelwa emva kwindawo eyiyeyawo, kwaye umhlaba uya kuba njengoko wawunjalo kwimihla ephambi kokuba wahlulwe.

25 Kwaye iNkosi, nkqu uMsindisi, iya kuma esazulwini sabantu bayo, kwaye iya kulawula phezu kwayo yonke inyama.

26 Kwaye abo basemazweni asemantla baya kukhumbula phambi kweNkosi; nabaprofeti babo baya kuliva ilizwi lakhe, kwaye abasayi kuba sazinqanda; kwaye baya kuwabetha kabukhali amawa, nomkhenkce uya kuqukuqela ebusweni babo.

27 Kwaye indlela ephezulu iya kuphoselwa esazulwini senzonzobila.

28 Iintshaba zabo ziya kuba lixhoba kubo,

29 Kwaye kwiintlango ezingumqwebedu kuya kuza ngaphambili amaqula amanzi aphilileyo; nomhlaba obharhileyo awusayi kuba saba ngumhlaba onxaniweyo.

30 Kwaye baya kuzisa ngaphambili iindyebo zabo zobutyebi ebantwaneni bakaEfrayim, izicaka zam.

31 Kwaye imida yeenduli zanaphakade iya kungcangcazela ebusweni babo.

32 Kwaye apho baya kuwa phantsi baze bathweswe ngozuko, nkqu eZiyon, ngezandla zezicaka zeNkosi, nkqu abantwana bakaEfrayim.

33 Kwaye baya kuzaliswa ngeengoma zovuyo lwanaphakade.

34 Qaphelani, le yintsikelelo kaThixo wanaphakade phezu kwezizwe zikaSirayeli, nentsikelelo etyebe ngakumbi phezu kwentloko kaEfrayim namaqabane akhe.

35 Nabo kanjalo besizwe sikaYuda, emva kwentlungu yabo, baya kungcwaliswa ebungcweleni phambi kweNkosi, baze bahlale ebusweni bayo imini nobusuku, ngonaphakade kanaphakade.

36 Kwaye ngoku, inene itsho iNkosi, ukuze ezi zinto zibe nokwazeka phakathi kwenu, Owu bemi bomhlaba, ndithumele ngaphambili ingelosi yam ibhabha kuso isazulu samazulu, inevangeli yanaphakade, eya kubonakala kwabathile kwaye iyinika ebantwini, iya kubonakala kwabaninzi abahlala emhlabeni.

37 Kwaye le vangeli iya kushunyaybelwa kuso isizwe ngasinye, nesalamane, nolwimi, nabantu.

38 Kwaye izicaka zikaThixo ziya kuya ngaphambili, zisithi ngelizwi elikhulu: Moyikeni uThixo nimzukise, ngokuba lifikile ilixa lokugweba kwakhe;

39 Kwaye nimnqule lowo wenza izulu, nomhlaba, nolwandle, nemithombo yamanzi—

40 Zobiza phezu kwegama leNkosi imini nobusuku, zisithi; Owu wanga ungawakrazula amazulu, wanga ungehla, ukuze iintaba zibe nokuzamazama ebusweni bakho.

41 Kwaye kuya kuphendulelwa phezu kweentloko zazo; kuba ubuso beNkosi buya kuba njengomlilo ovuthayo, nanjengomlilo uxhaphazelisa amanzi.

42 Owu Nkosi, wanga ungehla ukuze ulazise igama lakho kubabandezeli bakho, nezizwe zonke ziya kugungqa ebusweni bakho—

43 Xa usenza imisebenzi eyoyikekayo, ebesingayilindele;

44 Ewe, xa uhlayo, neentaba zizamazama ebusweni bakho, uya kumkhawulela onemihlali abe enze ubulungisa, lowo ekukhumbule ezindleleni zakho.

45 Kuba ukususela ekuqalekeni kwehlabathi abantu abevanga bengamamelanga ngendlebe, kungekho naliso libonileyo, Owu Thixo, ngaphandle kwakho, zinkulu izinto omenzelayo lowo ulindele kuwe.

46 Kwaye kuya kuthiwa: Ngubani na lo uza evela kuThixo ezulwini zibomvu iingubo zakhe; ewe, evela kwimimandla engaziwayo, eyingangamsha kwisambatho sakhe, enyalasa ebuninzini bamandla akhe?

47 Kwaye uya kuthi: Ndim mna uthetha ngobulungisa, mkhulu ekusindiseni.

48 Kwaye iNkosi iya kuba yingqombela kwisambatho sayo, neengubo zayo zibe njengezoxovula esixovulelweni sewayini.

49 Kwaye luya kuba lukhulu njalo uzuko lobuso bayo ngokuba ilanga liya kufihla ubuso balo luneentloni, nenyanga iya kubamba ukukhanya kwayo, neenkwenkwezi ziya kuziphosa zisuke kwiindawo zazo.

50 Kwaye ilizwi layo liya kuviwa: Isixovule ndisixovule ndedwa, kwaye ndizise umgwebo phezu kwabo bonke abantu; kuba akubangakho bani ubenam;

51 Kwaye ndizinyhashe ebushushwini, kwaye ndazixovula ndinomsindo, kwaye igazi lazo ladyobha, iingubo zam kwaye ndazidyobha zonke iimpahla zam; kuba lo yayingumhla wempindezelo obusentliziyweni yam.

52 Kwaye ngoku unyaka wokukhulula kwam ngokuhlawulela ufikile; kwaye buya kukhankanya ububele obuthandekayo beNkosi yabo, nako konke ekunikele phezu kwabo ngukokulunga kwayo, nangokunxulumene nobubele bayo, ngonaphakade kanaphakade.

53 Ekubandazelekeni kwabo konke wabandezeleka. Nengelosi yobuso bakhe yabasindisa; ekubathandeni kwakhe, nasekubacengeni kwakhe, wabakhulula, kwaye wabafunqula, waza wabathwala yonke imihla yasephakadeni;

54 Ewe, uEnoki kanjalo, nabo babekunye naye; abaprofeti ababengaphambi kwakhe; noNowa kanjalo, nabo babengaphambi kwakhe; noMoses kanjalo, nabo babengaphambi kwakhe;

55 Kwaye ukusuka kuMoses kuye kuEliya, nokusuka kuEliya kuye kuYohane, ababekunye noKrestu eluvukweni lwakhe, abapostile abangcwele, kunye noAbraham, uIsake, noYakobi, bakuba sebusweni beMvana.

56 Kwaye amangcwaba abangcwele aya kuvuleka; kwaye baya kuza ngaphambili baze beme ekunene kweMvana, xa iyakuma phezu kweNtaba yeZiyon, naphezu kwesixeko esingcwele, eYerusalem eNtsha; kwaye baya kucula ingoma yeMvana, imini nobusuku ngonaphakade kanaphakade.

57 Kwaye ngenxa yale njongo, ukuze abantu babe nokwenziwa abathathi nxaxheba nobuqaqawuli obuya kutyhilwa, iNkosi yathumela ngaphambili ukuzalisekiswa kwevangeli yayo, umnqophiso wayo wanaphakade, iqiqa ngokucacileyo nangokulula—

58 Ilungiselela ababuthathaka ezo zinto zizayo emhlabeni, nomsebenzi weNkosi ngomhla xa ababuthathaka beya kubhidanisa izilumko, nomncinane abe sisizwe esinamandla, kwaye ababini baya kugxotha amawaka alishumi.

59 Kwaye ngezinto ezibuthathaka zomhlaba iNkosi iya kubhula izizwe ngamandla oMoya wayo.

60 Kwaye ngale njongo le miyalelo yanikwa; yayinikelwe ukugcinwa ehlabathini ngomhla eyayinikwe ngayo, kodwa ngoku imele ukuya phambili kuyo yonke inyama—

61 Noku ngokunxulumene nengqondo nentando yeNkosi, elawula phezu kwayo yonke inyama.

62 Naphezu kwalowo uguqukayo nozingcwalisayo phambi kweNkosi uya kunikwa ubomi obunganaphakade.

63 Naphezu kwabo abangaliphulaphuliyo ilizwi leNkosi baya kuzalisekisa oko kwaku bhalwe ngumprofeti uMoses, nokuba baya kusikelwa ngaphandle basuke phakathi kwabantu.

64 Kananjalo oko kubhalwe ngumprofeti uMalaki: Kuba, qaphelani, iyeza imini evutha njengeziko, kwaye bonke abanekratshi, ewe nabenzi bonke bokungendawo, baya kuba ziindiza; kwaye imini ezayo iya kuba lenya, itsho iNkosi yemikhosi, okokuba ayisayi kushiya ngcambu nasebe.

65 Ngako oko, oku kuya kuba yimpendulo yeNkosi kubo:

66 Ngalo mini xa ndeza kwabangabam, akukho namnye phakathi kwenu owandamkelayo, kwaye nanigxothelwe ngaphandle.

67 Xa ndabizayo kwakhona akuzange kubekho namnye ungowenu usabelayo; nangona ingalo yam ingemfutshane kakhulu ukuba ingakhululi, namandla okuhlangula.

68 Qaphelani, ngokukhalima kwam ndomisa ulwandle. Imilambo ndiyenza intlango; ziyabola iintlanzi zayo, ziyafa kukunxanwa.

69 Ndambesa amazulu ngezimnyama zokuzila, ndenze ezirhwexayo zibe sisigubungelo sawo.

70 Kwaye oku niya kufumana esandleni sam—niya kulala phantsi ninembulaleko.

71 Qaphelani, kwaye yabonani, akukho bani oya kunihlangula; kuba anilithobelanga ilizwi lam xa ndanibizayo ndisemazulwini; anizikholelwanga izicaka zam, xa azazithunywe kuni anizange nizamkele.

72 Ngako oko, zatywina ubungqina zaza zabopha umthetho, yaye anihlangulwanga phezu kobumnyama.

73 Aba baya kumka bakhutshelwe ebumnyameni obungaphandle, khona apho kuya kubakho isijwili nokutshixiza kwamazinyo.

74 Qaphelani iNkosi uThixo wenu ikuthethile. Amen.