Izibhalo
IMfundiso neMinqophiso 18


Icandelo 18

Isityhilelo esiya kuJoseph Smith uMprofeti, uOliver Cowdery, noDavid Whitmer sinikwe eFayette, eNew York, Juni 1829. NgokoMprofeti, esi sityhilelo senza kwazeka “ubizo lwabapostile abalishumi elinesibini kule mihla yokugqibela, kananjalo nemiyalelo enxulumene ekwakhiweni kweBandla.”

1–5, Izibhalo zibonisa ukuba lakhiwa njani iBandla; 6–8, Ihlabathi livuthelwa ebugwenxeni; 9–16, Ixabiso lemiphefumlo likhulu; 17–25, Ukuzuza usindiso, abantu bamele ukuthabathela phezu kwabo igama likaKrestu; 26–36, Ubizo nomsebenzi wabaLishumi eliniSibini luyakutyhilwa; 37–39, UOliver Cowdery noDavid Whitmer bafanele ukuphengulula abaLishumi elineSibini; 40–47, Ukuzuza usindiso, abantu bamele ukuguquka, babhaptizwe, kwaye bagcine imiyalelo.

1 Ngoku, qaphela, ngenxa yento othe wena, sicaka sam Oliver Cowdery, wanqwenela ukwazi ngam, ndikunika la mazwi:

2 Qaphela, ndibonakalise kuwe, ngoMoya wam ngamaxesha amaninzi, okokuba izinto othe wazibhala ziyinyani; ngako oko uyazi ukuba ziyinyani.

3 Kwaye ukuba uyazi ukuba ziyinyani, qaphela, ndikunika umyalelo, wokokuba uxhomekeke kwizinto ezibhaliweyo;

4 Kuba kuzo zonke izinto zibhalwe ngokunxulumene nesiseko sebandla lam, ivangeli yam, nolwalwa lwam.

5 Ngako oko, ukuba uya kwakha ibandla lam, phezu kwesiseko sevangeli yam nolwalwa lwam, amasango esihogo awayi koyisa ngokuchasene nawe.

6 Qaphela, ihlabathi livuthelwa ebugwenxeni; kwaye kumele kube yimfuneko okokuba abantwana babantu baxhokonxelwe ekubeni baguquke, kunye abeeNtlanga kananjalo nendlu kaSirayeli.

7 Ngako oko, njengokuba wena ubhaptiziwe ngezandla zesicaka sam uJoseph Smith, Omnci., ngokunxulumene noko endimyalele kona, uyizalisekisile into endimyalele yona.

8 Kwaye ngoku, ungamangaliswa kukuba ndibizele yena kwinjongo eyiyeyam, njongo leyo yaziwa ndim; ngako oko, ukuba uya kukhuthala ekugcineni imiyalelo yam uya kusikelelwa kuye kubomi obungunaphakade; kwaye igama lakhe nguJoseph.

9 Kwaye ngoku, Oliver Cowdery, ndithetha kuwe, kananjalo kuDavid Whitmer, ngendlela yomyalelo; kuba, qaphela, ndiyalela bonke abantu naphina baguquke, kwaye ndithetha kuwe, nanjengakuPawulos umpostile wam, kuba nibiziwe nkqu ngobizo olufanayo awayebizwe ngalo.

10 Khumbulani ixabiso lemiphefumlo likhulu emehlweni kaThixo;

11 Kuba, qaphelani, iNkosi uMkhululi wenu yeva intlungu yokufa enyameni; ngako oko yeva iintlungu zabo bonke abantu, ukuze bonke abantu babe nokuguquka beze kuyo.

12 Kwaye lowo uvukileyo kwakhona kwelabafileyo, ukuze abe nokuzisa bonke abantu kuye, ngeemeko zenguquko.

13 Kwaye luya kubanjani uvuyo lwakhe kumphefumlo oguqukayo!

14 Ngako oko, nibizelwe ukudandulukela inguquko kubo aba bantu.

15 Kwaye ukuba kunokwenzeka ukuba nibe nisebenza nzima yonke imihla yenu ekudandulukeleni inguquko kubo aba bantu, kwaye nizise, nokokuba ngumphefumlo omnye kum, luya kubanjani ukuba lukhulu uvuyo lwenu kunye naye ebukumkanini bukaBawo!

16 Kwaye ngoku, ukuba uvuyo lwenu luya kuba lukhulu ngomphefumlo omnye eniwuzise kum ebukumkanini bukaBawo, luya kuba lukhulu kangakanani uvuyo lwenu ukuba niya kuzisa imiphefumlo emininzi kum!

17 Qaphelani, ninayo ivangeli yam phambi kwenu, nolwalwa lwam, nosindiso lwam.

18 Celani kuBawo egameni lam ngokholo, nikholelwa okokuba niya kufumana, kwaye niya kuba noMoya oyiNgcwele, obonakalisa zonke izinto ezilungele abantwana babantu.

19 Kwaye ukuba aninalo ukholo, ithemba, nothando lwenene, aninakwenza nto.

20 Ningaphikisani ngokuchasene naliphina ibandla, ngaphandle kokuba libandla likamtyholi.

21 Thathelani phezu kwenu igama likaKrestu, nize nithethe inyaniso kwingqondo ephilileyo.

22 Kwaye njengokuba abaninzi beguquka baze babhaptizelwe egameni lam, elinguYesu Krestu, kwaye banyamezele ukuya esiphelweni, abanjalo baya kusindiswa.

23 Qaphelani, uYesu Krestu ligama elinikwe nguBawo, kwaye alikho elinye igama elinikiweyo apho ngalo umntu anako ukusindiswa;

24 Ngako oko, bonke abantu bamele ukuthathela phezu kwabo igama elinikwe nguBawo, kuba ngeloo gama baya kubizwa ngalo ngomhla wokugqibela;

25 Ngako oko, ukuba abalazi igama emababizwe ngalo, abanako ukuba nendawo ebukumkanini bukaBawo.

26 Kwaye ngoku, qaphela, kukho abanye ababizelwe ukubhengeza ivangeli yam, kunye kwiiNtlanga nakumaYuda;

27 Ewe, nkqu nabalishumi elinesibini; kwaye abaLishumi elineSibini baya kuba ngabafundi bam, kwaye baya kuthathela phezu kwabo igama lam; kwaye abaLishumi elineSibini ngabo abaya kunqwenela ukuthathela phezu kwabo igama lam ngenjongo epheleleyo yentliziyo.

28 Kwaye ukuba banqwenela ukuthathela phezu kwabo igama lam ngenjongo epheleleyo yentliziyo, babizelwe ukuya kulo lonke ihlabathi bashumayele ivangeli yam kuzo zonke izidalwa.

29 Kwaye bangabo abo bamiselwe ndim ekubhaptizeni egameni lam, ngokunxulumene noko kubhaliweyo;

30 Kwaye ninako oko kubhaliweyo phambi kwenu; ngako oko, nimele ukukwenza ngokunxulumene namazwi lawo abhaliweyo.

31 Kwaye ngoku ndithetha kuni, baLishumi elineSibini—Qaphelani, ubabalo lwam lunonele; nihambe nithe tye phambi kwam kwaye ningoni.

32 Kwaye, qaphelani, ningabo abo bamiselweyo ndim ukuba nimisele ababingeleli nootitshala; ukubhengeza ivangeli yam, ngokunxulumene namandla oMoya oyiNgcwele okuni, nangokunxulumene nobizo nezipho zikaThixo ebantwini;

33 Kwaye mna, Yesu Krestu, iNkosi yenu noThixo wenu ndikuthethile oku.

34 La mazwi awangawo awabantu nawamntu, kodwa ngawam; ngako oko, niya kungqina ukuba ngawam kwaye awangawo awontu;

35 Kuba lilizwi lam eliwathethayo kuni; kuba anikwe ngoMoya wam kuni, kwaye ngamandla am ninako ukuwafundela omnye nomnye; kwaye ngaphandle kokuba bekungamandla am beningenako ukuba nawo;

36 Ngako oko, ninako ukungqina ukuba nilivile ilizwi lam, kwaye niyawazi amazwi am.

37 Kwaye ngoku, qaphelani, ndinika kuni, Oliver Cowdery, kananjalo kuDavid Whitmer, okokuba niya kuphengulula abaLishumi elineSibini, abaya kuba neminqweno yoko ndikuthethileyo;

38 Kwaye ngeminqweno yabo nangemisebenzi yabo niya kubazi.

39 Kwaye xa nibafumene niya kubonisa ezi zinto kubo.

40 Kwaye niya kuwa phantsi kwaye ninqule uBawo egameni lam.

41 Kwaye nimele ukushumayela kulo ihlabathi, nisithi: Nimele kukuguquka nize nibhaptizwe, egameni likaYesu Krestu;

42 Kuba bonke abantu bamele ukuguquka baze babhaptizwe, kwaye ingabi ngamadoda kuphela, kodwa abafazi, nabantwana abafikelele kwiminyaka yokuziphendulela.

43 Kwaye ngoku, emva kokuba nifumene oku, nimele ukugcina imiyalelo yam ezintweni zonke;

44 Kwaye ngezandla zenu ndiya kusebenza umsebenzi omangalisayo phakathi kwabantwana babantu, ekuqinisekisweni kwabaninzi ngezono zabo, okokuba babe nokuza kwinguquko, kwaye babe nokuza ebukumkanini bukaBawo.

45 Ngako oko, iintsikelelo endizinika nina zingaphezulu kwento zonke.

46 Kwaye emva kokuba nifumene oku, ukuba aniyigcini imiyalelo yam aninako ukusindiswa ebukumkanini bukaBawo.

47 Qaphela, mna, Yesu Krestu, iNkosi yenu noThixo wenu, noMkhululi wenu, ngamandla oMoya wam ndikuthethile oku. Amen.