Izibhalo
IMfundiso neMinqophiso 27


Icandelo 27

Isityhilelo esinikwe uJoseph Smith uMprofeti, eHarmony, ePennsylvania, Agasti 1830. Ekulungiselelweni kwenkqubo yenkonzo apho umthendeleko wesonka newayini ubuya kuhanjiswa, uJoseph wahamba eyokufuna iwayini. Wahlangana nesithunywa sezulu waza wafumana esi sityhilelo, inxalenye yaso yabhalwa ngexesha elo kwaye intsalela ngoSeptemba olandelayo. Amanzi ngoku ayasetyenziswa endaweni yewayini kwiinkonzo zomthendeleko weBandla.

1–4, Imiqondiso emayisetyenziswe ekuthabatheni umthendeleko icacisiwe; 5–14, UKrestu nezicaka Zakhe ezivela kuwo onke amaxesha okuzihlanganisela likaThixo bamele ukuthabatha umthendeleko; 15–18, Xhobani sonke isikrweqe sikaThixo.

1 Mamela elizwini likaYesu Krestu, iNkosi yakho, uThixo wakho, noMkhululi wakho, ozwi lakhe likhawulezayo kwaye linamandla.

2 Kuba, qaphela, ndithi kuwe, oko akubalulekanga oko niya kukutya okanye oko niya kukusela xa nithabatha umthendeleko, ukuba ninokuwenza ngeliso elizinikele kuzuko lwakhe—nikhumbulela kuBawo umzimba wam endawubekela phantsi nina, negazi lam elaphalalela uxolelo lwezono zenu.

3 Ngako oko, umyalelo ndiyakunika, wokokuba awusayi kuthenga wayini nasiselo sinxilisayo seentshaba zakho;

4 Ngako oko, anisayi kuthabatha nto ngaphandle kokuba yenziwe ntsha phakathi kwenu; ewe, koku ubukumkani bukaBawo buya kwakhelwa emhlabeni.

5 Qaphela, obu bubulumko kum; ngako oko, musani ukumangaliswa, kuba ilixa liyeza lokokuba ndiya kusela kwisiqhamo somdiliya kunye nawe emhlabeni, kwaye kunye noMoronayi, endimthumele kuwe akutyhilele iNcwadi kaMormoni, equlathe ivangeli yam yanaphakade epheleleyo, kuye endinikele izitshixo zembali yentonga kaEfrayim;

6 Kananjalo kunye noEliyasi, kuye endinikele izitshixo zokufezekisa ubuyiselo lwezinto zonke ezithethwe ngomlomo wabo bonke abaprofeti abangcwele ukususela ihlabathi laqalayo, ngokunxulumene nemihla yokugqibela;

7 Kananjalo uYohane unyana kaZekariya, uZekariya lowo yena (uEliyasi) wamtyelelayo waza wamnika isithembiso sokokuba uya kuba nonyana, kwaye igama lakhe liya kuba nguYohane, kwaye uya kuzaliswa ngomoya kaEliyasi;

8 Yohane lowo endimthumele kuni, zicaka zam, Joseph Smith, Omnci., no-Oliver Cowdery, ukuba animisele kububingeleli bokuqala enibufumeneyo, okokuba nibe ninokubizwa kwaye nimiselwe nkqu njengoAron;

9 Kananjalo uEliya, kuye ndinikele izitshixo zamandla okuguqulela iintliziyo zoyise ebantwaneni, neentliziyo zabantwana kooyise, ukuze umhlaba wonke ungabi nakubethwa ngesiqalekiso;

10 Kananjalo kunye uYosefu noYakobi, noIsake, noAbraham, oobawo benu, ngabo isithembiso esihleli ngabo;

11 Kananjalo kunye uMikhayeli, okanye uAdam, uyise wabo bonke, inkosana labo bonke, lemihla yamandulo;

12 Kananjalo kunye uPetros, noYakobi, noYohane abo bendibathumele kuni, ngabo endinimiseleyo kwaye ndaniqinisa nibe ngabapostile, namangqina akhethekileyo egama lam, kwaye nibe nezitshixo zobulungiseleli benu kwaye ezizezo zinto zifanayo endithi ndazityhila kubo;

13 Kubo endithe ndanikela izitshixo zobukumkani bam, kwaye nexesha lokuzihlanganisela likaThixo le vangeli yamaxesha okugqibela; neyenzaliseko yamaxesha, kuwo endiya kuhlanganisela kunye zonke izinto zibenye, kunye ezo zisezulwini, nezo zisemhlabeni;

14 Kananjalo kunye zonke ezo uBawo athe wandinika ngaphandle kwehlabathi.

15 Ngako oko, ziphakamiseni iintliziyo zenu kwaye nigcobe, kwaye nibhinqe izinqe zenu, nithabathele kuni isikrweqe sam esipheleleyo, ukuze nibe nako ukumelana nomhla wobubi, nithe nenza konke, ukuze nibe nako ukuma.

16 Yimani, ke ngoko, nithe izinqe zenu nazibhinqela ngenyaniso, ninengcina-sifuba yobulungisa, kwaye iinyawo zenu zinxityiswe ulungiselelo lwevangeli yoxolo, endithe ndayithumela iingelosi zam ziyinikele kuni;

17 Nithabatha ikhaka lokholo apho ngalo niya kubanako ukuzithintela zonke iintolo zomlilo zabakhohlakeleyo;

18 Kwaye thabathani isigcina-ntloko sosindiso, nekrele loMoya wam, endiya kuwugalela phezu kwenu, nelizwi lam endilityhila kuni, kwaye livunyelwe njengoko lichukumisa zonke izinto ezo nithe nazicela kum, kwaye nithembeke ndide ndibuye, kwaye niya kuxwilelwa phezulu, kuba apho ndikhoyo niya kubalapho kanjalo. Amen.