Izibhalo
IMfundiso neMinqophiso 36


Icandelo 36

Isityhilelo esinikwe ngoJoseph Smith uMprofeti sisiya kuEdward Partridge, kufutshane eFayette, eNew York, Disemba 9, 1830 (bona isihloko secandelo 35). Imbali kaJoseph Smith ichaza okokuba uEdward Partridge “ungamfuziselo wokuzinikela elukholweni, kwaye ungomnye wabantu abakhulu beNkosi.”

1–3, INkosi ibeka isandla Sayo phezu koEdward Partridge ngesandla sikaSidney Rigdon; 4–8, Yonke indoda eyamkela ivangeli nobubingeleli imele ukubizwa ihambele phambili ize ishumayele.

1 Itsho njalo iNkosi uThixo, Omnye onaMandla kaSirayeli: Qaphela, ndithi kuwe, sicaka sam Edward, okokuba usikelelwe, kwaye izono zakho zixolelwe, kwaye ubizelwe ukushumayela ivangeli yam njengokungathi lilizwi lexilongo;

2 Kwaye ndiya kubeka isandla sam phezu kwakho ngesandla sesicaka sam uSidney Rigdon, kwaye uya kwamkela uMoya wam, uMoya oyiNgcwele, nkqu uMonwabisi, oya kufundisa wena izinto eziluxolo zobukumkani;

3 Kwaye uya kuzibhengeza ngelizwi lendanduluko, usithi: Hosana, malibongwe igama loThixo osenyangweni.

4 Kwaye ngoku olu bizo nomyalelo ndizinika wena ngokunxulumene nabantu bonke—

5 Njengokuba beya kuba baninzi abaya kuza phambi kwezicaka zam uSidney Rigdon noJoseph Smith, Omnci., bewola olu bizo nomyalelo, baya kumiselwa baze bathunyelwe ngaphambili bashumayele ivangeli yanaphakade phakathi kwezizwe—

6 Bedanduluka inguquko, besithi: Sindisani iziqu zenu kwesi sizukulwana sigwenxa, kwaye nize ngaphambili niphume emlilweni, nithiye nkqu neengubo ezichatshazelwe yinyama.

7 Kwaye lo myalelo uya kunikwa abadala bebandla lam, wokokuba yonke indoda eya kuwuwola ngobunye bentliziyo ibe nokumiselwa ize ithunyelwe ngaphambili, nkqu njengoko ndithethileyo.

8 NdinguYesu Krestu, uNyana kaThixo; ngako oko, bhinqani izinqe zenu kwaye ndiya kuza ngesiquphe etempileni yam. Nkqu kunjalo. Amen.