Izibhalo
IMfundiso neMinqophiso 38


Icandelo 38

Isityhilelo esinikwe ngoJoseph Smith uMprofeti, eFayette, eNew York, Januwari 2, 1831. Isehlo sasiyinkomfa yeBandla.

1–6, UKrestu wadala zonke izinto; 7–8, Uphakathi kwabaNgcwele Bakhe, abaya kumbona Yena kamsinyane; 9–12, Yonke inyama yonakele phambi Kwakhe; 13–22, Ugcinele abaNgcwele Bakhe ilizwe lesithembiso exesheni nasephakadeni; 23–27, AbaNgcwele bayalelwa ukuba babebanye kwaye bathathane njengabazalwana; 28–29, Iimfazwe zaziwa kwangaphambili; 30–33, AbaNgcwele baya kunikwa amandla avela phezulu kwaye baye ngaphambili phakathi kwezizwe zonke; 34–42, IBandla liyalelwa ukukhathalela amahlwempu nabasweleyo kwaye lifune ubutyebi banaphakade.

1 Itsho njalo iNkosi uThixo wakho, nkqu uYesu Krestu, oMkhulu uNdinguye, uAlfa no-Omega, isiqalo nesiphelo, ikwanguye owajonga phezu kwephakade elibanzi elikhulukazi, nezihlwele zonke zeesarafi zezulu, phambi kokwenziwa kwehlabathi;

2 Ikwanguye owazi zonke izinto, kuba zonke izinto zikhona phambi kwamehlo am;

3 Ndikwanguye lowo wathethayo, kwaye ihlabathi lenzeka, nazo zonke izinto zeza ngam.

4 Ndikwanguye lowo wathabathela iZiyon kaEnoki esifubeni esisesam; kwaye inene, ndithi, nkqu njengabaninzi abathi bakholelwa egameni lam, kuba ndinguKrestu, kwaye egameni elilelam, ngenxa yegazi endaliphalazayo, ndabacengela phambi koBawo.

5 Kodwa qaphela, intsalela yabakhohlakeleyo ndiyigcine kumatyathanga obumnyama kude kube ngumhla omkhulu womgwebo, oya kuza ekupheleni komhlaba;

6 Kwaye nkqu kunjalo ndiya kwenza abakhohlakeleyo bagcinwe, abo bangasayi kuliva ilizwi lam kodwa baziqaqadekise iintliziyo zabo, kwaye yeha, yeha, yeha, isiphelo sabo.

7 Kodwa qaphelani, inene, inene, ndithi kuni okokuba amehlo am aphezu kwenu. Ndiphakathi kwenu kwaye aninako ukundibona;

8 Kodwa umhla uyeza kamsinya eniya kundibona, kwaye nazi okokuba ndinguye; kuba ikhuselo lobumnyama kamsinya liya kukrazulwa, kwaye lowo ungahlanjululwanga akayi kuyinyamezela imini.

9 Ngako oko, bhinqani izinqe zenu kwaye nizilungiselele. Qaphelani, ubukumkani bobenu, kwaye utshaba aluyi koyisa.

10 Inene ndithi kuni, nicocekile, kodwa ingenini nonke; kwaye akukho namnye ongomnye endikholisiweyo nguye;

11 Kuba yonke inyama yonakalisiwe phambi kwam; kwaye amandla obumnyama ayoyisa phezu komhlaba, phakathi kwabantwana babantu, kubukho bezihlwele zonke zezulu—

12 Ezibangela ukuzola kulawule, kwaye lonke iphakade liva ubuhlungu, neengelosi zilindele umyalelo omkhulu uvunele phantsi umhlaba, uhlanganise umdiza ukuze ube nokutshiswa; kwaye, qaphelani, utshaba luhlangene.

13 Kwaye ngoku ndikubonise imfihlelo, into ibikumagumbi afihlakeleyo, ukuzisa nkqu intshabalalo yenu ekuhambeni kwexesha, kwaye anikwazanga oko;

14 Kodwa ngoku ndikuthetha oko kuni, kwaye nisikelelekile, akungenxa yobugwenxa benu, nakungakholelwa kweentliziyo zenu; kuba inene abanye benu banetyala phambi kwam, kodwa ndiya kuba nenceba ebuthathakeni benu.

15 Ke ngoko, yomelelani ukususela ngoku; ningoyiki, kuba ubukumkani bobenu.

16 Kwaye ngosindiso lwenu ndininika umyalelo, kuba ndiyivile imithandazo yenu, namahlwempu akhalazile phambi kwam, nezityebi zenziwe ndim, kwaye yonke inyama yeyam, kwaye andikhethi buso bamntu.

17 Kwaye ndiwenze umhlaba watyeba, kwaye qaphela usisihlalo seenyawo zam, ngako oko, kwakhona ndiya kuma phezu kwawo.

18 Kwaye ndibeka ngaphambili kwaye ndicinga ukuba kufanelekile ukuninika ubutyebi obungakumbi, nkqu ilizwe lesithembiso, ilizwe elibaleka amasi nobusi, phezu kwalo akuyi kubakho siqalekiso xa iNkosi ifika;

19 Kwaye ndiya kuninika ibe lilizwe lelifa lenu ukuba niyalifuna ngentliziyo yenu yonke.

20 Kwaye oku kuya kuba ngumnqophiso wam kunye nani, niya kulifumana libe lilizwe lelifa lenu, nelelifa labantwana benu ngonaphakade, ngexesha umhlaba uya kuma, kwaye uya kulibanga kwakhona ephakadeni, alisayi kuphinda lidlule.

21 Kodwa, inene ndithi kuni okokuba ethubeni anisayi kuba nakumkani namlawuli, kuba ndiya kuba ngukumkani wenu kwaye ndinilinde.

22 Ngako oko, yivani ilizwi lam nize nindilandele, kwaye niya kuba ngabantu abakhululekileyo, kwaye anisayi kuba namithetho kodwa imithetho yam xa ndifikile, kuba ndingummisi mthetho wenu, kwaye yintoni enako ukubamba isandla sam?

23 Kodwa, inene ndithi kuni, fundisanani ngokunxulumene neofisi endithe ndananyulela kuyo;

24 Kwaye vumelani wonke umntu athathe umzalwana wakhe njengesiqu sakhe, kwaye asebenzise isidima nobungcwele phambi kwam.

25 Kwaye kwakhona ndithi kuni, vumelani wonke umntu athathe umzalwana wakhe njengesiqu sakhe.

26 Kuba yeyiphi indoda phakathi kwenu ithi inoonyana abalishumi elinesibini, ize ingabi ngumkhethi, kwaye beyikhonza ngokuthobekileyo, kwaye ize ithi komnye: Mawunxityiswe ingubo uze uhlale wena apha, ize komnye: Mawunxityiswe amadlavu uze uhlale wena phaya—ize ibajonge oonyana bayo ithi ndililungisa?

27 Qaphelani, oku ndininika njengomzekeliso, kwaye unjengam nkqu. Ndithi kuni, yibani banye; kwaye ukuba anikho banye aningabo abam.

28 Kwaye kwakhona, ndithi kuni okokuba utshaba olusemagumbini afihlakeleyo lufuna ubomi benu.

29 Niva ngeemfazwe kumazwe akude, kwaye nithi okokuba kamsinya kuya kubakho iimfazwe ezinkulu kumazwe akude, kodwa anizazi iintliziyo zabantu elizweni elilelenu.

30 Ndinixelela ezi zinto ngenxa yemithandazo yenu; ngako oko, londolozani ubulumko ezifubeni zenu, hleze inkohlakalo yabantu izityhile ezi zinto kuni ngenkohlakalo yabo, ngohlobo oluya kuthetha ezindlebeni zenu ngelizwi elikhwaza ngakumbi kunelo liya kugungqumisa umhlaba; kodwa ukuba nizilungiselele anisayi koyika.

31 Nokokuba nibe nokuphuncuka emandleni otshaba, kwaye nihlanganisele kum abantu abalungileyo, abangenachaphaza natyala—

32 Ngako oko, ngale njongo ndaninika umyalelo wokokuba nifanele ukuya eOhio; kwaye apho ndiya kuninika umthetho wam; kwaye apho niya kuphiwa amandla avela phezulu;

33 Kwaye ukususela apho, nabanina oya kuya ngaphambili phakathi kwazo zonke izizwe, kwaye baya kuxelelwa abaya kukwenza; kuba ndinomsebenzi omkhulu oseselugcinweni, kuba uSirayeli uya kusindiswa, kwaye ndiya kubakhokela naphina apho ndiya kuthanda, kwaye akukho mandla aya kubamba isandla sam.

34 Kwaye ngoku, ndinika ibandla kwezi ndawo umyalelo, wokokuba amadoda athile phakathi kwabo aya kunyulwa, kwaye aya kunyulwa ngelizwi lebandla;

35 Kwaye aya kukhathalela amahlwempu nabasweleyo, aze abalungiselele ukuba phumza ukuze bangabi nakubandezeleka; kwaye babathumele ngaphambili kwindawo endibayalele yona;

36 Kwaye lo iya kuba ngumsebenzi wabo, ukulawula imibandela yezinto zeli bandla.

37 Kwaye abo baneefama ezingenako ukuthengiswa, bavumeleni bashiyeke okanye ziqeshiswe njengoko kubonakala kulungile kubo.

38 Bonani ukuba zonke izinto zilondoloziwe; kwaye xa amadoda ephiwe amandla avela phezulu aze athunyelwa ngaphambili, zonke ezi zinto ziya kuhlanganiselwa esifubeni sebandla.

39 Kwaye ukuba nifuna ubutyebi obuyintando kaBawo abunikele kuni; niya kuba ngabona bazizityebi kubo bonke abantu, kuba niya kufumana ubutyebi banaphakade; kwaye kumele okokuba ubutyebi bomhlaba ndibunikele ngokwentando yam; kodwa lumkelani ikratshi, hleze nibe njengamaNifayithi akudala.

40 Kwaye kwakhona, ndithi kuni, ndininika umyalelo, wokokuba wonke umntu, kunye umdala, umbingeleli, utitshala, kananjalo ilungu, aqalise ngamandlakazi akhe, ngomsebenzi wezandla zakhe, ukulungiselela nokufezekisa izinto endiziyaleleyo.

41 Kwaye yenzani ukushumayela kwenu kube lilizwi elilumkisayo, umntu wonke kummelwane wakhe, ekuthambeni nakubulali.

42 Kwaye hambani ngoko niphume phakathi kwabakhohlakeleyo. Zisindiseni. Cocekani nina eniphethe izitya zeNkosi. Nkqu kunjalo. Amen.