Izibhalo
IMfundiso neMinqophiso 42


Icandelo 42

Isityhilelo esinikwe sizinxenye ezimbini ngoJoseph Smith uMprofeti, eKirtland, eOhio, Februwari 9 no23, 1831. Inxenye yokuqala iqulethe iivesi 1 ukuya 72, safunyanwa kukho abadala abalishumi elinesibini nasekuzalisekeni kwesithembiso seNkosi esasenziwe ngaphambili sokokuba “umthetho” uya kunikwa eOhio (bona icandelo 38:32). Inxenye yesibini iqulathe iivesi 73 ukuya 93. Umprofeti ubalula esi sityhilelo nje “ngokwamkela umthetho weBandla.”

1–10, Abadala babizelwa ukushumayela ivangeli, babhaptize abaguqulwa, nokwakha iBandla; 11–12, Bamele ukubizwa baze bamiselwe kwaye bamele ukufundisa imigaqo yevangeli efunyanwa kwizibhalo; 13–17, Bamele ukufundisa baze baprofethe ngamandla oMoya; 18–29, AbaNgcwele abayalelwa ekubeni babulale, bebe, baxoke, bakhanuke, bakrexeze okanye bathethe ububi ngokuchasene nabanye; 30–39, Imithetho elawula ukubingelela iipropathi iyaqaliswa; 40–42, Ikratshi nobuvila ziyagxekwa; 43–52, Imilwelwe iyaphiliswa ngolungiselelo nangokholo; 53–60, Izibhalo zilawula iBandla kwaye zimele ukubhengezwa ehlabathini; 61–69, Isiza seYerusalem eNtsha neemfihlelo zobukumkani siya kutyhilwa; 70–73, Izakhiwo neempahla ezibingelelweyo zimele ukusetyenziswa ukuxhasa amagosa eBandla, 74–93, Imithetho elawula umbulo, ukukrexeza, ukubulala, ukuba, nokuvuma izono iyaqalisa.

1 Phulaphulani, Owu nina badala bebandla lam, abazihlanganisele kunye egameni lam, nkqu uYesu Krestu uNyana woThixo ophilayo, uMsindisi wehlabathi; njengokuba nikholelwa egameni lam kwaye nigcina imiyalelo yam.

2 Kwakhona ndithi kuni, phulaphulani kwaye nimamele nize nithobele umthetho endininike wona.

3 Kuba inene ndithi, njengokuba nizihlanganisele kunye ngokunxulumene nomyalelo apho ngawo ndaniyalela, kwaye savumelana njengokuchukumisa le nto inye, kwaye sabuza uBawo egameni lam, nkqu kunjalo niya kufumana.

4 Qaphelani, inene ndithi kuni, ndininika umyalelo wokuqala, wokokuba niya kuya ngaphambili egameni lam, nina nonke, ngaphandle kwezicaka zam uJoseph Smith, Omnci., noSidney Rigdon.

5 Kwaye ndibanika umyalelo wokuba baya kuya ngaphambili okwexeshana, kwaye kuya kunikwa ngamandla oMoya ukuba baya kubuya nini.

6 Kwaye niya kuya ngaphambili ngamandla oMoya wam, nishumayela ivangeli yam, ngababini ngababini, egameni lam, niphakamisele phezulu amazwi njengokungathi sisandi sexilongo, nibhengeza ilizwi lam njengeengelosi zikaThixo.

7 Kwaye niya kuya ngaphambili nibhaptiza ngamanzi, nisithi: Guqukani, guqukani, kuba ubukumkani bezulu bukufuphi.

8 Kuba ukususela kule ndawo niya kuya ngaphambili kwiingingqi ezisentshona; kwaye njengokuba niya kubafumana abaya kunamkela niya kwakha ibandla lam kwiingingqi zonke—

9 Kude libe ixesha liya kufika xa kuya kutyhilwa kuni kuvela phezulu, xa isixeko seYerusalem eNtsha siya kulungiselelwa, okokuba nibe niya kuhlanganisana nibe banye, ukuze nibe ngabantu bam kwaye ndiya kuba nguThixo wenu.

10 Kwaye kwakhona, ndithi kuni, okokuba isicaka sam uEdward Partridge uya kuma eofisini endimnyulele kuyo. Kwaye kuya kwenzeka, okokuba xa esona endaweni yakhe omnye uya konyulwa. Nkqu kunjalo. Amen.

11 Kwakhona ndithi kuni, okokuba akuyi kunikwa nakubani na aye ngaphambili ashumayele ivangeli yam, okanye akhe ibandla lam, ngaphandle kokuba umiselwe ngulowo unegunya, kwaye kuyaziwa oko ebandleni ukuba unegunya kwaye ebemiselwa rhoqo ziintloko zebandla.

12 Kwaye kwakhona, abadala, abalungiseleli nootitshala bebandla baya kufundisa imigaqo yevangeli yam, eseBhayibhileni nakwiNcwadi kaMormoni, apho kuzo kukho ivangeli epheleleyo.

13 Kwaye baya kuqwalasela iminqophiso nezivumo zebandla ukuba bazenze, kwaye ezi iya kuba ziimfundiso zabo, njengoko beya kukhokelwa nguMoya.

14 Kwaye uMoya uya kunikwa kuni ngomthandazo wokholo; kwaye ukuba aniwamkeli uMoya anisayi kufundisa.

15 Kwaye konke oku niya kukuqwalasela nenze njengoko ndiniyaleleyo ngokunxulumene nokufundisa kwenu, kude ukuzaliseka kwezibhalo zam kunikiwe.

16 Kwaye njengoko niya kuphakamisela phezulu amazwi enu ngoMonwabisi, niya kuthetha nize niprofethe njengoko kubonakala kulungile kum;

17 Kuba, qaphelani, uMonwabisi wazi zonke izinto, kwaye unika ubungqina bukaBawo nobukaNyana.

18 Kwaye ngoku, qaphelani, ndithetha ebandleni. Nize ningabulali; kuba lowo ubulalayo akasayi kufumana uxolelo kweli hlabathi, nakwihlabathi elizayo.

19 Kwaye kwakhona, ndithi, nize ningabulali; kodwa lowo ubulalayo uya kufa.

20 Uze ungebi; kwaye lowo ubayo aze angaguquki uya kuphoselwa ngaphandle.

21 Uze ungaxoki; lowo uxokayo aze angaguquki uya kuphoselwa ngaphandle.

22 Uze umthande umfazi wakho ngentliziyo yakho yonke, kwaye uya kunamathela kuye ize ingabi kokunye.

23 Kwaye lowo ujonga umfazi aze amkhanuke uya kukhanyela okholo, kwaye akayi kuba noMoya; kwaye ukuba akaguquki uya kuphoselwa ngaphandle.

24 Uze ungakrexezi; kuba lowo ukrexezayo, aze angaguquki, uya kuphoselwa ngaphandle.

25 Kodwa lowo ukrexezayo aze aguquke ngentliziyo yakhe yonke, aze akulahle, aze angabuyi akwenze, uya kuxolelwa;

26 Kodwa ukuba uyakwenza kwakhona, akasayi kuxolelwa, kodwa uya kuphoselwa ngaphandle.

27 Uze ungamhlebi ngobubi ummelwane wakho, nakumenzakalisa.

28 Niyazi imithetho yam ngokunxulumene nezi zinto inikwe kwizibhalo zam; lowo wonayo aze angaguquki uya kuphoselwa ngaphandle.

29 Ukuba niyathanda niya kundikhonza nize nigcine yonke imiyalelo yam.

30 Kwaye qaphelani, niya kukhumbula amahlwempu, qwalaselani izakhiwo neempahla zenu ukuxhasa wona ukuze oko nikuncamele wona, ngomnqophiso nangokwenza okungenakophulwa.

31 Kwaye njengokuba nincamela amahlwempu izinto zenu, niya kuba oko nikwenza kum; kwaye kuya kubekwa phambi kwebhishophu yebandla lam nabacebisi bayo, ababini babadala, okanye umlungiseleli ophezulu, njengoko aya konyula okanye onyule kuze kusikelelwe loo njongo ecaleni.

32 Kwaye kuya kwenzeka, emva kokuba zibekwe phambi kwebhishophu yebandla lam, nasemva kokuba efumene obu bungqina ngokunxulumene nongcwaliso lwezakhiwo neempahla zebandla lam, ukuze zingabinako ukuthathwa ebandleni, zamkeleke kumyalelo wam, wonke umntu uya kwenziwa aziphendulele kum, igosa elongamele isakhiwo neempahla zabo, okanye oko kufunyenwe ngongcwaliso, njenga kangangoko konele yena nosapho.

33 Kwaye kwakhona, ukuba kuya kubakho izakhiwo neempahla ezandleni zebandla, okanye nabani oyedwa walo, ngaphezu kunokuba kuyimfuneko yenkxaso yakhe emva kolu ngcwaliso lokuqala, oluyintsalela emayingcwaliselwe ubhishophu, iya kugcinwa ilungiselele abo bangenanto, amaxesha ngamaxesha, ukuze wonke umntu onemfuno unokunikwa ngaphezulu aze afumane ngokunxulumene neminqweno yakhe.

34 Ke ngoko, intsalela iya kugcinwa kuvimba wam, ukulungiselela amahlwempu nabasweleyo, njengoko kuya kugqitywa liqumrhu eliphezulu lebandla, nobhishophu nequmrhu lakhe;

35 Kwaye ngenjongo yokuthengela imihlaba uncedo lukawonke-wonke lwebandla, nokwakha izindlu zokunqulela, nokwakha iYerusalem eNtsha elapha ibe nokutyhilwa—

36 Ukuze abantu bam bomnqophiso babe nokuhlanganisana bebanye ngaloo mhla xa ndiya kuza etempileni yam. Kwaye oku ndikwenzela usindiso lwabantu bam.

37 Kwaye kuya kwenzeka, okokuba lowo wonayo aze angaguquki uya kuphoselwa ngaphandle kwebandla, kwaye akayi kukufumana kwakhona oko abethe wakunikela kumahlwempu nakwabasweleyo bebandla lam, okanye ngamanye amazwi, kum—

38 Kuba njengokuba usenza oko kwabona bancinane baba, wenza njalo kum.

39 Kuba kuya kwenzeka, okokuba oko ndakuthethayo ngemilomo yabaprofeti kuya kuzalisekiswa; kuba ndiya kungcwalisa ubutyebi babo bamkela ivangeli yam phakathi kweeNtlanga kuwo amahlwempu abantu bam abangabendlu kaSirayeli.

40 Kwaye kwakhona, nize ningabi nakratshi ezintliziyweni zenu; nenze iingubo zenu zicace, nobuhle bazo bubuhle bomsebenzi wezandla zenu;

41 Kwaye vumelani zonke izinto zenziwe ngococeko phambi kwam.

42 Uze ungonqeni; kuba lowo wonqenayo akayi kudla isonka anganxibi nazingubo zomsebenzi.

43 Kwaye nabani na phakathi kwenu abagulayo, baze bangabi nalukholo lokuphiliswa, kodwa bekholwa, baya kondliwa ngokuthamba konke, ngamayeza nokutya okuthambileyo, kwaye oko kungesosandla sotshaba.

44 Kwaye abadala bebandla, ababini okanye ngaphezulu, baya kubizwa, kwaye baya kuthandazela kwaye babeke izandla zabo phezu kwabo egameni lam; kwaye ukuba bayafa baya kufela kum, kwaye ukuba bayaphila baya kuphila kum.

45 Nize nihlale kunye eluthandweni, njengokuba niya kulilela ilahleko yabo abo bafayo, kwaye ngokukhetheke ngakumbi abo bangenalo ithemba lovuko oluzukileyo.

46 Kwaye kuya kwenzeka ukuba abo bafela kum abayi kukungcamla ukufa, kuba kuya kubamnandi kubo;

47 Kwaye abo bangafeli kum, yeha kubo, kuba ukufa kwabo bukrakra.

48 Kwaye kwakhona, kuya kwenzeka okokuba lowo unokholo kum lokuphiliswa, aze abe akonyulelwa ekufeni, uya kuphiliswa.

49 Lowo unokholo lokubona uya kubona.

50 Lowo unokholo lokuva uya kuva.

51 Iziqhwala ezinokholo lokutsiba ziya kutsiba.

52 Kwaye abo bangenalo ukholo lokwenza ezi zinto, kodwa bekholelwa kum, banamandla okuba ngoonyana bam; kwaye njengokuba bengayophuli imithetho yam baya kuthwala ubulwelwe babo.

53 Uze ume endaweni yobugosa bakho.

54 Uze ungayithabathi ingubo yomzalwana wakho; uze ukuhlawulele oko uya kukufumana kumzalwana wakho.

55 Kwaye ukuba uzuze ngaphezulu kunoko bekulindelekile ekukuxhaseni, uze uyinikele kuvimba wam, ukuze zonke izinto zibe nokwenziwa ngokunxulumene koko ndikuthethileyo.

56 Uze ucele, kwaye izibhalo zam ziya kunikwa njengoko ndalathile, kwaye ziya kulondolozwa elukhuselekweni;

57 Kwaye kufanelekile okokuba nithi nibambe uxolo lwenu ngokunxulumene nabo, kwaye ningabafundisi kude kube nibamkele ngokupheleleyo.

58 Kwaye ndininika umyalelo wokuba ngoko niya kubafundisa bonke abantu; kuba baya kufundiswa kuzo zonke izizwe, izalamane, iilwimi nabantu.

59 Nize nithabathe izinto enithe nazamkela, ezithe zanikwa nina zibe ngumthetho okwizibhalo zam, zibe ngumthetho olawula ibandla lam;

60 Kwaye lowo wenza ngokunxulumene nezi zinto uya kusindiswa, kwaye lowo ungazenziyo uya kugwetywa ukuba uqhubeka njalo.

61 Ukuba uya kucela, uya kufumana isityhilelo phezu kwesityhilelo, ulwazi phezu kolwazi, ukuze abenokwazi iimfihlelo nezinto zoxolo—ezo zizisa uvuyo, olo luzisa ubomi obungunaphakade.

62 Nize nicele, kwaye kuya kutyhilwa kuni ngexesha lam elimisiweyo apho iYerusalem eNtsha iya kwakhiwa khona.

63 Kwaye qaphelani, kuya kwenzeka ukuba izicaka zam zibe ziya kuthunyelwa ngaphambili empumalanga nasentshonalanga, entla nasezantsi.

64 Kwaye nkqu ngoku, mvumeleni lowo uya ngasempumalanga abafundise abo baya kuguqulwa basabele entshonalanga, kwaye oku kungumphumela woko kuzayo emhlabeni, namayelenqe afihlakeleyo.

65 Qaphelani, niya kuqwalasela zonke ezi zinto, kwaye uya kuba mkhulu umvuzo wenu; kuba ninikwe ukwazi iimfihlelo zobukumkani, kodwa ihlabathi alikunikwanga ukuzazi zona.

66 Niya kuqwalasela imithetho eniyifumeneyo nize nithembeke.

67 Kwaye niya kufumana ukususela ngoku nakwixesha elizayo iminqophiso yebandla, enjengaleyo iya kwanela ekunimiseni, kunye apha nakwiYerusalem eNtsha.

68 Ke ngoko, lowo uswele ubulumko, makacele kum, kwaye ndiya kumnika ngokukhululekileyo ndingamngcikivi.

69 Phakamisani iintliziyo zenu nize nivuye, kuba bobenu ubukumkani, okanye ngamanye amazwi, izitshixo zebandla zinikelwe. Nkqu kunjalo. Amen.

70 Ababingeleli nootitshala baya kufumana ubugosa babo, nkqu njengamalungu.

71 Kwaye abadala okanye ababingeleli abaphezulu abonyulelwe ukuncedisa ubhishophu njengabacebisi ezintweni zonke, bamele ukuxhaselwa iintsapho zabo ngokuvela kwisakhiwo neempahla ezingcwaliselwe kubhishophu, ngokulungele amahlwempu, nangezinye iinjongo, njengoko kukhankanyiwe ngaphambili;

72 Okanye bamele ukufumana umvuzo ofanelekileyo ngayo yonke imisebenzi yabo, mhlawumbi owobugosa okanye ongowolunye uhlobo, njengoko kuya kucingwa ukuba kokona kulungileyo okanye kugqitywe ngabacebisi nobhishophu.

73 Kwaye kanjalo, ubhishophu, uya kufumana inkxaso yakhe, okanye umvuzo ofanelekileyo ngayo yonke imisebenzi yakhe ebandleni.

74 Qaphelani, inene ndithi kuni, okokuba nabaphina abantu phakathi kwenu, abathe babekela kude abalingane babo ngesizathu sombulo, okanye ngamanye amazwi, ukuba baya kunika ubungqina phambi kwenu kuko konke ukuthobeka kwentliziyo ukuba oku ngunobangela, anisayi kubaphosela ngaphandle phakathi kwenu;

75 Kodwa ukuba niya kufumanisa ukuba nabaphi na abantu abathe bashiya abalingane babo ngesizathu sokrexezo, kwaye bona iziqu zabo bangabonileyo, kwaye abalingane babo bayaphila, baya kuphoselwa ngaphandle phakathi kwenu.

76 Kwaye kwakhona, ndithi kuni, okokuba niya kuzigada nizilumkele, ninokubuza konke, kwaye ningamkeli namnye onjalo phakathi kwenu ukuba batshatile;

77 Kwaye ukuba abatshatanga, baya kuguquka ezonweni zabo zonke okanye aniyi kubamkela.

78 Kwaye kwakhona, wonke umntu ongoweli bandla likaKrestu, uya kuqwalasela ukugcina yonke imiyalelo neminqophiso yebandla.

79 Kwaye kuya kwenzeka, okokuba nabaphina abantu phakathi kwenu abaya kubulala baya kuziswa kwaye bohlwaywe ngokunxulumene nemithetho yelizwe; kuba khumbulani lowo ungenalo uxolo; kwaye kuya kubonakaliswa ngokunxulumene nemithetho yelizwe.

80 Kwaye ukuba nayiphi na indoda okanye umfazi uya kukrexeza, lowo uya kumiswa phambi kwabadala ababini bebandla, okanye abangaphezulu, kwaye ilizwi ngalinye liya kumiswa ngokuchasene naye ngamangqina amabini ebandla, kwaye ingabi ngawotshaba; kodwa ukuba kukho amangqina angaphezulu kwamabini kokona kungcono.

81 Kodwa lowo uya kugwetywa ngomlomo wamangqina amabini; kwaye abadala baya kubeka isimangalo phambi kwebandla, kwaye ibandla liya kuphakamisa izandla zalo ngokuchasene naye, ukuze abe nokohlwaywa ngokomthetho kaThixo.

82 Kwaye ukuba kunokwenzeka, kuyimfuneko ukuba ubhishophu kanjalo abekhona.

83 Kwaye kungoko niya kwenza njalo kuzo zonke izimangalo eziya kuza phambi kwenu.

84 Kwaye ukuba indoda okanye umfazi uya kuphanga, lowo uya kuziswa emthethweni welizwe.

85 Kwaye ukuba lowo uya kuba, lowo uya kuziswa emthethweni welizwe.

86 Kwaye ukuba lowo uya kuxoka, lowo uya kuziswa emthethweni welizwe.

87 Kwaye ukuba lowo wenza naluphina uhlobo lobugwenxa, lowo uya kuziswa emthethweni, nkqu kulowo kaThixo.

88 Kwaye ukuba umzalwana wakho okanye udade uyakukhathaza wena, uze umthabathe kube phakathi kwakhe nawe kuphela; kwaye ukuba uyazohlwaya niya kuxolelana.

89 Kwaye ukuba lowo akazohlwayi uya kumzisa abandleni, ingabi ngamalungu, kodwa ebadaleni. Kwaye kuya kwenziwa entlanganisweni, nokokuba kungabi phambi kwehlabathi.

90 Kwaye ukuba umzalwana wakho okanye udade ukhathaza abaninzi, lowo uya kululekwa phambi kwabaninzi.

91 Kwaye ukuba nabani na ukhathaza ngokuphandle, lowo uya kungxoliswa ngokuphandle, ukuze lowo abe neentloni. Kwaye ukuba lowo akazohlwayi, lowo uya kuziswa emthethweni kaThixo.

92 Ukuba othile uya kukhathaza emfihlakalweni, lowo uya kungxoliswa emfihlakalweni, ukuze lowo abe ufumana ithuba lokuzohlwaya emfihlakalweni kulowo ebethe wamkhathaza, nakuThixo, ukuze ibandla lingabi nokuthetha ngokungcikivayo ngaye.

93 Kwaye niya kulawula ngokunjalo ezintweni zonke.