Izibhalo
IMfundiso neMinqophiso 5


Icandelo 5

Isityhilelo esinikwe ngoJoseph Smith uMprofeti, eHarmony, ePennsylvania, Matshi 1829, ngesicelo sikaMartin Harris.

1–10, Esi sizukulwana siya kufumana ilizwi leNkosi ngoJoseph Smith; 11–18, Amangqina amathathu aya kungqina ngeNcwadi kaMormoni; 19–20, Ilizwi leNkosi liya qinisekiswa njengakumaxesha adlulileyo; 21–35, UMartin Harris unokuguquka abe ngomnye wamangqina.

1 Qaphela, ndithi kuwe, njengokuba isicaka sam uMartin Harris sinqwenele ubungqina esandleni sam, okokuba wena, sicaka sam Joseph Smith, Omnci., unamacwecwe ngawo ongqine waza wenza imbali yokokuba uwafumane kum;

2 Kwaye ngoku, qaphela, oku uya kuthetha kuye—lowo wathethayo kuwe, wathi kuwe: Mna, iNkosi, ndinguThixo, kwaye ndinikele ezi zinto kuwe, sicaka sam Joseph Smith, Omnci., ndaza ndakuyalela okokuba ume njengengqina lezi zinto;

3 Kwaye ndikwenze ukuba ungene kuwo umnqophiso kunye nam, wokokuba awuyi kuzibonisa ngaphandle kwabo bantu endithe ndakuyalela ngabo; kwaye awunamandla phezu kwazo ngaphandle kokuba ndiwanikele kuwe.

4 Kwaye unesipho sokuguqula amacwecwe; kwaye esi sisipho sokuqala endithe ndasimisela phezu kwakho; kwaye ndiyalele okokuba ungazenzi ngathi unesinye isipho kude kube injongo yam izalisekile kule nto; kuba andisayi kukunika nasiphina isipho kude kube kugqityiwe.

5 Inene, ndithi kuwe, yeha oko kuya kuza kubemi bomhlaba ukuba abayi kuwaphulaphula amazwi am;

6 Kuba emva koku uya kumiselwa uze uhambele ngaphambili uhambisa amazwi am ebantwaneni babantu.

7 Qaphela, ukuba abayi kukholewa amazwi am, abayi kukukholelwa, sicaka sam Joseph, ukuba kunokwenzeka okokuba ubabonise zonke ezi zinto endithe ndakubophelela ngazo.

8 Owu, esi sizukulwana singakholwayo kwaye siintamo zilukhuni—umsindo wam uyavutha ngokuchasene nabo.

9 Qaphela, inene ndithi kuwe, ndizigcinile ezo zinto endithe ndazinikela kuwe, sicaka sam Joseph, zenjongo elumkileyo ekum, kwaye kuya kwenziwa kwazeke kwizizukulwana zexesha elizayo;

10 Kodwa esi sizukulwana siya kufumana ilizwi lam ngawe;

11 Kwaye ukongeza kubungqina bakho, ubungqina bezicaka zam ezithathu, endiya kuzibiza ndize ndizimisele, kuzo ndiya kubonisa ezi zinto, kwaye ziya kuhambela phambili kunye namazwi am athe anikwa ngawe.

12 Ewe, baya kwazi ngokwenene okokuba ezi zinto ziyinyani, kuba emazulwini ndiya kukubhengeza kubo.

13 Ndiya kubanika amandla wokokuba babenokuqaphela baze bazijonge ezi zinto njengoko zinjalo;

14 Kwaye andisayi kunika la mandla kuye namnye, ukuba afumane obu bukwanje ubungqina phakathi kwesi sizukulwana, koku kukuqala kokunyukela phezulu nokuza ngaphambili kwebandla liphuma entlango—licace njengenyanga, kwaye lilihle njengelanga, kwaye lisoyikeka njengomkhosi oneebhanile.

15 Kwaye ubungqina bamangqina amathathu ndiya kuthumela ngaphambili ngabo ilizwi lam.

16 Kwaye qaphela, abo bathe bakholelwa emazwini am, abo ndiya kubatyelela ngokubonakala koMoya wam; kwaye baya kuzalwa ngokokwam, nkqu ngokwamanzi nangokoMoya—

17 Kwaye kumele ulinde nje ithutyana, kuba awukathi umiselwe

18 Kwaye ubungqina babo kanjalo buya kuya ngaphambili ekugwetyweni kwesi sizukulwana ukuba bazenza lukhuni iintliziyo zabo ngokuchasene nabo;

19 Kuba isibetho sentshabalalo siya kuya ngaphambili phakathi kwabemi bomhlaba, kwaye siya kuqhubekeka sithululwa amaxesha ngamaxesha, ukuba abaguquki, kude umhlaba ungabi nanto, kwaye abemi ngoko ke baginyiwe kwaye batshatyalaliswe ngokupheleleyo kukuqaqamba kokuza kwam.

20 Qaphela, ndikuxelela ezi zinto, kwananjengoko ndixelela kanjalo abantu bentshabalalo yeYerusalem; kwaye ilizwi lam liya kuchaneka ngeli xesha njengoko bathi apha naphaya lachaneka.

21 Kwaye ngoku ndiyakuyalela, sicaka sam Joseph, ukuba uguquke uze uhambe ngokuthe tye ngakumbi phambi kwam, kwaye uze ungakekeleli kwiimpembelelo zabantu kwakhona;

22 Kwaye uze ungashenxi ekuyigcineni imiyalelo endikuyalele ngayo; kwaye ukuba wenza oku, qaphela ndikunika ubomi obungunaphakade, nokokuba ungaba ubulewe.

23 Kwaye ngoku, kwakhona, ndithetha kuwe, sicaka sam Joseph, ngokunxulumene nomntu onqwenela ingqina—

24 Qaphela, ndithi kuye, ukuzinika ubuqaqawuli aze angazithobi ngokwaneleyo phambi kwam; kodwa ukuba uya kuqubuda phantsi phambi kwam, aze azithobe ngomthandazo onamandla amakhulu nokholo, ekunyanisekeni kwentliziyo yakhe, ngoko ndiya kumnika ukubona izinto anqwenela ukuzibona.

25 Kwaye ngoko uya kuthi ebantwini besi sizukulwana: Qaphelani, ndibone izinto iNkosi ethe yazibonisa uJoseph Smith Omnci., kwaye ndazi ngokwenene okokuba ziyinyani, kuba ndizibonisile, kuba ziboniswe kum ngamandla kaThixo kwaye ingengawo amntu.

26 Kwaye mna iNkosi ndiyalela yena, uMartin Harris isicaka sam, okokuba akasayi kuthetha nto kubo ngokunxulumene nezi zinto, ngaphandle kokuba uya kuthi: Ndizibonile, kwaye zibonisiwe kum ngamandla kaThixo; kwaye la ngamazwi aya kuwathetha.

27 Kodwa ukuba uyakuphika oku uya kwaphula umnqophiso athe wanawo phambi kokuba anqophisane nam, kwaye qaphela, uya kugwetywa.

28 Kwaye ngoku, ngaphandle kokuba azithobe aze avume kum izinto athe wazenza ezingalunganga, kwaye anqophisane nam okokuba uya kugcina imiyalelo yam, kwaye asebenzise ukholo kum, qaphela, ndithi kuye, akasayi kukufumana oko kubona kunjalo, kuba andisayi kumnika ukubona izinto ezo ndithethe ngazo.

29 Kwaye ukuba ke oku kuyenzeka, ndiyakuyalela, sicaka sam Joseph, oko uya kuthetha kuye, okokuba akasayi kwenza ngakumbi, nakundikhathaza nangayiphina imo ngokunxulumene nalo mba.

30 Kwaye ukuba oku kuyenzeka, qaphela, ndithi kuwe wena Joseph, xa uthe waguqulela amaphepha ambalwa angaphezulu uze ukhe uthi nqumama okwethutyana, kangangokude ndikuyalele wena kwakhona; ngoko uya kuthi uguqulele kwakhona.

31 Kwaye ngaphandle kokuba wenze oku, qaphela, awusayi kuba naso isipho, kwaye ndiya kuzihlutha izinto endikunike zona wena.

32 Kwaye ngoku, ngenxa yokuba ndibona kwangaphambili oko kuya kwenzeka ukukutshabalalisa, ewe, ndibona kwangaphambili okokuba ukuba isicaka sam uMartin Harris akazithobi aze afumane ingqina esandleni sam, okokuba uya kuwela esonweni;

33 Kwaye baninzi abalaleleyo belinde ukutshabalalisa wena usuke ebusweni bomhlaba; kwaye ngesi sizathu, sokokuba imihla yakho inokwandiswa, ndinikele kuwe le miyalelo.

34 Ewe, ngenxa yesi sizathu ndithe: Yima, uze ume uzole ndide ndikuyalele wena, kwaye ndiya kunika iindlela apho ngazo unokuphumelelisa into endikuyaleleyo ngayo.

35 Kwaye ukuba uthembekile ekugcineni imiyalelo yam, uya kuphakanyiswa ngomhla wokugqibela. Amen.