Izibhalo
IMfundiso neMinqophiso 50


Icandelo 50

Isityhilelo esinikwe ngoJoseph Smith uMprofeti, eKirtland, eOhio, Meyi 9, 1831. Imbali kaJoseph Smith ixela okokuba abathile babadala babengakuqondi ukuzibonakalisa koomoya abahlukileyo ngaphesheya emhlabeni nokokuba esi sityhilelo sanikwa ekuphenduleni umbuzo wakhe okhethekileyo kulo mba. Usinga moya omkhulukazi wawuqhelekile phakathi kwamalungu, athile awo ayebanga ukuba afumana imibono nezityhilelo.

1–5, Oomoya bobuxoki abaninzi bangapha nangapha emhlabeni; 6–9, Yeha kubahanahanisi nabo bakhutshelwe ngaphandle eBandleni; 10–14, Abadala bamele ukushumayela ivangeli ngoMoya; 15–22, Kunye abashumayeli nabamameli kufuneka bahlaziywe ngoMoya; 23–25, Oko kungathanga kuhlaziywe asikuko okukaThixo; 26–28, Abathembekileyo ngabanini bezinto zonke; 29–36, Imithandazo yabahlanjululweyo iyaphendulwa; 37–46, UKrestu nguMalusi oLungileyo neLitye likaSirayeli.

1 Phulaphulani, Owu badala bebandla lam, nize ninike indlebe elizwini loThixo ophilileyo; kwaye nilungiselele amazwi obulumko aya kunikwa nina, ngokunxulumene njengoko nithe nacela naze navuma njengokokuchukumisa ibandla, nomoya abathe baya ngaphesheya emhlabeni.

2 Qaphelani, inene ndithi kuni, okokuba baninzi oomoya abangoomoya abangcolileyo, abathe beza ngaphambili emhlabeni, bekholisa ihlabathi.

3 Kananjalo uSathana ufune ukukhohlisa, ukuze abenokunibhukuqa.

4 Qaphelani, mna, iNkosi, ndijonge phezu kwenu, ndaza ndabona amasikizi ebandleni elibhengeza igama lam.

5 Kodwa basikelelekile abo bathembekileyo baze banyamezele, nokokuba kusebomini okanye ekufeni, kuba baya kufumana ilifa lobomi obungunaphakade.

6 Kodwa yeha kwabo bangabakhohlisi nabahanahanisi, kuba, itsho njalo iNkosi, ndiya kubazisa emgwebeni.

7 Qaphelani, inene ndithi kuni, kukho abahanahanisi phakathi kwenu, abakhohlise abathile, abanike utshaba amandla; kodwa qaphelani abanjalo baya kubangwa kwakhona;

8 Kodwa abahanahanisi baya kufunyanwa baze bakhutshwelwe ngaphandle, nokokuba kusebomini okanye ekufeni, nkqu njengoko ndiya kwenza; kwaye yeha kwabo bakhutshelwe ngaphandle ebandleni lam, kuba abanjalo boyiswa lihlabathi.

9 Ngako oko, vumelani wonke umntu alumke hleze enze oko kungeyonyaniso nobulungisa phambi kwam.

10 Kwaye ngoku yizani, ngoMoya, itsho iNkosi, kubadala bebandla layo, kwaye masiqondisane kunye, ukuze nibe nokuqonda;

11 Masiqondisane nkqu njengomntu eqondisana omnye nomnye ubuso ngobuso.

12 Ngoku, xa umntu eqondisisa uyaqondwa ngabantu, ngenxa yokuba uqondisisa njengomntu; nkqu kunjalo mna, iNkosi, ndiya kuqondisisana nani ukuze nibe nokuqonda.

13 Ngako oko, mna iNkosi ndimbuza lo mbuzo—nanimiselwe entweni?

14 Ekushumayeleni ivangeli yam ngoMoya, nkqu ngoMonwabisi owathunyelwa ngaphambili ekufundiseni inyaniso.

15 Kwaye ngoko nifumene oomoya eningenako ukubaqonda, nize nibamkele ngokungathi ngabakaThixo; kwaye kuko oku ingaba nilungisile?

16 Qaphelani niza kuwuphendula lo mbuzo ngokwenu; nangona kunjalo, ndiya kuba nenceba kuni; lowo ubuthathaka phakathi kwenu ngoku nakwixesha elizayo uya kwenziwa omelele.

17 Inene ndithi kuni, lowo umiselwe ndim waza wathunyelwa ngaphambili aye kushumayela ilizwi lenyaniso ngoMonwabisi, ekuMoya wenyaniso, lowo ulishumayela ngoMoya wenyaniso okanye ngenye indlela?

18 Kwaye ukuba ke kungenye indlela ethile ayiyiyo ekaThixo.

19 Kwaye kwakhona, lowo wamkela ilizwi lenyaniso, ingaba ulamkela ngoMoya wenyaniso okanye ngenye indlela ethile?

20 Ukuba kungenye indlela ethile ayiyiyo ekaThixo.

21 Ke ngoko, kutheni okokuba ningabi nako ukuqonda nokwazi, okokuba lowo wamkela ilizwi ngoMoya wenyaniso ulamkela njengoko lishunyayelwa nguMoya wenyaniso?

22 Ngako oko, lowo ushumayelayo nalowo wamkelayo, bayaqondana omnye nomye, kwaye bobabini baya kuhlaziyeka baze bagcobe kunye.

23 Kwaye oko kungahlaziyiyo asikuko okukaThixo, kwaye kububumnyama.

24 Oko kukokukaThixo kukukhanya; kwaye lowo wamkela ukukhanya, aze baqhubekeke kuThixo, wamkela ukukhanya okungakumbi; kwaye oko kukhanya kuya kuqaqamba ngakumbi nangakumbi kude kube ngumhla ogqibeleleyo.

25 Kwaye kwakhona, inene ndithi kuni, kwaye ndikutsho ukuze nibe nokuyazi inyaniso, ukuze nibe nokususa ubumnyama okuvela phakathi kwenu;

26 Lowo umiselwe nguThixo waza wathunyelwa ngaphambili, onjalo unyulelwe ukuba ngoyena mkhulu, nangona lowo engoyena mncinane kwaye usisicaka sabo bonke.

27 Ngako oko, ungumnini wento zonke; kuba zonke izinto ziphantsi kwakhe, kunye ezulwini nasemhlabeni, ubomi nokukhanya, uMoya namandla, zithunyelwe ngaphambili ngentando kaBawo ngoYesu Krestu, uNyana wakhe.

28 Kodwa akukho mntu ungumnini wento zonke ngaphandle kokuba lowo uhlanjululwe waza wacocwa kuso sonke isono.

29 Kwaye ukuba nihlanjululwe naza nacocwa kuso sonke isono, niya kucela nantonina eniya kuyifuna egameni likaYesu kwaye iya kwenziwa.

30 Kodwa yazini oku, niya kunikwa oko niya kukucela; kwaye njengokuba nonyulwe entloko, oomoya baya kuba phantsi kwenu.

31 Ngako oko, kuya kwenzeka, okokuba xa niqaphela umoya obonakaliswayo eningenako ukuwuqonda, nize ningamkeli loo moya, niya kubuza kuBawo egameni likaYesu; aze ukuba akaniniki loo moya, ngoko ke niya kuba nokwazi ukuba akanguwo okaThixo.

32 Kwaye niya kunikwa, amandla ngaphezu kwaloo moya; kwaye niya kubhengeza ngokuchasene naloo moya ngelizwi elikhwazayo okokuba akanguwo okaThixo—

33 Ningenakumelana nomgwebo wakunyelisa, ukuze ningoyiswa, nangakuzigwagwisa okanye ukugcoba, hleze nibanjwe apho kunye.

34 Lowo wamkela okukaThixo, makakwenzele ingxelo okukaThixo; kwaye makagcobe kuba ubalelwe kuThixo ukuba kufanelekile ukumamkela.

35 Kwaye ngokunika inyameko nokwenza ezi zinto nizamkeleyo, nezo niya kuzamkela ngoku nakwixesha elizayo—kwaye ubukumkani bukaBawo nibunikwe, namandla okoyisa zonke izinto ezingamiselwanga nguye—

36 Kwaye qaphelani, inene ndithi kuni, nisikelelekile nina ngoku nimamele la mazwi am avela emlonyeni wesicaka sam, kuba izono zenu zixolelwe.

37 Vumelani isicaka sam uJoseph Wakefield, kuso endikholisiweyo, nesicaka sam uParley P. Pratt baye ngaphambili phakathi kwamabandla baze bawomeleze ngelizwi lemvuselelo;

38 Kananjalo isicaka sam uJohn Corrill, okanye njengabaninzi bezicaka zam eziya kumiselwa kule ofisi, nize nizivumele zisebenze esidiliyeni; kwaye ningavumeli mntu abaphazamise ekwenzeni oko ndibonyulele kona—

39 Ngako oko, kule nto isicaka sam uEdward Partridge akalungisanga; nangona kunjalo mvumeleni aguquke kwaye uya kuxolelwa.

40 Qaphelani, ningabantwana abancinane kwaye aninako ukuthwala zonke izinto ngoku; nimele ukukhula elubabalweni nakulwazi lwenyaniso.

41 Ningoyiki, bantwana abancinane, kuba ningabam, ndaye ndiloyisile ihlabathi, kwaye ningababanye babo uBawo owabanika mna;

42 Kwaye akakho namnye owabo uBawo abanike mna oya kulahleka.

43 Kwaye uBawo nam sibanye. NdikuBawo kwaye uBawo ukum; kwaye njengokuba nindamkele, nikum kwaye nam ndikuni.

44 Ngako oko, ndiphakathi kwenu, kwaye ndingumalusi olungileyo, nelitye likaSirayeli. Lowo wakhela phezu kolu lwalwa akasayi kuwa.

45 Kwaye umhla uyeza eniya kuva ilizwi lam nize nindibone, nize nazi ukuba ndim.

46 Lindani, ke ngoko, ukuze nibe nihleli nizilungiselele. Nkqu kunjalo. Amen.