Izibhalo
IMfundiso neMinqophiso 68


Icandelo 68

Isityhilelo esinikwe ngoJoseph Smith uMprofeti eHiram, eOhio, Novemba 1, 1831, ekuphenduleni umthandazo wokukuba ingqondo yeNkosi yenziwe yazeke ngokunxulumene no-Orson Hyde, Lyman E. Johnson, noWilliam E. McLellin. Nangona inxenye yesi sityhilelo yayijoliswe kula madoda mane, okuninzi komxholo kubhekisele eBandleni lonke. Esi sityhilelo sasiphangalalisiwe phantsi kolawulo lukaJoseph Smith xa sasipapashwa kuhlelo lowe-1835 lweMfundiso neMinqophiso.

1–5, Amazwi abadala xa beqhutywa nguMoya oyiNgcwele asisibhalo; 6–12, Abadala bamele ukushumayela nokubhaptiza, kwaye imiqondiso iya kulandela amakholwa enene; 13–24, Izibulo phakathi koonyana baka-Aron linokusebenza njengoBhishophu oWongameleyo (oko kukuthi, abambe izitshixo zobubongameli njengebhishophu) phantsi kwesikhokelo soBumongameli boKuqala; 25–28, Abazali bayalelwa ukufundisa ivangeli ebantwaneni babo; 29–35, AbaNgcwele bamele ukuqwalasela iSabatha, basebenze ngenkuthalo, baze bathandaze.

1 Isicaka sam, uOrson Hyde, wabizwa ngomiselo lwakhe ukubhengeza ivangeli yanaphakade, ngoMoya kaThixo ophilileyo, ukusuka ebantwini kuye ebantwini, nokusuka elizweni ukuya elizweni, kwiintlanganiso zabakhohlakeleyo, ezindlwini zabo zesikhungo, beqiqa nabo kwaye becacisa zonke izibhalo kubo.

2 Kwaye, qaphelani, kwaye yabonani, lo ngumzekelo kubo bonke abamiselwa kobu bubingeleli, abamsebenzi wabo onyulelwe bona ikukuhambela ngaphambili—

3 Kwaye lo ngumzekelo kubo, okokuba baya kuthetha njengokuba beqhutywa nguMoya oyiNgcwele.

4 Kwaye nantonina abaya kuyithetha xa beqhutywa nguMoya oyiNgcwele iya kuba sisibhalo, iya kuba yintando yeNkosi, iya kuba yingqondo yeNkosi, iya kuba lilizwi leNkosi, iya kuba kukuvakalisa kweNkosi, namandla kaThixo elusindisweni.

5 Qaphelani, esi sisithembiso seNkosi kuni, Owu nina zicaka zam.

6 Ngako oko, yomelelani, kwaye musani ukoyika, kuba mna iNkosi ndinani, kwaye ndiya kuma nani; kwaye niya kunika ubungqina bam, nkqu uYesu Krestu, okokuba mna uNyana kaThixo ophilileyo, okokuba ndandinguye, okokuba ndinguye, nokokuba ndiseza.

7 Eli lilizwi leNkosi kuni, sicaka sam Orson Hyde, kananjalo esicakeni sam uLuke Johnson, nasesicakeni sam uLyman Johnson, nasesicakeni sam uWilliam E. McLellin, nakubo bonke abadala abathembekileyo bebandla lam—

8 Hambani niye kulo lonke ihlabathi, shumayelani ivangeli kuso sonke isidalwa, nisebenza egunyeni endininikileyo, nibhaptiza egameni loYise, neloNyana, neloMoya oyiNgcwele.

9 Kwaye lowo ukholwayo aze abhaptizwe uya kusindiswa, nalowo ungakholwayo uya kugwetywa.

10 Kwaye lowo ukholwayo uya kusikelelwa ngemiqondiso elandelayo, nanjengoko ibhaliweyo.

11 Kwaye kuni kuya kunikwa ukwazi imiqondiso yamaxesha, nemiqondiso yokuza koNyana woMntu;

12 Kwaye nokokuninzi njengoko uBawo aya kunika ubungqina, kuni kuya kunikelwa amandla okubatywinela ebomini obungunaphakade. Amen.

13 Kwaye ngoku, ngokunxulumene nezinto ezongezelelwe kwiminqophiso nemiyalelo, zizo ezi—

14 Apho kusala ukususela ngoku nakwixesha elizayo, kwixesha elifanekekileyo leNkosi, abanye oobhishophu basikelelelwe bucala ebandleni, basebenze nkqu ngokunxulumene ekuqaleni;

15 Ngako oko baya kuba ngababingeleli abaphezulu abafanelekileyo, kwaye baya konyulwa buBumongameli boKuqala boBubingeleli bukaMelkitsedeke, ngaphandle kokuba babe zizizukulwana zokwenene zika-Aron.

16 Kwaye ukuba bazizizukulwana zokwenene zika-Aron banelungelo elisemthethweni kububhishopu, ukuba bangamazibulo phakathi koonyana baka-Aron;

17 Kuba izibulo liphethe ilungelo lobumongameli phezu kobu bubingeleli, nezitshixo okanye igunya elikwanjalo.

18 Akukho mntu unelungelo elisemthethweni kule ofisi, uphatha izitshixo zobu bubingeleli, ngaphandle kokuba abe usisizukulwana sokwenene nezibulo lika-Aron.

19 Kodwa, njengombingeleli ophezulu woBubingeleli bukaMelkitsedeke unegunya lokusebenza kuzo zonke iiofisi ezinganeno unokusebenza eofisini kabhishophu xa kungenakufunyanwa isizukulwana sokwenene sika-Aron, abe ubizwe waza wasikelelwa bucala kwaye amiselwe kweli gunya, phantsi kwezandla zoBumongameli boKuqala boBubingeleli bukeMelkitsedeke.

20 Kwaye isizukulwana sokwenene sika-Aron, kanjalo, masonyulwe bobu Bumongameli, kwaye sifumaneke sifanelekile, kwaye sithanjiswe, size simiselwe phantsi kwezandla zobuBumongameli, ngenye indlela abagunyaziswanga ngokusemthethweni ekusebenzeni ebubingelelini babo.

21 Kodwa, ngenxa yomiselo ngokunxulumene nelungelo labo lobubingeleli busihla buvela kuyise buye kunyana, banokubanga ukuthanjiswa kwabo ukuba nangaliphina ixesha banokubonisa umlibo wabo, okanye babuqondisisise ngesityhilelo esivela eNkosini phantsi kwezandla zabangentla ababizwe ngokuba buBumongameli.

22 Kwaye kwakhona, akukho bhishophu okanye umbingeleli omkhulu oya kusikelelewa bucala kuba obu bufundisi buya kulingwa okanye bugwetyelwe naluphina ulwaphulomthetho, ngaphandle kokuba ibe kuphambi koBumongameli boKuqala bebandla;

23 Kwaye njengokuba efunyanwa enetyala phambi kobu Bumongameli, ngobungqina obungenako ukumangalelwa, uya kugwetywa;

24 Kwaye ukuba uyaguquka uya kuxolelwa, ngokunxulumene neminqophiso nemiyalelo yebandla.

25 Kwaye kwakhona, njengokuba abazali benabantwana eZiyon, okanye nakwesiphina seziteyki zayo ezisekiweyo, ezingabafundisiyo ukuqonda imfundiso yenguquko, ukholo kuKrestu uNyana kaThixo ophilileyo, neyobhaptizo nesipho soMoya oyiNgcwele ngokubekwa izandla, xa beneminyaka esibhozo ubudala, isono siya kubekwa phezu kweentloko zabazali.

26 Kuba oku kuya kuba ngumthetho kubemi beZiyon, okanye nakwesiphina seziteyki zayo ezisekiweyo.

27 Kwaye abantwana babo baya kubhaptizelwa uxolelo lwezono zabo xa beneminyaka esibhozo ubudala, baze bafumane ukubekwa izandla.

28 Kwaye kanjalo baya kufundisa abantwana babo ukuthandaza, nokuhamba ngokuthe tye phambi kweNkosi.

29 Kwaye abemi beZiyon kanjalo baya kuqwalasela umhla weSabatha bawugcine ungcwele.

30 Kwaye abemi beZiyon kanjalo baya kukhumbula imisebenzi yabo, njengokuba bonyulelwe ukusebenza, kuko konke ukuthembeka; kuba ivila liya kuba sekukhunjulweni phambi kweNkosi.

31 Ngoku, mna, iNkosi, andikholisekanga kakuhle ngabemi beZiyon, kuba kukho amavila phakathi kwabo; kwaye kanjalo abantwana babo bakhulela enkohlakalweni; abafuni kanjalo ngokunyanisekileyo ubutyebi banaphakade, kodwa amehlo abo azele ukunyoluka.

32 Ezi zinto azimele ukwenzeka, kwaye maziphele phakathi kwabo; ngako oko, vumelani isicaka sam uOliver Cowdery aphathe la mazwi aye kumhlaba weZiyon.

33 Kwaye ndibanika umyalelo—okokuba lowo ungayiqwalaseliyo imithandazo yakhe phambi kweNkosi ethubeni lakhe, makabe sekukhunjulweni phambi komgwebi wabantu bam.

34 La mazwi ayinene kwaye athembekile; ngako oko, ningawophuli, ningathathi nto kuwo.

35 Qaphelani, ndinguAlfa no-Omega, kwaye ndiyeza kamsinya. Amen.