Izibhalo
IMfundiso neMinqophiso 76


Icandelo 76

Umbono onikwe uJoseph Smith uMprofeti noSidney Rigdon, eHiram, eOhio, Februwari 16, 1832. Etshayelela umbhalo walo mbono, imbali kaJoseph Smith ichaza nje: “Ekubuyeni kwam ndivela enkomfeni eAmherst, ndaqalisa uguqulelo lweZibhalo. Ukususela kwizityhilelo ngezityhilelo ezithe zafunyanwa, kwakucacile okokuba amanqaku amaninzi abalulekileyo achaphazela usindiso lomntu, athatyathwe eBhayibhileni, okanye alahlekayo phambi kokuba aqokelelwe. Kubonakale kucacile ukususela kwiinyaniso ezo zazishiyelelwe, okokuba ukuba uThixo wavuza wonke ubani ngokunxulumene nezenzo ezenziweyo emzimbeni igama ‘iZulu,’ njengoko lilungiselelwe ikhaya lanaphakade labaNgcwele, limele liquke ubukumkani obungaphezu kobunye. Ngokunxulumene, … ngethuba ndiguqulela iVangeli kaYohane oNgcwele, mna noMdala uRigdon sabona umbono olandelayo.” Ngexesha lo mbono wawunikwa, uMprofeti wayeguqulela uYohane 5:29.

1–4, INkosi nguThixo; 5–10, Iimfihlelo zobukumkani ziya kutyhilwa kubo bonke abathembekileyo; 11–17, Bonke baya kuza ngaphambili eluvukweni lwamalungisa okanye abangalunganga; 18–24, Abemi bamahlabathi amaninzi ngabazelweyo oonyana neentombi kuThixo ngentlawulelo kaYesu Krestu; 25–29, Ingelosi kaThixo yawa yaza yaba ngumtyholi; 30–49, Oonyana besihogo babulaleka ngumgwebo wanaphakade; bonke abanye bazuza iqondo elithile losindiso; 50–70, Ubuqaqawuli nomvuzo wesiqu eziphakanyiselwe ebukumkanini beselestiyali buyachazwa; 71–80, Abo baya kufumana ilifa ubukumkani betherestiyali buyachazwa; 81–113, Ubume babo basebuqaqawulini bethelestiyali, netherestiyali, nobeselestiyali, buyachazwa; 114–119, Abathembekileyo banokubona nokuqonda iimfihlelo zobukumkani bukaThixo ngamandla oMoya oyiNgcwele.

1 Phulaphulani, Owu nina mazulu, kwaye ninike indlebe, Owu mhlaba, nize nigcobe nina bemi bawo, kuba iNkosi inguThixo, kwaye ngaphandle kwayo akukho Msindisi.

2 Bukhulu ubulumko bayo, zingummangaliso iindlela zayo, nobungakanani bezenzo zayo akukho namnye unako ukubufumana.

3 Iinjongo zayo azisileli, kungekho nabanina unako ukusibamba isandla sayo.

4 Ukususela ephakadeni kuye ephakadeni ukwanguye, neminyaka yakhe ayiyi kuphela.

5 Kuba itsho njalo iNkosi—Mna, iNkosi, ndinenceba nobubele kwabo bandoyikayo, ndivuyela ukubeka abo bandikhonza besebulungiseni nasenyanisweni kuye esiphelweni.

6 Uya kuba mkhulu umvuzo wabo kwaye uzuko lwabo luya kuba lolwanaphakade.

7 Kwaye kubo ndiya kutyhila zonke iimfihlelo, ewe, zonke iimfihlelo ezifihlakeleyo zobukumkani bam ukususela kwimihla yakudala, nezeminyaka ezayo, ndiya kwenza kwazeke kubo ubuncwane obulungileyo bentando yam ngokunxulumene nezinto zonke ezinxamnye nobukumkani bam.

8 Ewe, nkqu imimmangaliso yanaphakade baya kuyazi, nezinto ezizayo ndiya kubabonisa, nkqu izinto zezizukulwana ezininzi.

9 Kwaye ubulumko babo buya kuba bukhulu, nokuqonda kwabo kuya kufikelela ezulwini; kwaye phambi kwabo ubulumko bezilumko buya kutshabalala, nokuqonda kwabalumkileyo kuya kuba yinto engento.

10 Kuba ngoMoya wam ndiya kuba khanyisela, kwaye ngamandla am ndiya kwenza kwenzeke kubo iimfihlelo zentando yam—ewe, nkqu ezo zinto neliso lingazibonanga, nandlebe izivileyo, zingekangeni entliziyweni yomntu.

11 Thina, uJoseph Smith Omnci., noSidney Rigdon, siseMoyeni ngomhla weshumi elinesithandathu kaFebruwari, kunyaka weNkosi yethu wewaka elinamakhulu asibhozo anamashumi amathathu anesibini—

12 Ngamandla oMoya amehlo ethu avuleka nokuqonda kwethu kwatyhilwa, ukuze sibone size siqonde izinto zikaThixo—

13 Nkqu nezoo zinto zazikho ukususela ekuqalekeni phambi kokuba ihlabathi libekho, ezazimiselwe nguBawo, ngoNyana wakhe eKuphela koZelweyo, owayesesifubeni sikaBawo, nkqu ukususela ekuqaleni;

14 Ngaye sinika ubungqina; kwaye ubungqina esibunikayo kukuzalisekiswa kwevangeli kaYesu Krestu, onguNyana, lowo sambonayo nalowo sancokola naye embonweni wezulu.

15 Kuba xa sasisenza umsebenzi woguqulelo, iNkosi eyathi yawonyulela thina, saya kufika kwivesi yamashumi amabini anesithoba yesahluko sesihlanu sikaYohane, eyanikwa thina njengokulandelayo—

16 Ithetha ngovuko lwabafileyo, ngokunxulumene nabo baya kuliva ilizwi loNyana woMntu:

17 Kwaye kuya kuza ngaphambili; abo benze ngokulungileyo, eluvukweni lwamalungisa; kwa nabo benze ububi, eluvukweni lwabangemalungisa.

18 Ngoku oku kwasenza sammangaliswa, kuba sakunikwa ngoMoya.

19 Kwaye xa sicinga nzulu ngezi zinto, iNkosi yachukumisa amehlo okuqonda kwethu aze avuleka, nobuqaqawuli beNkosi baqaqamba bungqongile.

20 Kwaye saqaphela ubuqaqawuli boNyana, ekunene kukaBawo, saze safumana ukuzaliseka kwakhe;

21 Kwaye sabona iingelosi ezingcwele, kwaye nabo bangcwalisiweyo phambi kwetrone yakhe, zinqula uThixo, neMvana, emnqula ngonaphakade nangonaphakade.

22 Kwaye ngoku, emva kobungqina obuninzi obunikiweyo ngaye, obu bubungqina bokugqibela babo bonke, esibunika ngaye: Bokokuba uyaphila!

23 Kuba sambona, nkqu ekunene kukaThixo; kwaye saliva ilizwi linika ubungqina ukuba uKuphela koZelweyo kaBawo—

24 Okokuba ngaye, nangaye, nangokukokwakhe, amahlabathi akho kwaye adalwa, nabemi bawo bangoonyana neentombi ezizelweyo kuThixo.

25 Kwaye oku kanjalo sakubona, saza sanika ubungqina, okokuba ingelosi kaThixo eyayisegunyeni ebusweni bukaThixo, eyavukela ngokuchasene noNyana oKuphela koZelweyo lowo uBawo wamthandayo nalowo wayesesifubeni sikaBawo, yakhahlelwa phantsi isuke ebusweni bukaThixo noNyana,

26 Kwaye yabizwa uMtyholi, kuba amazulu alila phezu kwakhe—yayinguLusifa, unyana wesifingo.

27 Kwaye saqaphela, kwaye yabona, uwile! uwile, nkqu unyana wesifingo!

28 Kwaye xa sasiseseMoyeni, iNkosi yasiyalela ukuba simele ukuwubhala umbono; kuba sabona uSathana, loo nyoka indala, nkqu mtyholi, owavukela ngokuchasene noThixo, waza wafuna ukuthabatha ubukumkani bukaThixo wethu noKrestu wakhe—

29 Ngako oko, wenza imfazwe nabangcwele bakaThixo, aze abangqinge ngapha naphaya.

30 Kwaye sabona umbono weembandezelo zabo wenza nabo imfazwe waza woyisa, kuba leza njalo ilizwi leNkosi kuthi:

31 Itsho njalo iNkosi ngokunxulumene nabo bonke abawaziyo amandla am, kwaye bathe benziwa abaxhamli awo, baze baziyekela ngamandla omtyholi babe nokoyiswa, baze bakhanyela inyaniso, baze badela amandla am—

32 Bangabo obangoonyana bomtyholi, endithi ngabo okokuba ngekubalungele ngakumbi ukuba babengathanga bazalwe;

33 Kuba bazizitya zomsindo, bagwetyelwe ukubandezelwa ngumsindo kaThixo, kunye nomtyholi neengelosi zakhe ephakadeni;

34 Ngokunxulumene nalowo endithe akanakuxolelwa kweli hlabathi nakwihlabathi elizayo—

35 Ethe wawukhanyela uMoya oyiNgcwele emva kokuba ewamkele, aze athi akhanyele uNyana oKuphela koZelweyo kaBawo, ethe wambethelela emnqamlezweni ehlazweni eliphandle.

36 Aba ngabo baya kuya edikeni lomlilo nesalfure, kunye nomtyholi neengelosi zakhe—

37 Kwaye abo kuphela ukufa kwesibini kuya kuba nawaphina amandla;

38 Ewe, inene, abo kuphela bangayi kukhululwa kwixesha elifanelekileyo leNkosi, emva kweembandezelo zomsindo wakhe.

39 Kuba bonke abaseleyo baya kuziswa ngaphambili ngovuko lwabafileyo, ngoloyiso nobuqaqawuli beMvana, eyabulawayo, eyayisesifubeni sikaBawo phambi kokuba amahlabathi enziwe.

40 Kwaye le yivangeli, iindaba zovuyo, ngazo ilizwi eliphuma emazulwini nika ubungqina kuthi—

41 Kuba weza ehlabathini, nkqu uYesu, ukuze abethelelelwe emnqamlezweni ihlabathi, aze athwale izono zehlabathi, aze alingcwalise ihlabathi, aze alihlambulule kubo bonke ububi;

42 Ukuze ngaye bonke babe nokusindiswa abo uBawo ababeke emandleni akhe baze benziwa nguye;

43 Lowo uzukisa uBawo, aze asindise yonke imisebenzi yezandla zakhe, ngaphandle kwaboo nyana bomtyholi abamkhanyelayo uNyana emva kokuba uBawo emtyhilile.

44 Ngako oko, usindisa bonke ngaphandle kwabo—baya kuya kwisohlwayo sanaphakade, esisisohlwayo esingapheliyo, esisisohlwayo sanaphakade, balawule kunye nomtyholi neengelosi zakhe ephakadeni, apho umbungu ungafiyo, nomlilo awucimi, oko okuyintuthumbo yabo—

45 Kwaye isiphelo soko, nanye indawo yoko, futhi nentuthumbo yabo, okukho mntu waziyo;

46 Kungekho nanye ityhiliweyo, ingekho, nanye iya kutyhilwa emntwini, ngaphandle kwabo benziwe abathathi-abaxhamli boko;

47 Nangona kunjalo, mna, iNkosi ndikubonisa ngombono kwabaninzi, kodwa kwangoko ndiwuvale kwakhona;

48 Ngako oko, isiphelo, ububanzi, umphakamo, ubunzulu nenkxwaleko yoko, abaziqondi, kungekho namnye umntu ngaphandle kwabo bamiselwe kulo mgwebo.

49 Kwaye seva ilizwi, lisithi: Bhala umbono, kuba yabona, esi sisiphelo sombono weembandezelo zokungahloneli thixo.

50 Kwaye kwakhona sanika ubungqina—kuba sabona saze seva, kwaye obu bubungqina bevangeli kaKrestu malunga nabo abo baya kuza ngaphambili eluvukweni lwamalungisa—

51 Bangabo abo bafumana ubungqina bukaYesu, kwaye bakholelwe egameni lakhe baze babhaptizwa ngokohlobo lokungcwatywa kwakhe, bengcwatyelwa emanzini egameni lakhe, nangokunxulumene nomyalelo athe wawunika—

52 Kuba ngokugcina imiyalelo banganokuhlanjwa kwaye bahlanjululwe kuzo zonke izono, baze bamkele uMoya oyiNgcwele ngobeko lwezandla zalowo umiselweyo waza watywinelwa kweli gunya;

53 Nalowo woyisa ngokholo, aze atywinwe ngoMoya oyiNgcwele wesithembiso, lowo uBawo wawuthulula ngaphambili phezu kwabo bonke abo balungileyo kwaye benyanisekile.

54 Bangabo abo balibandla lamaZibulo.

55 Bangabo abo ezandleni zabo uBawo anikele zonke izinto—

56 Bangabo abo bangababingeleli nookumkani, abafumene ukuzaliseka kwakhe, nokobuqaqawuli bakhe;

57 Kwaye bangababingeleli boseNyangweni, emva kohlobo lukaMelkitsedeke, olwalusemva kohlobo lukaEnoki, olwalusemva kohlobo loNyana oKuphela koZelweyo.

58 Ngako oko, njengoko kubhaliwe, bangoothixo, nkqu oonyana bakaThixo

59 Ngako oko, zonke izinto zezabo, nokokuba bubomi okanye ukufa, okanye izinto ezikhoyo ngoku, okanye izinto ezisezayo, zonke zezabo kwaye zezikaKrestu, noKrestu ungokaThixo.

60 Kwaye baya koyisa zonke izinto.

61 Ngako oko, makungabikho mntu uzizukisa ebantwini, kodwa kulunge ezizukisa kuThixo, oya kuzoyisela zonke iintshaba phantsi kweenyawo zakhe.

62 Aba baya kuhlala ebusweni bukaThixo noKrestu wakhe kuse ngonaphakade kanaphakade.

63 Aba ngabo baya kuziswa kunye naye, xa eya kuza emafini ezulu alawule emhlabeni phezu kwabantu bakhe.

64 Aba ngabo baya kuba nenxaxheba eluvukweni lokuqala.

65 Aba ngabo baya kuza ngaphambili eluvukweni lwamalungisa.

66 Aba ngabo baya kuza kwiNtaba yeZiyon, nasesixekweni sikaThixo ophilileyo, indawo yasezulwini, eyona ingcwele kuzo zonke.

67 Aba ngabo bathe beza kwisihlwele esingabalekiyo seengelosi, engqungqutheleni jikelele nebandla likaEnoki, nelamaZibulo.

68 Aba ngabo amagama abhalwe ezulwini, apho uThixo noKrestu bangabagwebi babo bonke.

69 Aba ngabo abangabantu abalungileyo abenziwa bagqibelela ngoYesu umthetheleli womnqophiso omtsha, owakhandaniselwa le ntlawulelo igqibeleleyo ngokuphalaza igazi elilakhe.

70 Aba ngabo imizimba yabo iyiselestiyali, ubuqaqawuli babo bobo belanga, nkqu ubuqaqawuli bukaThixo, ophezu konke, obuqaqawuli bakhe ililanga lesibhakabhaka ekubhalwe ngabo njengobubona-bona.

71 Kwaye kwakhona, sabona ihlabathi letherestiyali, kwaye qaphelani kwaye yabonani, ezi zezo zetherestiyali, ezibuqaqawuli bazo bohlukileyo kobo bebandla lamaZibulo ezifumene ukuzaliseka kukaBawo, nkqu njengoko benyanga bohlukileyo kobelanga esibhakabhakeni.

72 Qaphelani, aba ngabo bafa ngaphandle komthetho;

73 Kananjalo abo bangoomoya babantu abagcinwe entolongweni, abo uNyana wabandwendwelayo, waza washumayela ivangeli kubo, ukuze babe nokugwetywa ngokwabantu enyameni;

74 Abangazange bamkela ubungqina bukaYesu enyameni, kodwa emva koko babamkela.

75 Aba ngabo bangabantu ababekekileyo bomhlaba, ababemfanyekiswe bubuqhetseba babantu.

76 Aba ngabo bafumana ubuqaqawuli bakhe, kodwa ingebubo obokuzaliseka kwakhe.

77 Aba ngabo bafumana oboNyana ubuso, kodwa ingebubo obokuzaliseka kukaBawo.

78 Ngako oko, baziziqu zetherestiyali, kwaye bengezoziqu zeselestiyali, kwaye bohlukile ebuqaqawulini njengoko inyanga yohlukile elangeni.

79 Aba ngabo bangakhaliphanga kubungqina bukaYesu; ngako oko, abazuzi sithsaba phezu kobukumkani bukaThixo wethu.

80 Kwaye ngoku esi sisiphelo sombono esawubonayo setherestiyali, iNkosi eyasiyalela ukuba siwubhale xa sasiseseMoyeni.

81 Kwaye kwakhona, sabona ubuqaqawuli bethelestiyali, buqaqawuli obo bunganeno ngakumbi, nkqu njengobuqaqawuli beenkwenkwezi bohlukile kobo buqaqawuli benyanga esibhakabhakeni.

82 Aba ngabo abangazange bayamkele ivangeli kaKrestu, nabungqina bukaYesu.

83 Aba ngabo abangawukhanyeliyo uMoya oyiNgcwele.

84 Aba ngabo abaphoselwe ezantsi esihogweni.

85 Aba ngabo abangasayi kukhululwa kumtyholi kude kube luvuko lokugqibela, ide iNkosi, nkqu uKrestu iMvana, eya kuba egqibe umsebenzi wakhe.

86 Aba ngabo abangafumananga ukuzaliseka kwakhe kwihlabathi lanaphakade, kodwa okoMoya oyiNgcwele ngenkonzo yetherestiyali;

87 Kwaye eyetherestiyali ngenkonzo yeselestiyali.

88 Kananjalo abathelestiyali babufumana ngolungiselelo lweengelosi ezinyulelwe ukulungiselela bona, okanye ezinyulelwe ukulungiselela oomoya ngazo; kuba baya kuba ziindlalifa zosindiso.

89 Kwaye njalo sabona, kumbono wasezulwini, ubuqaqawuli bethelestiyali, owogqitha konke ukuqonda;

90 Kwaye akukho mntu ubaziyo ngaphandle kwalowo uThixo awutyhile kuye.

91 Kwaye njalo sabona ubuqaqawuli betherestiyali obugqithe kwizinto zonke ubuqaqawuli bethelestiyali, nkqu ebuqaqawulini, nasemandleni, nasekomeleleni, nasebukhosini.

92 Kwaye njalo sabona ubuqaqawuli beselestiyali, obugqithe zonke izinto—apho uThixo, nkqu uBawo, alawula phezu kwetrone yakhe ngonaphakade kanaphakade;

93 Phambi kwetrone yakhe zonke izinto ziqubuda ngenzolo ethobekileyo, zimnika uzuko ngonaphakade kanaphakade.

94 Abo bahlala ebusweni bakhe libandla lamaZibulo; kwaye babona njengoko bebonwa, kwaye bazi njengoko besaziwa, befumene ukuzaliseka kwakhe nobabalo lwakhe;

95 Kwaye ubenza balingane emandleni, nasekomeleleni, nasebukhosini.

96 Kwaye ubuqaqawuli beselestiyali bunye, nkqu njegobuqaqawuli belanga bubunye.

97 Kwaye ubuqaqawuli betherestiyali bunye, nkqu njengobuqaqawuli benyanga bubunye.

98 Kwaye ubuqaqawuli bethelestiyalii bunye, nkqu njengobuqaqawuli beenkwenkwezi bubunye; njengokuba inkwenkwezi enye yohlukile kwenye inkwenkwezi ngobuqaqawuli, nkqu kunjalo yohlukile enye kwenye ngobuqaqawuli kwihlabathi lethelestiyali;

99 Kuba aba ngabo abangabakaPawulos, nabangabaka-Apolo, nabangabakaKefas.

100 Aba ngabo abathi bangabanye babanye nabathile babambi—abanye bakaKrestu nabanye bakaYohane, nabanye bakaMoses, nabanye bakaEliyasi, nabanye bakaEsayasi, nabanye bakaIsaya, nabanye bakaEnoki;

101 Kodwa abayamkelanga ivangeli, nabungqina bukaYesu, nabaprofeti, namnqophiso wanaphakade.

102 Ekugqibeleni kwako konke, bonke aba ngabo abo abaya kuhlanganiswa kunye nabangcwele, baxwilelwe ebandleni lamaZibulo, baze bamkelelwe elifini.

103 Aba ngabo abangamaxoki, nabakhafuli, nabakrexezi, nabenzi bombulo, nabanina othanda aze enze ubuxoki.

104 Aba ngabo ababandezeleka ngumsindo kaThixo emhlabeni.

105 Aba ngabo ababandezeleka ngempindezelo yomlilo ongunaphakade.

106 Aba ngabo abaphoselwa phantsi esihogweni baza babandezeleka ngumsindo kaThixo uSomandla, kude kube yinzaliseko yamaxesha, xa uKrestu eya kube ezoyisele zonke iintshaba phantsi kweenyawo zakhe, kwaye eya kuba ewufezekisekile umsebenzi wakhe;

107 Xa eya kukhulula ubukumkani, aze abunikele kuBawo, bungenachaphaza, esithi: Ndoyisile ndaze ndanyathela isixovulelo sewayini ndodwa, nkqu isixovulelo sewayini soburhalarhume bomsindo kaThixo uSomandla.

108 Ngoko uya kuthweswa ngesithsaba sobuqaqawuli bakhe, ahlale etroneni yamandla akhe alawule ngonaphakade kanaphakade.

109 Kodwa qaphelani, kwaye yabonani, sabona ubuqaqawuli nabemi behlabathi bethelestiyali, okokuba babengabaleki njengeenkwenkwezi esibhakabhakeni sezulu, okanye njengentlabathi phezu konxweme lolwandle;

110 Kwaye seva ilizwi leNkosi lisithi: Bonke aba baya kugoba idolo, kwaye ulwimi ngalunye luya kuxela kuye ohleli phezu kwetrone kuse ngonaphakade kanaphakade;

111 Kuba baya kugwetywa ngokunxulumene nemisebenzi yabo, kwaye wonke umntu uya kwamkela ngokunxulumene nemisebenzi eyiyeyakhe, ubukhosi obubobakhe, ezindaweni zokuhlala ezilungisiweyo;

112 Kwaye baya kuba zizicaka zoseNyangweni; kodwa apho uThixo noKrestu bahlala khona abanako ukuza, amazwe angenasiphelo.

113 Esi sisiphelo sombono esawubonayo, esayalelwa ukuba siwubhale xa sasiseMoyeni.

114 Kodwa mikhulu kwaye iyammangalisa imisebenzi yeNkosi, neemfihlelo zobukumkani azibonakalise kuthi, egqitha konke ukuqonda ebuqaqawulini, nasekomeleleni, nasebukhosini;

115 Oko asiyalele kona asimele ukukubhala ngethuba siseMoyeni, kwaye akukho mthethweni ukuba umntu akuthethe;

116 Kungekho namntu unako ukubenza baziwe, kuba kuphela ibonwe kwaye iqondwe ngamandla oMoya oyiNgcwele, uThixo awanika kwabo bamthandayo, kwaye abazihlambululayo iziqu zabo phambi kwakhe;

117 Kuba unika ilungelo elilodwa lokubona nelokuziqondela;

118 Ukuze ngamandla nangokubonakaliswa koMoya, ngethuba besenyameni, banokuba nako ukumelana nobuso bakhe kwilizwe lobuqaqawuli.

119 Kwaye kuThixo nakwiMvana makubekho uzuko, nembeko, nobukhosi kuse ngonaphakade kanaphakade. Amen.