Izibhalo
IMfundiso neMinqophiso 88


Icandelo 88

Isityhilelo esinikwe ngoJoseph Smith uMprofeti eKirtland, eOhio, Disemba 27 no28, 1832, noJanuwari 3, 1833. UMprofeti uwalathe njenge “‘gqabi lomnquma’… elikhiwe kuMthi waseParadesi, umyalezo weNkosi woxolo kuthi.” Isityhilelo sasinikwe emva kokuba ababingeleli abakhulu enkomfeni bathandaza “ngokwahlukeneyo nangokuvakalayo eNkosini ityhile intando yayo kuthi ngokunxulumene kokwakhelwa phezulu kweZiyon.”

1–5, AbaNgcwele abathembekileyo bafumana uMonwabisi, osisithembiso sobomi obungunaphakade; 6–13, Zonke izinto zilawulwa kwaye ziphethwe luKhanyiso lukaKrestu; 14–16, UVuko luza ngeNkululeko; 17–31, Ukuthobela umthetho weselestiyali, wetherestiyali, okanye wethelestiyali kulungiselela abo bobukumkani nobuqaqawuli ngokwahlukeneyo; 32–35, Abo baya kuhlala esonweni basala besangcolile; 36–41, Bonke ubukumkani buphethwe ngumthetho; 42–45, UThixo unike umthetho ezintweni zonke; 46–50, Abantu baya kuqiqa nkqu uThixo; 51–61, Umzekeliso wendoda ethumela izicaka zayo entsimini ize izibuyisele ngokuzityelela; 62–73, Sondelani kufutshane eNkosini, kwaye niya kubona ubuso Bayo; 74–80, Ngcwalisani iziqu zenu kwaye nifundisane omnye nomnye iimfundiso zobukumkani; 81–85, Wonke umntu othe wanlunyukiswa umele ukulumkisa abamelwane bakhe; 86–94, Imiqondiso, ukufukuka kwamandla endalo, neengelosi zilungiselela indlela yokuza kweNkosi; 95–102, Amaxilongo eengelosi abiza ngaphambili abafileyo ngohlobo lwabo; 103–116, Amaxilongo eengelosi abhengeza ubuyiselo lwevangeli, ukuwa kweBhabhilon, nemfazwe kaThixo omkhulu; 117–126, Funani ukufunda, sekani indlu kaThixo (itempile), nize nambathise iziqu zenu ngesivumelwano sothando lwenene; 127–141, Ucwangciso lweSikolo saBaprofeti luyaqalisa, kubandakanya nommiselo wokuhlanjwa kweenyawo.

1 Inene, itsho njalo iNkosi kuni enihlanganisele iziqu zenu kunye ukufumana intando yayo ngokunxulumene nani:

2 Qaphelani, oku kwamkelelikile eNkosini, kwaye iingelosi ziyavuya ngani; amalizo emithandazo yenu anyukele phezulu ezindlebeni zeNkosi yeSabawothi, kwaye ibhaliwe encwadini yamagama angcwalisiweyo, nkqu abo behlabathi leselestiyali.

3 Ngako oko, ndithumela ngoku omnye uMonwabisi, nkqu phezu kwenu zihlobo zam, ukuze ube nokuhlala ezintliziyweni zenu, nkqu uMoya oyiNgcwele wesithembiso; omnye uMonwabisi okwanguye endathembisa ngaye kubafundi bam, njengoko kubhaliwe kubungqina bukaYohane.

4 Lo Monwabisi usisithembiso endisinika nina sobomi obungunaphakade, nkqu ubuqaqawuli bobukumkani beselestiyali;

5 Ubuqaqawuli obo bubobebandla lamaZibulo, nkqu obukaThixo, ongcwele kubo bonke, ngoYesu Krestu uNyana wakhe—

6 Lowo wenyukela phezulu, kanjalo njengoko wehlela ngaphantsi kwazo zonke izinto, kuko oko waqiqa zonke izinto, ukuze abe nokuba kuzo zonke nangazo zonke izinto, ukukhanya kwenyaniso;

7 Nyaniso leyo ikhanyayo. Oku kukukhanya kukaKrestu. Njengokuba kanjalo eselangeni, nokukhanya kwelanga, namandla alo enziwa ngako.

8 Kanjalo njengokuba esenyangeni, kwaye esekukhanyeni kwenyanga, namandla ayo enziwe ngako;

9 Kanjalo njengokuba ukukhanya kweenkwenkwezi, namandla azo zenziwe ngako.

10 Kwaye umhlaba kanjalo, namandla awo, nkqu umhlaba enime phezu kwawo.

11 Kwaye ukhanyiselo olukhanyayo, olunika nina ukukhanya, lungaye okhanyisela amehlo enu, olukwa lukhanyiselo oluphilisa ukuqonda kwenu;

12 Olo khanyiselo lugqithela phambili ukusuka kubuso bukaThixo ukuya kuzalisa ubukhulukazi besibhakabhaka—

13 Ukhanyiselo olukho kuzo zonke izinto, olunika ubomi kuzo zonke izinto, olungumthetho ozinto zonke zilawulwa nguwo, nkqu amandla kaThixo ohleli phezu kwetrone yakhe, osesifubeni sanaphakade, ophumelelisa uvuko ekufeni.

14 Ngoku, inene ndithi kuni, okokuba ngenkululeko eyenzelwe nina okokuba kwenzeke ngayo uvuko kwabafileyo.

15 Kwaye umoya nomzimba zingumphefumlo womntu.

16 Kwaye uvuko ekufeni yinkululeko yomphefumlo.

17 Kwaye inkululeko yomphefumlo ingaye odlisa ubomi zonke izinto, esifubeni sakhe kumiselwe ukuba amahlwempu nabanobulali basemhlabeni baya kuwudla ilifa.

18 Ke ngoko, kufuneka ube nokungcwaliswa kuko konke ukungalungi, ukuze ube nokulungiselelwa ubuqaqawuli beselestiyali;

19 Kuba emva kokuba uthe wazaliswa ngumlinganiselo wendalo yawo, uya kuthweswa ngobuqaqawuli, nkqu kunye nobuso bukaThixo uBawo;

20 Ukuze imizimba eyiyeyobukumkani beselestiyali ibe nokuwubanga ngonaphakade kanaphakade; kuba, ngale njongo wenziwa waze wadalwa, kwaye ngale njongo ingcwalisiwe.

21 Kwaye leyo ingangcwaliswanga ngomthetho endiwunike nina, nkqu umthetho kaKrestu, imele ukudla ilifa obunye ubukumkani, nkqu obo bukumkani betherestiyali, okanye ubukumkani bethelestiyali.

22 Kuba lowo ungenako ukugcina umthetho wobukumkani beselestiyali akanako ukuhlala ebuqaqawulini beselestiyali.

23 Kwaye lowo ungenako ukugcina umthetho wobukumkani betherestiyali akanako ukuhlala ebuqaqawulini betherestiyali.

24 Kwaye lowo ungenako ukugcina umthetho wobukumkani bethelestiyali akanako ukuhlala ebuqaqawulini bethelestiyali; ke ngoko akabufanelanga ubukumkani bobuqaqawuli. Ke ngoko umele ukuhlala kubukumkani obungebubo obobuqaqawuli.

25 Kwaye kwakhona, inene ndithi kuni, umhlaba ugcine umthetho wobukumkani beselestiyali, kuba uzalisa umlinganiselo wendalo yawo, kwaye awuwophuli umthetho—

26 Ngako oko, uya kungcwaliswa; ewe, nangona uya kufa; uya kudliswa ubomi kwakhona, kwaye uya kugcina amandla ngoko udliswe ubomi ngako, kwaye amalungisa aya kuwudla ilifa.

27 Nangona baya kufa, kanjalo baya kuvuka kwakhona, bengumzimba womoya.

28 Abo bangabomoya weselestiyali baya kufumana kwa umzimba owawungumzimba wemvelo; niya kufumana nkqu imizimba yenu, kwaye ubuqaqawuli benu buya kuba bobo buqaqawuli ngabo imizimba yenu iyakudliswa ubomi ngabo.

29 Abo badliswe ubomi ngenxenye yobuqaqawuli beselestiyali baya kufumana ngoko obukwanjalo, nkqu obuzeleyo.

30 Kwaye abo badliswe ubomi ngenxenye yobuqaqawuli betherestiyali baya kufumana ngoko obukwanjalo, nkqu obuzeleyo.

31 Kananjalo abo badliswe ubomi ngenxenye yobuqaqawuli bethelestiyali baya kufumana ngoko obukwanjalo, nkqu obuzeleyo.

32 Kwaye abo baseleyo kanjalo baya kudliswa ubomi; nangona kunjalo, baya kubuyela kwakhona endaweni eyiyeyabo, ekuvuyeleni oko bafuna ukukufumana, ngenxa yokuba babengafunanga ukuvuyela oko babemele ukukufumana.

33 Kuba kumnceda entweni na umntu ukuba uphiwe isipho, aze angasifumani? Qaphelani, akakuvuyeli oko kunikwe yena, engamvuyeli nalowo ungumniki wesipho.

34 Kwaye kwakhona, inene ndithi kuni, oko kulawulwa ngumthetho kanjalo kulondoloziwe ngumthetho kwaye kugqityeleliswe kwaza kwangcwaliswa kwa ngokunjalo.

35 Oko kwaphula umthetho, kuze kungawugcini umthetho, kodwa kufune ukuba ngumthetho esiqwini sako, kuze kuthande ukuhlala esonweni, kuze kuhlale esonweni ngokupheleleyo, akunako ukungcwaliswa ngumthetho, ingengayo nenceba, ubulungisa, namgwebo. Ke ngoko, kumele ukuhlala kusangcolile.

36 Zonke izikumkani zinomthetho onikiweyo;

37 Kwaye kukho izikumkani ezininzi; kuba akukho ndawo apho kungekho bukumkani; kwaye akukho bukumkani apho kungekho ndawo, nokokuba bubukumkani obukhulu ngakumbi okanye obunganeno.

38 Kwaye zonke izikumkani zinikwe umthetho; kwaye kuyo yonke imithetho kukho imida ethile kanjalo neemeko.

39 Zonke iziqu ezingazigciniyo ezoo meko azigwetywelanga.

40 Kuba ingqiqo inamathele kwingqiqo; ubulumko buzuza ubulumko; inyaniso yamkela inyaniso; ubumsulwa buthanda ubumsulwa; ukhanyiselo lunamathela elukhanyisweni; inceba inemfesane encebeni ize izibangele eyiyeyayo; ubulungisa buqhubekekisa indlela yabo buze buzibangele okukokwabo; umgwebo uhamba phambi kobuso balowo uhleli phezu kwetrone kwaye elawula aze enze zonke izinto.

41 Uqiqa zonke izinto, kwaye zonke izinto ziphambi kwakhe, kwaye zonke izinto zimngqongile; yaye ungaphezu kwezinto zonke, nakwizinto zonke, aze abe ngezinto zonke, kwaye ujikeleze zonke izinto, kwaye zonke izinto zingaye, nangokwakhe, nkqu uThixo, ngonaphakade kanaphakade.

42 Kwaye kwakhona, inene ndithi kuni, unike umthetho kuzo zonke izinto, ngawo zishenxele emaxesheni azo namaxesha athile azo.

43 Kwaye iindlela zazo zizinzile, nkqu iindlela zamazulu nomhlaba, eziqiqa umhlaba nazo zonke iiplanethi.

44 Kwaye zinikana ukukhanya enye kwenye ngamaxesha azo nasemaxesheni athile azo, emizuzwini yazo, kumaxa azo, ezintsukwini zazo, kwiiveki zazo, kwiinyanga zazo, kwiminyaka yazo—zonke ezi zingunyaka omnye kuThixo, kodwa akunjalo emntwini.

45 Umhlaba uqengqeleka phezu kwamaphiko awo, nelanga linika ukukhanya kwalo emini, nenyanga inika ukukhanya kwayo ebusuku, neenkwenkwezi zinika ukukhanya kwazo kanjalo, njengokuba ziqengqeleka phezu kwamaphiko azo ebuqaqawulini bazo, esazulwini samandla kaThixo.

46 Ndingazifanekisa nantoni ezi zikumkani, ukuze nibe nokuqonda?

47 Qaphelani, zonke ezi zikumkani, kwaye nawuphi na umntu othe wabona naziphina okanye ezona zincinane zezi umbonile uThixo ehamba ebungangamsheni bakhe namandla.

48 Ndithi kuni, umbonile; nangona kunjalo, lowo weza kwabakhe abamqiqa.

49 Ukhanyiso lwabonakala ebumnyameni, baze ubumnyama abaluqiqa; nangona kunjalo, imini iya kuza xa niya kuqiqa nkqu uThixo, nidliswa ubomi kuye nanguye.

50 Ngoko niya kwazi ukuba nibona mna, okokuba ndim, nokokuba ndilulo ukhanyiso lwenene olukuni, nokokuba nikum; ngamanye amazwi aninako ukuphuphuma.

51 Qaphelani, ndiya kufanekisa ezi zikumkani nendoda enentsimi, yaza yathumela izicaka zayo entsimini ziye kwemba entsimini.

52 Yaye yathi kwesokuqala: Hamba uze usebenze entsimini, kwaye ngelixa lokuqala ndiya kuza kuwe, kwaye uya kuqaphela uvuyo kwinkangeleko yam.

53 Yaye yathi kwesesibini: Hamba kanjalo uye entsimini, kwaye ngelixa lesibini ndiya kukutyelela ndinovuyo kwinkangeleko yam.

54 Kananjalo kwesesithathu, isithi: Ndiya kukutyelela;

55 Kananjalo kwesesine, nangokuqhubeka kude kuye kweseshumi elinesibini.

56 Kwaye inkosi yentsimi yahamba ukuya kwesokuqala ngelixa lokuqala, yaza yahlala kunye naso lonke elo lixa, kwaye senziwa savuya ngokukhanya kwenkangeleko yenkosi yaso.

57 Kwaye ngoko yemka kwesokuqala ukuze ibe nokutyelela kanjalo esesibini, nesesithathu, nesesine, nangokuqhubeka ukuya kweseshumi elinesibini.

58 Kwaye njalo zonke zafumana ukhanyiso lwenkangeleko yenkosi yazo, wonke umntu ngelixa lakhe, nangexesha lakhe, nangexesha lakhe elithile—

59 Iqale ekuqaleni, yaza yaqhubekeka ukuya kweyokugqibela, nokusuka ekugqibeleni kuye ekuqaleni, nokusuka ekuqaleni kuye ekugqibeleni;

60 Wonke umntu ngendlela yocwangco lwakhe, kude kube ilixa lakhe liphelile, nkqu ngokunxulumene njengoko inkosi imyalele, ukuze inkosi yakhe imyalele, okokuba inkosi yakhe ibe nokuzukiswa kuye, naye enkosini yakhe, ukuze bonke babe nokuzukiswa.

61 Ke ngoko, kulo mzekeliso ndiya kufanekisa zonke ezi zikumkani, nabemi bazo—zonke izikumkani ngelixa lazo, nangexesha lazo, nangexesha elithile lazo, nkqu ngokunxulumene nommiselo uThixo awenzileyo.

62 Kwaye kwakhona, inene ndithi kuni, bahlobo bam, ndishiya ezi ntetha kunye nani nizicinge nzulu ezintliziyweni zenu, ninalo myalelo endininike wona, ukuze nibe niya kubiza kum ngelixa ndikufutshane—

63 Sondelani kum kwaye ndiya kusondela kuni; ndifuneni ngenkuthalo kwaye niya kundifumana; celani, kwaye niya kuphiwa; nkqonkqozani, kwaye niya kuvulelwa.

64 Nantonina eniyicela kuBawo egameni lam niya kuyinikwa, leyo enifaneleyo;

65 Kwaye ukuba nicela nantoni na enganifanelanga, iya kujikela emgwebeni wenu.

66 Qaphelani, oko nikuvayo kunjengelizwi lalowo umemeza entlango—entlango, ngenxa yokuba aninako ukumbona—ilizwi lam, ngenxa yokuba ilizwi lam linguMoya; uMoya uyinyaniso; inyaniso ihleli kwaye ayinasiphelo; nokokuba ikuni iya kuphuphuma.

67 Nokukuba iliso lenu alinakumbi eluzukweni lwam, imizimba yenu iphela iya kuzaliswa kukukhanya, kwaye akuyi kubakho bumnyama kuni; kwaye loo mzimba uzele kukukhanya uqiqa zonke izinto.

68 Ke ngoko, ngcwalisani iziqu zenu ukuze iingqondo zenu zibe nokungakumbi kuThixo, kwaye imihla iya kuza eniya kumbona ngayo; kuba uya kubutyhila ubuso bakhe kuni, kwaye kuya kuba sexesheni lakhe, nasendleleni yakhe, nangokunxulumene nentando yakhe.

69 Khumbulani isithembiso esikhulu nesokugqibela endisenze kuni; phoselani kude iingcinga zenu zobuvila nokuhleka kwenu okugqithileyo kube kude kuni.

70 Hlalani, hlalani kule ndawo, nize nibize intlanganiso endilisekileyo, nkqu eyabo bangabasebenzi bokuqala kobu bukumkani bokugqibela.

71 Kwaye vumelani abo balunyukisiweyo kwiihambo zabo bizani eNkosini, kwaye bacinge nzulu ezintliziyweni zabo ngesilumkiso abasifumeneyo, okwexesha elincinane.

72 Qaphelani, kwaye yabonani, ndiya kuyikhathalela imihlambi yenu, kwaye ndiya kunyusela phezulu abadala ndize ndibathumele kubo.

73 Qaphelani, ndiya kuwukhawulezisa umsebenzi wam ngexesha lawo.

74 Kwaye ndininika, abo bangabasebenzi bokuqala kobu bukumkani bokugqibela, umyalelo wokokuba nizihlanganise iziqu zenu kunye, nize nizimanyanise iziqu zenu, nize nizilungise iziqu zenu, nize nizingcwalise iziqu zenu; ewe, nihlambulule iintliziyo zenu, nize nicoce izandla zenu neenyawo zenu phambi kwam, ukuze ndibe nokunenza nicoceke;

75 Ukuze ndibe nokungqina kuYihlo, noThixo wenu, noThixo wam, okokuba nicocekile egazini lesi sizukulwana sikhohlakeleyo; ukuze ndibe nokuzalisekisa esi sithembiso, esi sithembiso sikhulu nesokugqibela, endisenzileyo kuni xa ndiya kuthanda.

76 Kanjalo, ndininika umyalelo okokuba niya kuqhubeka emthandazweni nasekuzileni ukususela kweli xesha kuye phambili.

77 Kwaye ndinika umyalelo okokuba niya kufundisana imfundiso yobukumkani.

78 Fundisani ngenkuthalo kwaye ubabalo lwam luya kuninceda, ukuze nibe niyalelwe ngakumbi ngokugqibeleleyo kwinkcazo eyingcingane, emgaqweni, emfundisweni, emthethweni wevangeli, ezintweni zonke ezinxulumene nobukumkani bukaThixo, ezifanelekileyo kuni ukuba niziqonde.

79 Yezezinto ezikunye ezulwini nasemhlabeni, naphantsi komhlaba; izinto ezazikho, izinto ezikhoyo, izinto ezimele ukudlula kufutshane nje; izinto ezisekhaya, izinto ezingaphesheya; iimfazwe neengxuba-kaxaka zezizwe, nemigwebo eselizweni, kanjalo nolwazi lwamazwe nolwezikumkani—-

80 Ukuze nibe nokuzilungiselela ezintweni zonke xa ndiya kunithumela kwakhona ukwandisa ubizo lwalapho ndinibizele khona, nomsebenzi endinigunyazisele wona.

81 Qaphelani, ndinithumela phandle ningqine nize nilumkise abantu, kwaye iba kokomntu wonke olunyukisiweyo alumkise ummelwane wakhe.

82 Ke ngoko, bashiywa bengenasizathu sokuzigwebela, nezono zabo ziphezu kweentloko zabo.

83 Lowo undifunayo kuselithuba uya kundifumana, kwaye akayi kushiywa.

84 Ke ngoko, hlalani, nize nisebenze ngenkuthalo, ukuze nibe nokugqityeleliswa ebufundisini benu ukuya ngaphambili phakathi kweeNtlanga okwexesha lokugqibela, njengabaninzi umlomo weNkosi uya kubiza, ukubopha umthetho nokutywina ubungqina, nokulungiselela abangcwele ilixa lomgwebo eliya kuza;

85 Ukuze imiphefumlo yabo ibe nokuphuncula emsindweni kaThixo, inkangala yesikizi elindele abakhohlakeleyo, kunye kweli lizwe nakwilizwe elizayo. Inene, ndithi kuni, vumelani abo bangengabo abadala bokuqala baqhubeke esidiliyeni ude umlomo weNkosi ube uya kubabiza, kuba ixesha labo alikafiki; iingubo zabo azicocekanga egazini lesi sizukulwana.

86 Hlalani nina enkululekweni enenziwe ukuba nikhululeke ngayo; ningabambisi iziqu zenu esonweni, kodwa izandla zenu mazicoceke, ide iNkosi ize.

87 Kuba azininzanga iintsuku ukususela ngoku kwaye umhlaba uya kungcangcazela uze uhexe ngapha nangapha njengendoda enxilileyo; nelanga liya kufihla ubuso balo, kwaye liya kwala ukunika ukukhanya; nenyanga iya kuqubha egazini; neenkwenkwezi ziya kuba nomsindo ogqithisileyo, zize ziziphosele phantsi njengekhiwane eliwayo livela emthini womkhiwane.

88 Kwaye emva kobungqina benu kuza ingqumbo nomsindo phezu kwabantu.

89 Kuba emva kobungqina benu kuza ubungqina beenyikima zomhlaba, eziya kubangela iincwina embindini wawo, nabantu baya kuwela emhlabeni kwaye abayi kubanako ukuma.

90 Kananjalo kuza ubungqina belizwi leendudumo, nelizwi lemibane, nelizwi lezaqhwithi, nelizwi lamaza olwandle ezinyusa ezihlisa ngaphaya kwemida yawo.

91 Kwaye zonke izinto ziya kuba kwingxushu-ngxushu; kwaye ngokuqinisekileyo, iintliziyo zabantu aziyi kubanceda; kuba uloyiko luya kuza phezu kwabo bonke abantu.

92 Kwaye iingelosi ziya kubhabha esazulwini sezulu, zikhala ngelizwi elikhulu, zikhalisa ixilongo likaThixo, zisithi: Lungiselelani, lungiselelani, Owu bemi bomhlaba; umgwebo kaThixo wethu kuba uyeza. Qaphelani, kwaye yabonani, uMyeni uyeza; phumani phandle nimkhawulele.

93 Kwaye ngesiquphe kuya kubonakala umqondiso omkhulu ezulwini, kwaye bonke abantu baya kuwubona kunye.

94 Kwaye enye ingelosi iya kukhalisa ixilongo layo, isithi: Elo bandla likhulu, unina wamasikizi, elenza zonke izizwe zisele iwayini yengqumbo yobuhenyu, elitshutshisa abangcwele bakaThixo, eliphalaze igazi labo—ohleli phezu kwamanzi amaninzi, naphezu kweziqithi zolwandle—qaphelani, ungumdiza womhlaba; ubotshwe wazizithungu; iintsontelo zakhe zenziwe zomelela, akukho mntu unako ukuzikhulula; ke ngoko, ulungele ukutshiswa. Kwaye iya kukhalisa ixilongo layo kunye elide nelikhwazayo, kwaye zonke izizwe ziya kuliva.

95 Kwaye kuya kubakho inzolo ezulwini kangangesithuba sesiqingatha seyure; kwaye ngesiquphe emva koko umkhusane wezulu uya kufingeka, njengokuba incwadi ifingeka emva kokuba isongelwe phezulu, nobuso beNkosi buya kutyhilwa;

96 Kwaye nabangcwele abaphezu komhlaba, abaphilileyo, baya kudliswa ubomi baze baxwilelwe phezulu bamkhawulele.

97 Kwaye abo balele emangcwabeni abo baya kuza ngaphambili, kuba amangcwaba abo aya kuvuleka; kwaye nabo kanjalo baya kuxwilelwa phezulu bamkhawulele embindini wentsika yezulu—

98 BangabakaKrestu, iziqhamo zokuqala, abo baya kuhla naye kuqala, nabo basemhlabeni kwaye besemangcwabeni abo, abangabokuqala ukuxwilelwa phezulu bamkhawulele; kwaye konke oku ngelizwi lexilongo elikhalayo lengelosi kaThixo.

99 Kwaye emva koku enye ingelosi iya kuvakala, eli lixilongo lesibini; kuze njalo kuze inkululeko yabo bangabakaKrestu ekuzeni kwakhe; abafumene inxenye yabo kuloo ntolongo ilungiselelwe bona, ukuze babe nokuzuza ivangeli, nomgwebo ngokunxulumene nabantu enyameni.

100 Kwaye kwakhona, elinye ixilongo liya kukhala, eli lixilongo lesithathu; kwaye njalo kuze oomoya babantu abamele ukugwetywa, kwaye bafunyanwa phantsi kokugwetywa;

101 Kwaye aba ngabaseleyo babafileyo; kwaye abaphilanga kwakhona kwada kwaba iminyaka eliwaka iphelile, namnye kwakhona, kubo kwada kwasisiphelo somhlaba.

102 Kwaye elinye ixilongo liya kukhala, eli lixilongo lesine, lisithi: Kufunyenwe phakathi kwabo abo bamele ukusala kude kube nguloo mhla mkhulu nowokugqibela, nkqu isiphelo, abaya kuhlala besangcolile.

103 Kwaye elinye ixilongo liya kukhala, eli lixilongo lesihlanu, eliyingelosi yesihlanu eyenza ivangeli yanaphakade—ibhabha esazulwini sezulu, kuzo zonke izizwe, izalamane, iilwimi, nabantu;

104 Kwaye esi siya kuba sisandi sexilongo lakhe, lisithi kubo bonke abantu, kunye ezulwini nasemhlabeni, nakwabo baphantsi komhlaba—kuba zonke iindlebe ziya kuliva, namadolo onke aya kuguqa, kwaye ulwimi ngalunye luya kuvuma, xa ziva isandi sexilongo, lisithi: Yoyikani uThixo, nize nimnike uzuko ohleli phezu kwetrone, ngonaphakade kanaphakade; kuba ilixa lokugweba kwakhe lifikile.

105 Kwaye kwakhona, enye ingelosi iya kukhalisa ixilongo layo, eyiyingelosi yesithandathu, isithi: Uwile owenze zonke izizwe zasela iwayini yomsindo yobuhenyukazi bakhe; uwile, uwile!

106 Kwaye kwakhona, enye ingelosi iya kukhalisa ixilongo layo, eyiyingelosi yesixhenxe, isithi: Kugqityiwe; kugqityiwe! IMvana kaThixo yoyisile yaza yanyathela isixovulelo yodwa, nkqu isixovulelo sengqumbo yomsindo kaThixo uSomandla.

107 Kwaye ngoko iingelosi ziya kuthweswa ngozuko lwamandlakazi akhe, nabangcwele baya kuzaliswa ngozuko, baze bazuze ilifa labo baze benziwe balingane kunye naye.

108 Kwaye ngoko ingelosi yokuqala kwakhona iya kukhalisa kwakhona ixilongo layo ezindlebeni zabo bonke abaphilileyo, ize ityhile izenzo zangasese zabantu, nemisebenzi enamandlakazi kaThixo kwiminyaka eliwaka yokuqala.

109 Kwaye ngoko ingelosi yesibini iya kukhalisa ixilongo layo, ize ityhile izenzo zangasese zabantu, neengcinga neenjongo zeentliziyo zabo, nemisebenzi enamandlakazi kaThixo kwiminyaka eliwaka yesibini—

110 Kwaye njalo-njalo, kude kube ingelosi yesixhenxe iya kukhalisa ixilongo layo; kwaye iya kuma ngaphambili phezu komhlaba naphezulu kolwandle, ize ifunge egameni lakhe ohleli phezu kwetrone, okokuba kuya kubakho ixesha elingekude; kwaye uSathana uya kubotshelelwa, loo nyoka yakudala, ebizwa ukuba ngumtyholi, kwaye ayiyi kukhululwa kangangesithuba seminyaka eliwaka.

111 Kwaye ngoko uya kukhululwa kangangexesha elincinane, ukuze abe nokuhlanganisela kunye imikhosi yakhe.

112 Kwaye uMikayeli, ingelosi yesixhenxe, nkqu isiphatha-zithunywa, uya kuhlanganisela kunye imikhosi yakhe, nkqu izihlwele zezulu.

113 Kwaye umtyholi uya kuhlanganisela kunye imikhosi yakhe; nkqu izihlwele zesihogo, kwaye uya kuphumela phezulu ukulwa ngokuchasene noMikayeli nemikhosi yakhe.

114 Kwaye ngoko kuza imfazwe kaThixo omkhulu; nomtyholi nemikhosi yakhe baya kuphoselwa kude endaweni eyiyeyabo, ukuze babe abayi kuba namandla phezu kwabangcwele konke-konke nanini na.

115 Kuba uMikayeli uya kulwa iimfazwe zabo, kwaye uya kumoyisa lowo ufuna itrone yakhe ohleli phezu kwetrone, nkqu iMvana.

116 Olu luzuko lukaThixo, nabangcwalisiweyo; kwaye abasayi kubona kufa nanini na.

117 Ke ngoko, inene ndithi kuni, bahlobo bam, bizani intlanganiso yenu endilisekileyo, njengoko ndiniyaleleyo.

118 Kwaye njengokuba ingenguye wonke onokholo, funani ngenkuthalo nize nifundisane omnye nomnye amazwi obulumko; ewe, funani kwezona ncwadi zilunge ngaphezulu amazwi obulumko; funani ukufunda, nkqu ngokufunda-nzulu nangokholo kanjalo.

119 Lungiselelani iziqu zenu; lungisani yonke into efunekayo; nize nimise indlu, nkqu indlu yomthandazo, indlu yokuzila, indlu yokholo, indlu yokufunda, indlu yozuko, indlu yocwangco, indlu kaThixo;

120 Ukuze ukungena kwenu kube segameni leNkosi; ukuze ukuphuma kwenu kube segameni leNkosi; ukuze yonke imibuliso yenu ibe segameni leNkosi, ngezandla eziphakanyiselwe koseNyangweni.

121 Ke ngoko, yekani zonke iintetho zenu ezingento, kuko konke ukuhleka, kwayo yonke iminqweno yenu yeenkanuko, kulo lonke ikratshi lenu nokuhleka kobudenge, nakuzo zonke izenzo zenu zenkohlakalo.

122 Nyulani phakathi kwenu utitshala, kwaye ningabavumeli ukuba babe ngabathetheli kwa ngoko, kodwa vumelani kuthathe abemnye ngexesha kwaye nonke mamelani kwiintetho zakhe, ukuze xa bonke sebethethile ukuze nonke nibe nihlaziyekile kuko konke, nokokuba wonke umntu abe ufumene ilungelo elilodwa elilinganayo.

123 Bonani ukuba niyathandana; yekani ukunqwenela; fundani ukwabelana njengokuba ivangeli ifuna.

124 Yekani ukunqena; yekani ukungcola, yekani ukubona iziphoso omnye nakomnye; yekani ukulala ngaphezulu kunoko kufunekayo; phumlani kwiimandlalo zenu ngethuba, ukuze ningabi nakudinwa; vukani ngethuba, ukuze imizimba yenu neengqondo zenu zibe nokuhlaziyeka.

125 Kwaye ngaphezu kwezinto zonke, nxibisani iziqu zenu ngemvumelwano yothando lwenene njengokungathi kungengubo, eyimvumelwano yokugqibelela noxolo.

126 Thandazani rhoqo, ukuze ningabi nakutyhafa, ndide ndize. Qaphelani kwaye yabonani, ndiya kuza kamsinya, ndize ndinamkelele kum. Amen.

127 Kwaye kwakhona, ucwangciso lwendlu elungiselelwe isikolo sobumongameli babaprofeti, olwamiselwa umyalelo wabo kwizinto zonke ezifanele bona, nkqu onke amagosa ebandla, okanye ngamanye amazwi, abo babizelwe ebufundisini ebandleni, ukuqalela kubabingeleli abakhulu, nkqu ukuhla kuye kubadikoni—

128 Kwaye olu luya kuba lucwangciso lwendlu yesikolo sobumongameli: Lowo unyulelwe ukuba abe ngumongameli, okanye utitshala, uya kufunyanwa emi endaweni yakhe, endlwini eyobe ilungiselelwe yena.

129 Ke ngoko, uya kuba ngowokuqala endlwini kaThixo, endaweni intlangano emayiphulaphule kuyo amazwi akhe ngenyameko nangokucacileyo, ingeyontetho ekhwazayo.

130 Kwaye xa esiza endlwini kaThixo, kuba kumele abe ngowokuqala endlwini—qaphelani, oku kuhle, ukuze abe ngumzekelo—

131 Mvumeleni azinikele ngomthandazo eguqe ngamodolo akhe phambi koThixo, kumqondiso okanye ukukhunjulwa komnqophiso wanaphakade.

132 Kwaye xa nabani na eya kuza emva kwakhe, vumelani utitshala aphakame, kwaye, ngezandla eziphakanyiselwe ezulwini, ewe, nkqu ngokuthe ngqo, abulise umntakwabo okanye abazalwana ngala mazwi:

133 Ingaba ungumntakwethu okanye umzalwana? Ndikubulisa egameni leNkosi uYesu Krestu, kumqondiso okanye ukukhunjulwa komnqophiso wanaphakade, kumnqophiso lowo endinamkelela ukwenza ubudlelwane, ekuzimiseleni okuqinisekileyo, okungagungqiyo, nokungajikajikiyo, ekubeni ngumhlobo wenu nomntakwenu ngobabalo lukaThixo kwizivumelwano zothando, ukuhamba kuyo yonke imiyalelo kaThixo ungenatyala, ekubuleleni, ngonaphakade kanaphakade. Amen.

134 Kwaye lowo ufunyenwe engawufanele lo mbuliso akayi kuba nandawo phakathi kwenu; kuba aniyi kuyekela ukuba indlu yam ibe iya kungcoliswa nguye.

135 Kwaye lowo ungenayo aze athembeke phambi kwam, kwaye ungumntakwethu, okanye ungumzalwana, uya kubulisa umongameli okanye utitshala ngezandla eziphakanyiselwe ezulwini, ngalo mthandazo ufanayo nomnqophiso, okanye ngokuthi Amen, kumqondiso okanye okukwanjalo.

136 Qaphelani, inene, ndithi kuni, lo ngumfuziselo kuni wombuliso omnye komnye endlwini kaThixo, esikolweni sabaprofeti.

137 Kwaye nibizelwe ukwenza oku ngomthandazo nemibulelo, njengoko uMoya uya kuthetha kuzo zonke izenzo zenu endlwini yeNkosi, esikolweni sabaprofeti, ukuze ibe nokuba yindawo engcwele, umnquba woMoya oNgcwele wohlaziyo lwenu.

138 Kwaye aniyi kwamkela nabani na phakathi kwenu kwesi sikolo ngaphandle kokuba ucocekile egazini lesi sizukulwana;

139 Kwaye uya kwamkelwa ngommiselo wokuhlajwa kweenyawo, kuba ngesi sizathu ummiselo wokuhlanjwa kwenyawo wamiswa.

140 Kwaye kwakhona, ummiselo wokuhlanjwa kweenyawo umele ukwenziwa ngumongameli, okanye umdala owongamelayo webandla.

141 Umele ukuqaliswa ngomthandazo; nasemva kokuthatyathwa kwesonka newayini, umele ukuzibhinqisa ngokomzekelo onikwe kwisahluko seshumi elinesithathu sobungqina bukaYohane ngokunxulumene nam. Amen.