Izibhalo
IMfundiso neMinqophiso 97


Icandelo 97

Isityhilelo esinikwe ngoJoseph Smith uMprofeti, eKirtland, eOhio, Agasti 2, 1833. Esi sityhilelo siphathelele ingakumbi nemicimbi yabaNgcwele eZiyon, eJackson Khawunti, eMissouri, kuphendulwa isicelo soMprofeti eNkosini ngokwazi. Amalungu eBandla eMissouri ngeli xesha ayephantsi kwentshutshiso emandla kwaye, ngoJulayi 23 1833, anyanzeliswa ukutyikitya isivumelwano sokushiya iJackson Khawunti.

1–2, Abaninzi babaNgcwele eZiyon (Jackson Khawunti, eMissouri) basikelelwe ngenxa yokuthembeka kwabo; 3–5, UParley P. Pratt unconywa ngenxa yemisebenzi yakhe esikolweni eZiyon; 6–9, Abo bayiqwalaselayo iminqophiso yabo bamkelwe yiNkosi; 10–17, Indlu imele ukwakhiwa eZiyon apho abanyulu ezintliziyweni baya kubona uThixo; 18–21, IZiyon ingabanyulu entliziyweni; 22–28, IZiyon iya kuphuncuka kwisibetho seNkosi ukuba ithembekile.

1 Inene ndithi kuni bahlobo bam, ndithetha kuni ngelizwi lam, nkqu ngelizwi loMoya wam, ukuze ndibe nokubonisa kuni intando yam ngokunxulumene nabazalwana benu kumhlaba weZiyon, abaninzi babo bathobeke ngokwenene kwaye bafuna ngenkuthalo ukufunda ubulumko nokufumana inyaniso.

2 Inene, inene ndithi kuni, basikelelekile abanjalo, kuba baya kuzuza; kuba mna, iNkosi, ndibonisa inceba kubo bonke abanobulali, naphezu kwabo bonke endiya kuthanda, ukuze ndibe ndilungisile xa ndiya kubazisa emgwebeni.

3 Qaphelani, ndithi kuni, ngokunxulumene nesikolo eZiyon, mna, iNkosi, ndikholisekile okokuba makubekho isikolo eZiyon, kananjalo kunye nesicaka sam uParley P. Pratt, kuba ehleli kum.

4 Kwaye njengokuba eqhubeka ekuhlaleni kum uya kuqhubeka ekongameleni isikolo kumhlaba weZiyon ndibe ndiya kunikela eminye imiyalelo.

5 Kwaye ndiya kumsikelela ngeentsikelelo eziphindaphindiweyo, ekucaciseni zonke izibhalo neemfihlelo ekuhlaziyekeni kwesikolo, nokwebandla eZiyon.

6 Kwaye kwintsalela yesikolo, mna, iNkosi, ndiyathanda ukubonisa inceba; nangona kunjalo kukho abo bamele ukukhalinyelwa, kwaye imisebenzi yabo iya kwenziwa yazeke.

7 Izembe selibekwe engcanjini yemithi; kwaye yonke imithi engavelisi siqhamo sihle iya igawulelwa phantsi ize iphoswe emlilweni. Mna, iNkosi, ndikuthethile.

8 Inene ndithi kuni, bonke phakathi kwabo bazaziyo iintliziyo zabo ukuba zinyanisekile, kwaye zaphukile, kwaye oomoya babo batyumkile, kwaye bayathanda ukuqwalasela iminqophiso yabo ngokuncama—ewe, lonke idini mna, iNkosi, endiya kuliyalela—bamkelekile kum.

9 Kuba mna, iNkosi, ndiya kubenza bazise ngaphambili njengomthi kanye oxakathe iziqhamo otyalwe emhlabeni olungileyo, ngasemjelweni onyulu, ovelisa isiqhamo esixabiseke ngakumbi.

10 Inene ndithi kuni, okokuba yintando yam ukuba indlu imele ukwakhelwa kum kumhlaba weZiyon, njengomfuziselo endiwunike nina.

11 Ewe, mayakhiwe ngokukhawuleza, ngezishumi zabantu bam.

12 Qaphelani, ezi zizishumi nedini mna, iNkosi, endilifunayo ezandleni zabo, ukuze kube nokubakho indlu eyakhelwe usindiso lweZiyon kum—

13 Indawo yokunika imibulelo yabo bonke abangcwele, nendawo yemiyalelo yabo bonke ababizelwe kumsebenzi wobufundisi kuwo onke amaqela amabizo neeofisi;

14 Ukuze babe nokugqityeleliswa ekuqondeni kobufundisi babo, kwinkcazo eyingcingane, emgaqweni, nakwimfundiso, kuzo zonke izinto eziphathelele kubukumkani bukaThixo emhlabeni, izitshixo zobukumkani obunikelwe phezu kwenu.

15 Kwaye njengokuba abantu bam besakhela indlu kum egameni leNkosi, baze bangayekeli nayo nayiphina into engcolileyo ukuba ingene kuyo, ukuze ingangcoliswa, ubuqaqawuli bam buya kuphumla phezu kwayo;

16 Ewe, nobuso bam buya kuba lapho, kuba ndiya kuza kuyo, kwaye bonke abahlambulukileyo entliziyweni baya kuya kuyo baya kumbona uThixo

17 Kodwa ukuba ingcolisiwe andiyi kuza kuyo, nobuqaqawuli bam abuyi kuba lapho; kuba andiyi kuya kwiitempile ezingangcwelanga.

18 Kwaye, ngoku, qaphelani, ukuba iZiyon yenza ezi zinto iya kuphumelela, ize izaneke ize ibe nobuqaqawuli kakhulu, kakhulukazi, nangokukhwankqisa kakhulu.

19 Kwaye izizwe zomhlaba ziya kumbeka, kwaye ziya kuthi: Ngokuqinisekileyo iZiyon sisixeko sikaThixo wethu, kwaye ngokuqinisekileyo iZiyon ayinako ukuwa, ingenako ukushukunyiselwa ngaphandle kwendawo yayo, kuba uThixo ulapho, nesandla seNkosi silapho;

20 Kwaye ufungile ngamandla okomelela kwakhe ukuba lusindiso lwakhe nophondo lwayo oluphakamileyo.

21 Ke ngoko, inene, itsho njalo iNkosi, vumelani iZiyon igcobe, kuba le yiZiyon—abahlambulukileyo entliziyweni; ke ngoko, vumelani iZiyon igcobe, ekubeni bonke abakhohlakeleyo beya kulila.

22 Kuba qaphelani, kwaye yabonani, impindezelo iza ngokukhawuleza phezu kwabangahloneli thixo njengesaqhwithi; kwaye ngubani oya kusiphepha?

23 Isibetho seNkosi siya kudlula ngobusuku nangemini, kwaye nengxelo yaso iya kukhathaza bonke abantu; ewe, asiyi kumiswa ide iNkosi ize;

24 Kuba ukucaphuka kweNkosi kuphenjiwe ngokuchasene namasikizi abo nayo yonke imisebenzi yabo ekhohlakeleyo.

25 Nangona kunjalo, iZiyon iya kuphuncuka ukuba iqwalasela ukwenza zonke izinto naziphina endiyiyaleleyo.

26 Kodwa ukuba ayiqapheli kwenza nantoni na endiyiyalele yona, ndiya kuyindwendwela ngokunxulumene nemisebenzi yayo, ngeembandezelo ezibulilungu, ngeendyikitya zokufa, ngezibetho, ngekrele, ngempindezelo, ngomlilo otshisayo.

27 Nangona kunjalo, mayifundwe esi sihlandlo ezindlebeni zakhe, okokuba mna, iNkosi, ndiwamkele umnikelo wayo; nokokuba ayiphindi yone akukho nanye yezi zinto eya kuza phezu kwayo;

28 Kwaye ndiya kuyisikelela ngeentsikelelo, ndize ndiphindaphinde uphindaphindo lweentsikelelo phezu kwayo, naphezu kwesizukulwana sayo ngonaphakade kanaphakade, itsho iNkosi yenu uThixo. Amen.