Izibhalo
IMfundiso neMinqophiso 138


Icandelo 138

Umbono onikwe uMongameli Joseph F. Smith eSalt Lake City, eUtah, Oktobha 3, 1918. Kwintetho yakhe yokuvula eyama-89 iNkomfa yeSiqingatha sonyaka yeBandla Jikelele, Oktobha 4, 1918, uMongameli Smith wabhengeza okokuba ufumene unxibelelwano, oluliqela olunyulu kwiinyanga ezingaphambili. Olunye lolu nxibelelwano ngokunxulumene notyelelo loMsindisi koomoya babafileyo xa umzimba Wakhe wawusengcwabeni, uMongameli Smith wathi wafumana oku kumhla ongaphambili. Kwabhalwa ngokukhawuleza ukulandela ukuvalwa kwenkomfa. NgoOktobha 31, 1918, kwanikezelwa kubacebisi kuBumongameli boKuqala, iQumrhu labaLishumi elineSibini, noSolusapho, kwaye kwamkelwa ngabo ngamxhelomnye.

1–10, UMongameli Joseph F. Smith uphonononga ngokuphathelele kwimibhalo kaPetros notyelelo lweNkosi yethu kwilizwe lemimoya; 11–24, UMongameli Smith ubona abafileyo abalungileyo behlangene eparadesi nobufundisi bukaKrestu phakathi kwabo; 25–37, Ubona ukushunyayelwa kwevangeli ukuba kwalungiselelwa njani phakathi koomoya; 38–52, Ubona uAdam, uEva, nabaninzi babaprofeti abangcwele kwilizwe lemimoya abacingela ubume bomoya wabo phambi kovuko lwabo njengobukhoboka; 53–60, Abafileyo abalungileyo balo mhla baqhuba imisebenzi yabo elizweni lemimoya.

1 Ngowe-3 kaOktobha, kunyaka wewaka elinamakhulu alithoba aneshumi elinesibhozo, ndahlala egumbini lam ndazikisa ngokuphathelele kwizibhalo;

2 Kwaye ngokuphathelele kwidini elikhulu lokusihlawulela elenziwa nguNyana kaThixo, lokukhululwa ehlabathini;

3 Kwaye uthando olukhulu nolumangalisayo lwenziwa lwabonakala nguYise noNyana ekuzeni koMkhululi ehlabathini;

4 Ukuze ngentlawulelo yakhe, nangokuthobela imigaqo yevangeli, uluntu lube nokusindiswa.

5 Xa ndandixakekile njalo, ingqondo yam yabuyela kwimibhalo yompostile uPetros, kwabangcwele bamandulo abasasazwe ngaphesheya kulo lonke elasePonto, elaseGalati, elaseKapadoki, nakwezinye iindawo zelaseAsiya, apho ivangeli yayithe yashunyayelwa emva kobethelelo emnqamlezweni lweNkosi.

6 Ndavula iBhayibhile ndaza ndafunda izahluko esesithathu nesesine sencwadi yokuqala kaPetros, kwaye njengoko ndandifunda ndithabatheke kakhulu, ngaphezu kunokuba ndandinjalo ngaphambili, zizicatshulwa ezilandelayo:

7 “Kuba uKrestu kanjalo ngelinye ixesha wabulalekela izono zethu, ubulungisa bubulalekela inkohlakalo, ukuze abe nokusizisa kuThixo, ebekwa ekufeni enyameni, kodwa wadliswa ubomi ngoMoya:

8 “Kanjalo ngawo wahamba kwaye washumayela koomoya entologweni;

9 “Ngelinye ixesha yayingathobelanga, xa ukubandezeleka okukhulu kukaThixo kwalinda ngemihla kaNowa, xa umkhombe wawulungiselelwa, abambalwa kuwo, oko kukuthi, imiphefumlo esibhozo yasindiswa ngamanzi.” (Ⅰ KaPetros 3:18–20.)

10 “Kuba ngenxa yale njongo ivangeli kanjalo yashunyayelwa kubo abo bafileyo, ukuze babe nokugwetywa ngokwabantu besenyameni, kodwa bahlala ngokukaThixo bekuwo umoya.” (Ⅰ KaPetros 4:6.)

11 Njengoko ndazikisa ngokuphathelele kwezi zinto ezibhaliweyo, amehlo okuqonda kwam avuleka, noMoya weNkosi waphumla phezu kwam, kwaye ndabona izihlwele zabafileyo, kunye abancinane nabakhulu.

12 Kwaye apho babehlanganiselwe endaweni enye beliqela elingabalekiyo loomoya wamalungisa, ababethembekile kubungqina bukaYesu xa babephila enyameni;

13 Kwaye abanikela idini ngokufanayo nedini elikhulu loNyana kaThixo, kwaye bathi babulaleka ngenkxwaleko egameni loMkhululi wabo.

14 Bonke aba babushiya ubomi benyama, bomelele ethembeni lovuko oluzukileyo, ngobabalo lukaThixo uYise noKuphela koNyana wakhe oZelweyo, uYesu Krestu.

15 Ndabona ukuba babezaliswe luvuyo nemihlali, kwaye babegcobe kunye ngenxa yokuba umhla wokukhululwa wawukufuphi.

16 Babehlangene belindele ukuza koNyana kaThixo kwilizwe lemimoya, ukubhengeza inkululeko yabo kumakhamandela okufa.

17 Uthuli lwabo oluleleyo lwaluza kubuyiselwa kwimo yalo egqibeleleyo, ithambo kwithambo lalo, nemisipha nenyama phezu kwawo, umoya nomzimba zidityaniswe zingasayi kuphinda zahlukaniswe, ukuze zibe nokufumana ukuzaliseka kolonwabo.

18 Xa le nkitha yayilindile kwaye incokola, igcobele kwilixa lokukhululwa kwayo kumatyathanga okufa, uNyana kaThixo wabonakala, ebhengeza inkululeko kwabathinjiweyo ababethembekile;

19 Kwaye apho washumayela kubo ivangeli yanaphakade, imfundiso yovuko nokukhululwa koluntu ekuweni, nasezonweni zoyedwa okuxhomekeka kwinguquko.

20 Kodwa kwabakhohlakeleyo akazange aye, naphakathi kwabangahloneli Thixo nabangaguqukiyo ababezingcolisile xa babesenyameni, ilizwi lakhe lalingaphakanyiswanga;

21 Nabavukelayo ababalayo ubungqina nezilumkiso zabaprofeti bamandulo ababubonanga ubuso bakhe, nakukhangela phezu kobuso bakhe.

22 Apho aba babekho, ubumnyama balawula, kodwa phakathi kwamalungisa kwakukho uxolo;

23 Kwaye abangcwele bagcoba enkululekweni yabo, kwaye baguqa ngedolo baze bavuma uNyana kaThixo njengoMkhululi noMhlanguli ekufeni nakumatyathanga esihogo.

24 Iimbonakalo zaqaqamba, nokukhanya okuvela ebusweni beNkosi kwaphumla phezu kwabo, kwaye bacula iindumiso egameni lakhe elingcwele.

25 Ndathi khamnqa, kuba ndaqonda ukuba uMsindisi wachitha kangangeminyaka emithathu ebufundisini phakathi kwamaYuda nabo bendlu kaSirayeli, ezama ukufundisa ivangeli yanaphakade kwaye ewabizela kwinguquko;

26 Kwaye, nangona imisebenzi yakhe enamandlakazi, nemimangaliso, nokubhengezwa kwenyaniso, emandleni negunya elikhulu, kodwa kwakukho abambalwa abaphulaphula elizwini lakhe, kwaye bagcoba ebusweni bakhe, baza bafumana usindiso ezandleni zakhe.

27 Kodwa ubufundisi bakhe phakathi kwabo babefile, babuphelela kwixesha elifutshane, buphakathi kobethelelo emnqamlezweni naseluvukweni lwakhe.

28 Kwaye ndamangaliswa ngamazwi kaPetros—kuwo awathi kuba uNyana kaThixo washumayela kubo oomoya abasentolongweni, ngelinye ixesha ababengathobeli, xa kwathi ukubulaleka okukhulu kukaThixo kwalinda emihleni kaNowa—kwaye kwenzeka njani kuye ukushumayela kwabo moya nokusebenza umsebenzi ofanelekileyo phakathi kwabo ngexesha elifutshane.

29 Kwaye njengoko ndandimangalisiwe, amehlo am avuleka, nokuqonda kwam kwatyhilwa, kwaye ndabona ukuba iNkosi ayiyanga ngobuqu phakathi kwabakhohlakeleyo nabangathobekanga abathi bayala inyaniso, ukuze ibafundise.

30 Kodwa qaphelani, phakathi kwamalungisa, ilungiselele amaqela ayo yaza yanyula abathunywa, banxityiswa amandla negunya, kwaye yabagunyazisa ukuya phambili nokuphatha ukukhanya kwevangeli iye kubo abasemnyameni, nkqu kubo bonke oomoya babantu, kwaye njalo kwashunyayelwa ivangeli kwabafileyo.

31 Kwaye abathunywa abakhethiweyo baya phambili ukubhengeza umhla owamkelekileyo weNkosi nokubhengeza inkululeko kubathinjwa ababebotshiwe, nkqu ukuya kubo bonke abaya kuguquka ezonweni zabo baze bamkele ivangeli.

32 Njalo ivangeli yashunyayelwa kwabo babethe bafela ezonweni zabo, ngaphandle kolwazi lwenyaniso, okanye kwisigqitho, bengabafunanga abaprofeti.

33 Aba bafundiswa ukholo kuThixo, ukuguquka ezonweni, nobhaptizelo lokwenzelelela ukuxolelwa kwezono, isipho soMoya oyiNgcwele ngokubeka izandla,

34 Nayo yonke eminye imigaqo yevangeli efanele bona ukuze bazi ukuze bafanele okokuba babe nokugwetywa ngokwabantu besenyameni, kodwa bahlale ngokukaThixo bekuwo umoya.

35 Kwaye njalo kwenziwa kwazeke phakathi kwabafileyo, kunye abancinane nabakhulu, abangalunganga ngokunjalo nabathembekileyo, ukuze inkululeko ikhandwe ngedini loNyana kaThixo phezu komnqamlezo.

36 Njalo kwenziwa kwazeka okokuba uMkhululi wethu wachitha ixesha lakhe ngokuphambukela kwakhe kwilizwe lemimoya, eyalela kwaye elungiselela oomoya abathembekileyo babaprofeti ababethe bangqina ngaye besenyameni;

37 Ukuze ibe nokuphatha umyalezo wenkululeko kubo bonke abafileyo, kwabo wayengenako ukuya ubuqu, ngenxa yovukelo lwabo nesigqitho, ukuze ngenkonzo yezicaka zakhe babe nokuweva kanjalo amazwi akhe.

38 Phakathi kwabakhulu nabanamandlakazi ababehlanganisene kule ntlangano inkulu yamalungisa kwakukho uBawo uAdam, weMihla yaMandulo nonguyise wabo bonke,

39 NoMama wethu ozukileyu uEva, kunye nabaninzi beentombi zakhe ezithembekileyo ezaziphile kuyo yonke iminyaka zibe zanqula uThixo oyinene nophilileyo.

40 UAbheli, idelakufa lokuqala, lalilapho, nomntakwabo uSete, omnye wabanamandlakazi, owaye engumfanekiso obonisa okayise, uAdam.

41 UNowa, owanika isilumkiso sikanogumbe; uShem, umbingeleli omkhulu; uAbraham, uyise wabathembekileyo; uIsake, noYakobi, noMoses umniki mthetho kaSirayeli;

42 NoIsaya, owabhengeza ngokuprofetha okokuba uMkhululi wathanjiselwa ukubopha abantliziyo zaphukileyo, ukubhengeza inkululeko kwabathinjiweyo, nokuvula intolongo kwabo babebotshiwe, kanjalo babelapho.

43 Ngaphezu koko, uHezekile, owaboniswa embonweni intlambo enkulu yamathambo omileyo, awayeza kwambathiswa ngaphezulu ngenyama, ukuze eze ngaphambili kwakhona eluvukweni lwabafileyo, eyimiphefumlo ephilileyo;

44 UDaniyeli, owabona ngaphambili kwaye waxela ngaphambili isiseko sobukumkani bukaThixo ngemihla yokugqibela, esingasayi kwakhona sitshatyalaliswe nakunikelwa kwabanye abantu;

45 UEliyasi, owayekunye noMoses kwiNtaba yoKwenziwa kuMila kuMbi;

46 NoMalaki, umprofeti owangqina ngokuza kukaEliya—kanjalo uMoronayi wathetha ngaye kuMprofeti uJoseph Smith, ebhengeza ukuba umele ukuza phambi kokungena kwemini enkulu neyoyikekayo yeNkosi—kanjalo babelapho.

47 UMprofeti uEliya ubeza kutyala ezintliziyweni zabantwana izithembiso ezenziwa kooyise,

48 Exela ngaphambili umsebenzi omkhulu oza kwenziwa ezitempileni zeNkosi ngexesha lokuzihlanganisela likaThixo lenzaliseko yamaxesha, ngenxa yenkululeko yabafileyo, nokutywinela abantwana ebazalini babo, hleze umhlaba wonke ubethwe ngesiqalekiso kwaye ube yinkcitho kwaphela ekuzeni kwayo.

49 Bonke aba nabaninzi ngakumbi, nkqu abaprofeti abahlala phakathi kwamaNifayithi baze bangqina ngokuza koNyana kaThixo, babexubene kwintlangano enkulu kwaye babelinde ukukhululwa kwabo.

50 Kuba abafileyo babekhangele ukungabikho okulithuba elide koomoya babo emizimbeni yabo njengobukhoboka.

51 Aba iNkosi yabafundisa, kwaye yabanika amandla okuza ngaphambili, emva kovuko lwayo kwabafileyo, ukungena ebukumkanini bukaYise, apho ize ithweswe ngokungafi nobomi obungunaphakade,

52 Kwaye baqhubekeke ukusuka kwelo xesha ukuya phambili umsebenzi wabo njengoko bekuthenjisiwe yiNkosi, baze babe ngabaxhamli bazo zonke iintsikelelo ebezilondolozelwe bona abo bayithandayo.

53 UMprofeti uJoseph Smith, nobawo, uHyrum Smith, Brigham Young, John Taylor, Wilford Woodruff, nabanye oomoya abakhethekileyo ababelondolozelwe ukuza ngaphambili kwenzaliseko yamaxesha bathathe inxaxheba ekubekeni iziseko zomsebenzi omkhulu wemihla yokugqibela,

54 Ubandakanya ukwakhiwa kweetempile nokwenziwa kwemimiselo kuzo yokukhululwa kwabafileyo, kanjalo babeselizweni lemimoya.

55 Ndaqaphela okokuba kanjalo babephakathi kwababekekileyo nabakhulu ababekhethwe ekuqalekeni ukuba babe ngabalawuli eBandleni likaThixo.

56 Nkqu phambi kokuba bazalwe, bona, kunye nabanye abaninzi, bafumana izifundo zabo zokuqala elizweni lemimoya kwaye babelungiselelwe ukuza phambili ngexesha elifanelekileyo leNkosi basebenzele esidiliyeni sayo usindiso lwemiphefumlo yabantu.

57 Ndabona okokuba abadala abathembekileyo beli xesha lokuzihlanganisela likaThixo, xa besimka ebomini benyama, baqhubekekisa imisebenzi yabo ekushumayeleni ivangeli yenguquko nokukhululwa, ngedini loKuphela koZelweyo uNyana kaThixo, phakathi kwabo basemnyameni naphantsi kobukhoboka besono elizweni elikhulu loomoya abafileyo.

58 Abafileyo abaguqukayo baya kukhululwa, ngokuthobela imimiselo yendlu kaThixo.

59 Kwaye emva kokuba behlawule isohlwayo sezigqitho zabo, baze bahlanjwe bacoceke, baya kufumana umvuzo ngokwemisebenzi yabo, kuba baziindlalifa zosindiso.

60 Watyhilwa njalo kum umbono wokukhululwa kwabafileyo, kwaye ndenza ubungqina, kwaye ndiyazi ukuba obu bungqina buyinene, ngeentsikelelo zeNkosi yethu noMsindisi, uYesu Krestu, nkqu kunjalo. Amen.