Izibhalo
IMfundiso neMinqophiso 21


Icandelo 21

Isityhilelo esinikwe uJoseph Smith uMprofeti, eFayette, eNew York, Aprili 6, 1830. Esi sityhilelo sanikwa ekusekweni kweBandla, ngomhla oxeliweyo, ekhayeni likaPeter Whitmer Omkhulu Amadoda amathandathu, abethe ngaphambili abhaptizwa, athatha inxaxheba. Ngevoti emxhelo-mnye aba bantu babonisa umnqweno wabo nomxhino wokuseka, ngokunxulumene nomyalelo kaThixo (bona kwicandelo 20). Kanjalo bavotela ukwamkela nokuxhasa uJoseph Smith Omnci. no-Oliver Cowdery njengamagosa awongameleyo eBandla. Ngokubeka izandla, uJoseph ngoko wamisela uOliver abe ngumdala weBandla, no-Oliver ngokufanayo wamisela uJoseph. Emva kolungiselelo lomthendeleko, uJoseph no-Oliver babeka izandla phezu kwabathathi-nxaxheba ngabanye bebanika uMoya oyiNgcwele noqiniso lomnye njengelungu leBandla.

1–3, UJoseph Smith ubizwa ukuba abe yimboni, umguquleli, umprofeti, umpostile, nomdala; 4–8, Ilizwi lakhe liya kukhokela injongo yeZiyon; 9–12, AbaNgcwele baya kukholelwa emazwini akhe njengokuba ethetha ngoMonwabisi.

1 Qaphela, kuya kubakho imbali egcinwe phakathi kwenu; kwaye kuyo wena uya kubizwa imboni, umguquleli, umprofeti, umpostile kaYesu Krestu, umdala webandla ngokwentando kaThixo uBawo, nobabalo lweNkosi yakho uYesu Krestu,

2 Ngokuphenjelelwa nguMoya oyiNgcwele ekubekeni isiseko soko, kwaye nokusakhela phezulu kwinkolo eyiyeyona ingcwele.

3 Ibandla elo elasekwa laze lakhiwa ngonyaka weNkosi yakho wamakhulu alishumi elinesibhozo namashumi amathathu, kwinyanga yesine, nangomhla wesithandathu wenyanga ebizwa Aprili.

4 Ngako oko, ebhekisa ebandleni, nina niya kunika inyameko kuwo onke amazwi akhe nemiyalelo aya kuyinika nina njengoko wayifumanayo, ehamba kubo bonke ubungcwele phambi kwam;

5 Kuba ilizwi lakhe niya kulifumana, njengokungathi livela emlonyeni wam kanye, ngomonde wonke nokholo.

6 Kuba ngokwenza ezi zinto amasango esihogo akayi koyisa ngokuchasene nani; ewe, neNkosi uThixo uya kuwachithachitha amandla obumnyama ngaphambi kwenu, kwaye enze amazulu ashukumele ukulunga kwenu, nangozuko lwegama lakhe.

7 Kuba itsho njalo iNkosi uThixo: Yena ndimphembelelele ukuhambisa injongo yeZiyon ngamandla awomeleleyo ngokulunga, kwaye ukukhuthala kwakhe ndiyakwazi, kwaye imithandazo yakhe ndiyivile.

8 Ewe, ukulilela kwakhe iZiyon ndikubonile, kwaye ndiya kwenza ukuba angabi sayililela ngakumbi; kuba imihla yakhe yokugcoba ize kuxolelo lwezono zakhe, nokubonakala kweentsikelelo zam phezu kwemisebenzi yakhe.

9 Kuba, qaphela, ndiya kusikelela bonke abo basebenza nzima esidiliyeni sam ngentsikelelo enamandla, kwaye baya kukholelwa emazwini akhe, anikwe yena ngam ngoMonwabisi, obonisa ukuba uYesu wabethelelwa emnqamlezweni ngabantu abanezono ngenxa yezono zehlabathi, ewe, ngenxa yoxolelo lwezono kwintliziyo etyumkileyo.

10 Ngako oko kulungele mna ukuba amiselwe nguwe, Oliver Cowdery mpostile wam;

11 Oku kungummiselo kuwe, wokokuba ungumdala phantsi kwesandla sakhe, yena engewokuqala kuwe, okokuba ube ngumdala kweli bandla likaKrestu, lithwele igama lam—

12 Kwaye umshumayeli wokuqala weli bandla ukuya kwibandla, nangaphambi kwehlabathi, ewe, phambi kweeNtlanga; ewe, kwaye itsho njalo iNkosi uThixo, yabonani, yabonani! kanjalo kuwo amaYuda. Amen.